IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMsintsi 20–26. IMfundiso neMinqophiso 106–108: “Namazulu Avulekela”


“EyoMsintsi 20–26. IMfundiso neMinqophiso 106–108: ‘Namazulu Avulekela,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMsintsi 20–26. IMfundiso neMinqophiso 106-108,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
ilanga livele emafini

EyoMsintsi 20–26

IMfundiso neMinqophiso 106–108

“Namazulu Avulekela”

UMdala Ulisses Soares wafundisa oku, “Sidinga ukuhlala [eMsindisini], sizintywilisele ezibhalweni ezingcwele, sivuya kuzo, sifunde imfundiso yaKhe, kwaye siphile ngendlela Yena awayephila ngayo” (“How Can I Understand?Ensign okanye Liahona, Canzibe 2019, 7). Njengoko uzintywilisela kwiMfundiso neMinqophiso 106–8, bhala iindlela ongazama ukuphila ngazo iinyani ozifumanisayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ekukrwaquleni kokuqala, iMfundiso neMinqophiso 107 ingabonakala ngathi imalunga nokulungelelanisa ii-ofisi zobubingeleli qha kwisakhiwo sobunkokheli beBandla leNkosi. Kanjalo, ngexesha esi sityhilelo sasipapashwa, ubulungu beBandla babusele bukhulile ngaphezulu kweenkokheli ezimbalwa elalinazo. Ngoko ke isishwankathelo seendima kunye noxanduva loBongameli bokuQala, lweQumrhu labaShumi Elinambini, laBamashumi Asixhenxe, loobhishophu, lobongameli bamaqumrhu sasifuneka ngokuqinisekileyo kwaye saye sabaluncedo. Kodwa kuninzi kakhulu okusemyalelweni wobuthixo kwicandelo 107 kunokulungelelanisa nje ii-ofisi zobubingeleli kunye namaqumrhu. Apha iNkosi isifundisa malunga nocwangco lobubingeleli lwamandulo “olwalusekwe ngemihla ka-Adam” (umqolo 41). Injongo yalo ukusukela kwasekuqaleni yayikukwenza kwenzeke kubantwana bakaThixo—kuquka nawe—ukufumana imimiselo esindisayo yevangeli kwakunye nokonwabela “zonke iintsikelelo zomoya zebandla—ukuba nelungelo elilodwa lokuzuza iimfihlelo zobukumkani basezulwini, [kwaye] babe namazulu avulekela bona” (imiqolo 18–19).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 106108

INkosi iyabayalela, iyabakhuthaza, kwaye iyabaxhasa abo Yona ibabiza ukuba bancedise.

KwiMfundiso neMinqophiso 106 kunye 108, iNkosi yanika ingcebiso kunye nezithembiso emalungwini amabini awayebizelwe ukuncedisa eBandleni. Ngawaphi amabinzana kwezi zityhilelo awanikela ngenkuthazo kunye neengqiqo ezimalunga nenkonzo yakho ebukumkanini bukaThixo? Nanga amabini ongawacingisisa:

Ngawaphi amanye amabinzana aphuma kumacandelo 106 kunye 108 awanentsingiselo kuwe?

Bona futhi Russell M. Nelson, “Ministering with the Power and Authority of God,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2018, 68–75.

IMfundiso neMinqophiso 107

INkosi ikhokela iBandla laYo ngegunya lobubingeleli.

Njengoko ufundile ngeMbuyiselo yevangeli, mhlawumbi sowuqaphele ukuba iNkosi ayiqhelanga ukucacisa imfundiso ngokupheleleyo kwisityhilelo esinye. Endaweni yoko, Yona ityhila “umgca phezu komgca” (IMfundiso neMinqophiso 98:12) xa iimeko zinemfuneko yoko. Nangona iNkosi yayinike umyalelo ngaphambili malunga nobubingeleli kwangethuba emnyakeni ka-1829 (bona, umzekelo, amacandelo 20 kunye 84), Yona yaye yanika umyalelo owongezelelweyo kubaNgcwele ngo-1835 malunga nee-ofisi ezithile zobubingeleli ezazidingeka ekulawuleni nasekukhokeleni umhlambi waYo okhulayo.

Njengoko ufunda malunga nee-ofisi ezilandelayo zobubingeleli, cingisisa ngokuba unokubaxhasa njani abo bancedisa kolu bizo “ngokuthemba, ukholo, [nemi]thandazo yakho” (IMfundiso neMinqophiso 107:22).

IMfundiso neMinqophiso 107:1–20

Imimiselo yobubingeleli ibonelela ngeentsikelelo zasemoyeni nezasenyameni kubo bonke abantwana bakaThixo.

UMdala Neil L. Andersen wafundisa oku: “Ububingeleli bungamandla kunye negunya likaThixo ezinikelwe usindiso neentsikelelo zabo bonke—amadoda, abafazi, nabantwana. … Njengoko silungela, imimiselo yobubingeleli ityebisa ubomi bethu emhlabeni kwaye isilungiselela izithembiso ezinobungangamela zehlabathi elizayo (“Power in the Priesthood,” Ensign okanye Liahona, Nov. 2013, 92). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 107:1–20 (bona ngakumbi imiqolo 18–20) kwakunye nomyalezo kaMdala Andersen opheleleyo, ucingisise ngokubhala iimvakalelo ozifumanayo malunga namandla kaThixo awatyebisa ubomi bakho nawakulungiselela unaphakade. Yintoni oyenzayo ukufumana ngokugcweleyo ngakumbi—nokunceda abanye bafumane—ezo ntsikelelo?

Bona futhi IMfundiso neMinqohiso 84:19–27.

IMfundiso neMinqophiso 107:41–57

Ububingeleli busikelela iintsapho.

UAdam wayefuna inzala yakhe ukuba isikelelwe bububingeleli. Zithembiso zini awaye wazifumana? (see imiqolo 4255). Njengoko ufunda malunga noko uAdam wakwenzayo, cingisisa ngeminqweno eyeyakho yosapho lwakho wokuba lonwabele iintsikelelo zobubingeleli. Yintoni oyiphenjelelwa ukuba uyenze ukunceda usapho lwakho lufumane ezi ntsikelelo?

Umfanekiso
UAdam esikelela inzala yakhe

Adam Blessing His Posterity (UAdam Esikelela Inzala Yakhe), by Clark Kelley Price

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 106:6.Yintoni usapho lwethu olungayenza ukubangela “uvuyo emazulwini?

IMfundiso neMinqophiso 107:22.Yintoni esiyenzayo ukuxhasa iinkokheli zethu“… ngokuthemba, ukholo, nomthandazo?

IMfundiso neMinqophiso 107:27–31, 85.Imigaqo ekhokelela amabhunga eBandla isenokusinceda sicebisaneni kunye njengosapho. Yeyiphi imigaqo kule miqolo esingayisebenzisa emabhungeni weentsapho zethu?

IMfundiso neMinqophiso 107:99–100.Nika ilungu losapho imiyalelo ebhaliweyo yokwenza umsebenzi wasekhaya, kwaye ulimeme ukuba likhethe indlela yokwenza lo msebenzi: ngenkuthalo, ngobuvila, okanye ngaphandle kokufunda imiyalelo. Vumela usapho lonke ngokupheleleyo ukuba lubukele kusenziwa lo msebenzi kwaye luqajisele ukuba yeyiphi indlela ilungu losapho eliza kuyikhetha. Ngoko ke vumela amanye amalungu osapho ukuba atshintshisane. Kutheni iNkosi ifuna ukuba sifunde kwaye senze nemisebenzi yethu ngenkuthalo yonke?

IMfundiso neMinqophiso 108:7.Singomelezana kanjani kwiincoko zethu? kwimithandazo yethu? kwimvuselelo yethu, okanye kwinkuthazo yethu? kuzo zonke izenzo zethu? Nisenokukhetha enye yezi ukuyisebenza njengosapho.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Bhala Iimvakalelo. Xa iimvakalelo zasemoyeni okanye iingqiqo zisiza kuwe, zibhale. Njengoko usenza njalo, ubonisa iNkosi ukuba uyasixabisa isikhokelo saYo. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 1230.)

Umfanekiso
UMelkitsedeke usikelela uAbram

Melchizedek Blesses Abram(UMelkitsedeke usikelela uAbram), by Walter Rane

Shicilela