IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeThupha 30–EyoMsintsi 5. IMfundiso neMinqophiso 94–97: “Usindiso lweZiyon”


“EyeThupha 30–EyoMsintsi 5. IMfundiso neMinqophiso 94–97: ‘Usindiso lweZiyon,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 20212020)

“EyeThupha 30–EyoMsintsi 5. IMfundiso neMinqophiso 94-97,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
ITempile yaseKirtland

Kirtland Temple, by Al Rounds

EyeThupha 30–EyoMsintsi 5

IMfundiso neMinqophiso 94–97

“Usindiso lweZiyon”

Yeyiphi imigaqo kunye nemfundiso ezime geqe njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 94–97? Qiniseka ukuba uyazibhala iimvakalelo zakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa iNkosi yayiyalela uMoses ukuba okhe umnquba, Yona yaxelela uMoses ukuba “enze njengako konke ngokomfanekiso akubonisa kona [kuye] entabeni” (AmaHebhere 8:5; bona futhi Eksodus 25:8–9). Umnquba kwakumele ube ngumbindi wenkampu yasentlango kaSirayeli (bona Numeri 2:1–2). Kamva, uThixo wayalela uSolomon nabantu bakhe ukuba bokhe itempile ngokwendlela awathi Yena wayityhila (bona 1 IziKronike 28:12, 19).

Njengoko iNkosi yabuyisela uzaliseko lwevangeli, Yona yaye yayalela uJoseph Smith ukuba okhe iitempile ngokwendlela etyhiliweyo. “Mayakhiwe indlu, ingekuko okohlobo lwehlabathi,” yabhengeza iNkosi. “Mayakhiwe emva kohlobo endiya kulubonisa” (IMfundiso neMinqophiso 95:13–14; bona futhi 97:10). Njengokufana nomnquba entlango, itempile kwakumele ibe lolona phawu lusembini eKirtland (bona IMfundiso neMinqophiso 94:1).

Namhlanje izindlu zeNkosi ziyafumaneka kwihlabathi jikelele. Nokuba azikho sembindini wezixeko zethu, zona zingabasembindini ebomini bethu. Nangona itempile nganye isahluka ngokwembonakalo, ngaphakathi kwazo sifunda indlela efanayo yobuthixo—icebo lasezulwini lokusibuyisela kubukho bukaThixo. Imimiselo engcwele, neyanaphakade isinceda ukuba sokhe ubomi bethu kwaye someleze iintsapho zethu “ingekuko okohlobo lwehlabathi” kodwa ngendlela uThixo asibonisa yona.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 94; 97:15–17

INkosi ingaba kunye nam yonke imihla yobomi bam.

Imiyalelo ekwiMfundiso neMinqophiso 94 kunye 97 yayinikwe ngomhla omnye—EyeThupha 2, 1833. Icandelo 97 liqubisana nenxalenye yetempile ecetyelwa iJackson County, Missouri, xeshikweni icandelo 94 liqubisana nezakhiwo zolawulo eKirtland, Ohio. Usenokuqaphela ezinye izinto ezifanayo koko iNkosi ikutshoyo malunga nezi ntlobo zahlukeneyo zezakhiwo (bona IMfundiso neMinqophiso 94:2–12; 97:10–17). Njengoko ucinga ngokunzulu ngale miyalelo, cingisisa ngoko ungakwenza ukubanamava wobuqaqawuli beNkosi nobukho bayo rhoqo ngakumbi, kunye ngaphakathi kwezakhiwo zeBandla kunye nasebomini bakho bemihla ngemihla.

IMfundiso neMinqophiso 95

INkosi yohlwaya abo Yona ibathandayo.

Malunga neenyanga ezintlanu zaye zagqitha ukusukela kweyoMqungu 1833, xa iNkosi yaye yayalela abaNgcwele eKirtland ukuba bokhe indlu kaThixo kwaye babambe intlanganiso endiliselikileyo (bona IMfundiso neMinqophiso 88:117–19). Xa isityhilelo esibhalwe kwicandelo 95 sasifunyanwa kweyeSilimela 1833, babengekenzi ntshukumo ngaloo myalelo. Yintoni oyifunda kwindlela iNkosi eyahlwaya ngayo abaNgcwele kwesi sityhilelo? Ingaba ikhona imiyalelo okanye amazwi engcebiso ongekenzi ntshukumo kuwo? Yintoni oyiva uphembelelekile ukuba uyenze?

IMfundiso neMinqophiso 95:8, 11–17; 97:10–17

Etempileni uThixo usikelela abantu baKhe.

Emveni kokuba bohlwayelwe ukungokhi indlu yeNkosi eKirtland, iinkokheli zeBandla zaye zakhetha indawo kwintsimi yengqolowa apho babeya kokha kuyo. UHyrum Smith, umntakwabo mProfeti, waye wabaleka ngokukhawuleza wayokufumana irhengqe kwaye waqalisa ukucoca intsimi. “Silungiselela ukwakha indlu yeNkosi,” yena watsho, “kwaye ndizimisele ukuba ngowokuqala emsebenzini” (kwi Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 271, 273). Cingisisa kanzulu ngokulangazelela kukaHyrum njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 95:8, 11–17; 97:10–17. Yintoni oyifumanayo ethi ikuphembelele ngokuzimisela okufanayo nakuwe kokufumana iintsikelelo zetempile?

Umfanekiso
UHyrum Smith ebambe irhengqe

Hyrum Smith Clearing Land, by Joseph Brickey

IMfundiso neMinqophiso 97:18–28

IZiyon “ingabahlambulukileyo entliziyweni.”

UMprofeti uJoseph Smith wafundisa oku, “Kufuneka sibenokokha iZiyon njengeyona njongo yethu enkulu” (Teachings: Joseph Smith, 186). Kwabo baNgcwele kwiminyaka yoo-1830, iZiyon yayiyindawo, “isixeko soqobo sikaThixo” (IMfundiso neMinqophiso 97:19). Kodwa kwisityhilelo esibhalwe kwicandelo 97, iNkosi yaye yandisa olo luvo. IZiyon ikwachaza abantu—“abahlambulukileyo entliziyweni” (umqolo 21). Njengoko ufunda imiqolo 18–28, cinga ngale nkcazelo xa ufunda igama “Ziyon.” Kuthetha ukuthini kuwe ukuhlambululeka entliziyweni? Ingaba itempile inceda kanjani ukufezekisa “usindiso lweZiyon”? (umqolo 12).

Bona futhi Moses 7:18.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 95:8.Ingaba ukwenza nokugcina iminqophiso kuwazise njani “amandla avela phezulu” ebomini bethu? Mhlawumbi amalungu eentsapho angabelana ngokuba aziva kanjani ngetempile okanye abelane ngamava xa eziva esikelelwe “ngamandla avela phezulu” ngonqulo lwasetempileni.

Ukunceda abo balungiselela ukungena etempileni, ningabukela imiboniso bhanya-bhanya, imifanekiso, kunye nemiyalelo efumaneka kwi-temples.ChurchofJesusChrist.org.  

IMfundiso neMinqophiso 95:1–11.Yintoni esiyifundayo malunga nokohlwaya kule miqolo? Yintoni esiyifundayo malunga neNkosi? Ingaba ezi ngqiqo ziyichaphazela kanjani indlela esifumana ngayo isohlwayo okanye esithi sohlwaye abanye ngayo?

IMfundiso neMinqophiso 97:8. Ngokwalo mqolo, ingaba thina “singamkeleka” njani eNkosini? Ingaba oko kohluke kanjani ekwamkelweni lihlabathi? Kuthetha ukuthini “ukuqwalasela iminqophiso [yethu] ngokuncama”? Ingaba sikwenze kanjani oku?

IMfundiso neMinqophiso 97:10–21. UMprofeti uJoseph Smith wafundisa oku, “Nayiphi na indawo apho abaNgcwele bahlanganela khona yiZiyon, apho yonke indoda [okanye wonke umfazi] uya kokha indawo yokhuseleko lwabantwana [babo]” (Teachings: Joseph Smith, 186). Singayokha kanjani iZiyon ekhayeni lethu? Yimigaqo yini esiyifumana kwiMfundiso neMinqophiso 97:10–21? Njengosapho, khethani umgaqo eningawuqwalasela kule veki.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: Culani iculo elimalunga netempile okanye elimalnga neZiyon.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Bhala amava akho. Bhala amava okhe wabanawo ngemigaqo nangemfundiso othe wafunda ngazo. La mava ingaba yinxalenye yembali yobuqu eya kuthi isikelele izizukulwana ezizayo.

Umfanekiso
ukwakhiwa kweTempile yaseKirtland

Building the Kirtland Temple, by Walter Rane

Shicilela