IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMsintsi 6–12. IMfundiso neMinqophiso 98–101: “Zolani Nize Nazi Ukuba ndinguThixo”


“EyoMsintsi 6–12. IMfundiso neMinqophiso 98–101: ‘Zolani Nize Nazi Ukuba ndinguThixo.’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMsintsi 6–12. IMfunndiso neMinqophiso 98–101,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Abangcwele bebaleka ihlokondiba

UC.C.A Christensen (1831–1912),Saints Driven from Jackson County Missouri, c. 1878, tempera on muslin, 77 ¼ × 113 inches. (Abangcwele beqhutyelwa ukusuka eJackson Country Missouri, c. 1878, tempera on muslin, 77 ¼ × 113 inches.) Brigham Young University Museum of Art, isipho sesizukulwana sika C.C.A Christensen, 1970

EyoMsintsi 6–12

IMfundiso neMinqophiso 98–101

“Zolani Nize Nazi Ukuba ndinguThixo”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 98-101, qwalasela iingcinga neemvakalelo ezizayo. Ingaba ukuzenza kungakunceda njani ube ngulomntu uThixo afuna ube nguye?

Bhala Iimvakalelo Zakho

KwabaNgcwele ngoo-1830, iIndependence, Missouri, yayingumhlaba othenjisiweyo uqobo. Yayi “yindawo engumbindi” yaseZiyoni (bona IMfundiso neMinqophiso 57:3.)—isixeko sikaThixo emhlabeni—ababesenza amadini amakhulu ukusakha. Kubo, ukuhlanganisela kwabangcwele phaya yayiyintshayelelo enemincili nezukileyo yokuBuya kweSibini. Kodwa abamelwane kulo mmandla babebona izinto ngohlobo olwahlukileyo. Bathatha umba ngebango lokuba uThixo unike abaNgcwele umhlaba, kwaye babengakhululekanga kwiziphumo ngokweepolitiki, kwezoqoqosho, kunye nezentlalo zabantu abaninzi abasuka kwinkolelo engaqhelekanga bengena ngaphakathi kulo mmandla ngokukhawulezileyo. Kungekudala inkxalabo yajika yazizigrogriso, kwaye izigrogriso zajika zayintshutshiso kunye nobundlobongela. NgeyeKhala ku-1833, i-ofisi yeBandla yokushicelela yaye yatshatyalaliswa, kwaye ngeyeNkanga abaNgcwele banyanzwela ukuba bashiye amakhaya abo eJackson County, Missouri.

UJoseph Smith wayekude iimayile ezingapha kwama-800 eKirtland, kwaye ezi ndaba zathatha iiveki ukufikelela kuye. Kodwa iNkosi yayiyazi oko kwakusenzeka , kwaye yatyhilela uMprofeti waYo imigaqo yoxolo kunye neyenkuthazo yokuthuthuzela abaNgcwele—imigaqo enosikunceda nathi xa sijongene nentshutshiso, xa iminqweno yethu yobulungisa ihamba ingafezekiswanga, okanye xa sidinga isikhumbuzo sokuba iinkxwaleko zethu zemihla ngemihla ekugqibeleni, ngandlela ithile, “zisebenzele kunye uku[si]lungiselela” (IMfundiso neMinqophiso 98:3).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 98:1–3, 11–14; 101:1–16

Iimbandezelo zam zingasebenzela kunye ukundilungiselela.

Ezinye zeembandezelo zethu ebomini zibangelwa koko sikukhetha ngokwethu. Ezinye zibangelwa koko kukhethwa ngabanye. Kwaye ngamanye amaxesha akukhomntu wakubekwatyala—izinto ezimbi zivele zenzeke. Nokuba uthini unobangela, ubunzima bunganceda ukuzalisekisa iinjongo zethu zaphezulu. Njengoko ufunda oko iNkosi ikuthethileyo ngobunzima babo baNgcwele kuyo IMfundiso neMinqophiso 98:1–3, 11–14 kunye 101:1–16, yintoni oyifumanayo enokunceda kwiimbandezelo zakho? Ingaba le miqolo ingayiphembelela njani indlela oyijonga ngayo imingeni ojongana nayo? Cingisisa indlela iimbandezelo zakho zikusebenzele kunye ukulungiselela kwaye zafezekisa ngayo iinjongo zikaThixo ebomini bakho.

Bona futhi 2 Nifayi 2:2.; IMfundiso neMinqophiso 90:24.

IMfundiso neMinqophiso 98:23–48

INkosi ifuna ndikhangele uxolo ngendlela yaYo.

Ngelixa yonke into ekuyo IMfundiso neMinqophiso 98:23-48 ingazukusebenza kwintsetyenziswano yakho nabanye, yeyiphi imigaqo oyifumanayo enokukhokela xa woniwe ngabanye? Kungaba luncedo ukuphawula amazwi okanye amabinzana awacacisa indlela iNkosi eyayifuna abaNgcwele baphathe imbambano eMissouri.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Inkcukacha ivela ku Christ and the Rich Young Ruler, by Heinrich Hofmann

IMfundiso neMinqophiso 100

INkosi iyabakhathalela abo bayikhonzayo Yona.

Kwiiveki nje ezimbalwa emveni kokuba uJoseph Smith wafunda ngentshutshiso eseMissouri, ilungu elitsha lamcela akhenkethele eCanada ukuyo kwabelana ngevangeli noonyana balo. UJoseph Smith waye wavuma, nangona wayenexhala lokushiya usapho lwakhe, ngakumbi ngenxa yentshutshiso kunye nokugrogriswa kosapho lwakhe neBandla. Endleni eya eCanada, uJoseph neqabane lakhe, uSidney Rigdon, bathandazela intuthuzelo, kwaye icandelo 100 laba yimpendulo yeNkosi kubo. Yintoni oyifumanayo kwimpendulo yeNkosi eyayinokubaqinisekisa kwaye ibancede?

Mhlawumbi nawe ukhe wanamava adinga ukuba ungqamanise inkxalabo yoxanduva lwakho lweBandla kunye nenkxalabo yosapho lwakho. Ingaba amazwi eNkosi kwi candelo 100 angakunceda njani kwiimeko ezinjalo?

IMfundiso neMinqophiso 101:43–65

Ukulandela ingcebiso kaThixo kundigcina ndikhuselekile.

Umzekeliso kuyo IMfundiso neMinqophiso 101:43–62 wawunikezelwe ukucacisa ukuba kutheni iNkosi yavumela abaNgcwele baqhutyelwe ngaphandle eZiyon. Njengoko ufunda le miqolo, ungaba uyakubona ukufana phakathi kwakho kunye nezicaka ezikulo mzekeliso? Ungazibuza: Ingaba ndikhe ndiyithandabuze imiyalelo kaThixo? Ingaba intswelo yokholo okanye yokuzinikela ingaluvumela njani “utshaba” lubenempembelelo ebomini bam? Ndingambonisa njani uThixo ukuba “ndifuna ukukhokelelwa kwindlela elungileyo nefanele usindiso [lwam]”? (bona imiqolo 63–65).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 98:16, 39–40.Yintoni ekule miqolo enokusinceda sibenoxolo ngakumbi kusapho lwethu? Ningacula ingoma emalunga noxolo okanye uxolelo. Abantwana abancinci bangakuthanda ukwenza umdlalo weqonga ngokuxolelana.

IMfundiso neMinqophiso 99.Ngelixa uJohn Murdock wayebizwa ukuba ashiye ikhaya lakhe “[ayo]bhengeza ivangeli yanaphakade” (umqolo 1), wayesandula ukubuya kubizo olunzima, olungunyaka ubude eMissouri. Yintoni esiyifumanayo kwicandelo 99 enokuba yayiluncedo okanye ikhuthaza kuMzalwane uMurdock? Ngowuphi umyalezo wethu iNkosi enawo kwesi sityhilelo?

IMfundiso neMinqophiso 100:16; 101:3–5, 18.Emveni kokufunda le miqolo, ningaxoxa ngendlela abasebenzi ngeentsimbi ekufuneka batshise kakhulu ngayo intsimbi ukususa ukungcola kwaye bayibumbe ngehamile ngapha nangaphaya kwakhona. Ningafunda kunye nangezinye iindlela izinto ezihlanjululwa ngazo, ezifana namanzi okanye ityuwa. Mhlawumbi ningahlambulula okanye nicocisise into njengosapho. Ingaba kutheni sifuna ukuhlambuluka? Yintoni le mizekelo esifundisa yona malunga nendlela izilingo zethu ezinokusinceda ngayo sibenga “bantu abanyulu”?

IMfundiso neMinqophiso 101:22–36.Ingaba le miqolo yayinokubanceda njani abaNgcwele ababejongene nentshutshiso? Ingaba ibinokubanceda njani abantu abaziva besoyika ngeemeko ilizwe elikuzo namhlanje?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki ku Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela imigaqo. UMdala uRichard G. Scott wafundisa: “Njengoko ukhangela ulwazi lomoya, khangela imigaqo. … Imigaqo bubunyani obugxiliweyo , budityaniselwe ukusetyenziswa kwiimeko ezibanzi ezahlukeneyo” (“Acquiring Spiritual Knowledge,” Ensign, Nov. 1993, 86).

Umfanekiso
Ihlokondiba litshutshisa abaNgcwele

Missouri Burning, by Glen S. Hopkinson (IMissouri Isitsha nguGlen S. Hopkinson)

Shicilela