IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMsintsi 13– 19. IMfundiso neMinqophiso 102–105: “Kuba Emva kweNkxwaleko eNinzi … Iyeza iNtsikelelo”


“EyoMsintsi 13–19. IMfundiso neMinqophiso 102–105: ‘Kuba Emva kweNkxwaleko eNinzi … Iyeza iNtsikelelo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMsintsi 13–19. IMfundiso neMinqophiso 102–105,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
amadoda neenqwelo

C. C. A. Christensen (1831–1912, Zion’s Camp (iNkampu yeZiyon,) c. 1878 tempera on muslin, 78× 144 yee-intshi. Brigham Young University Museum of Art, isipho sabazukulwana baka C. C. A. Christensen, 1970

EyoMsintsi 13–19

IMfundiso neMinqophiso 102–105

“Kuba Emva kweNkxwaleko eNinzi … Iyeza iNtsikelelo”

Yeyiphi imigaqo kw IMfundiso neMinqophiso 102–5 enentsingiselo kuwe? Cinga ukubhala iingcinga neemvakalelo zakho ngale migaqo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

AbaNgcwele eKirtland babeneentliziyo ezibuhlungu ukuva ukuba abazalwane noodade babo Jackson Khawunti, Missouri, babeqhutywa besuswa kumakhaya abo. Kwakumele ukukhuthaza, ngoko, xa iNkosi yayibhengeza ukuba, “inkululeko yeZiyon” iya “kuza ngegunya”(IMfundiso neMinqophiso 103:15). Ngeso sithembiso ezintliziyweni zabo, ngaphezulu kwamadoda ayi-200, kunye nabafazi malunga ne-25 kunye nabantwana, bayee babhaliswa koko bakubiza ngokuba yiNkampu kaSirayeli, kamva eyaye yaziwa njengeNkampu yeZiyon. Injongo yayo yayikukuhamba ukuya kukhulula iZiyon.

Kumalungu enkampu, ukukhulula iZiyon kwakuthetha ukubuyisela abaNgcwele kumhlaba wabo. Kodwa ngaphambi nje kokuba inkampu ifike eJackson County, iNkosi yaxelela uJoseph Smith ukuba ame kwaye aphelise iNkampu yeZiyon. Amanye amalungu enkampu ayedidekile kwaye ekhathazekile ngulo myalelo umtsha; kubo, kwakuthetha ukuba uhambo lwabo lwalungaphumelelanga kwaye izithembiso zeNkosi zazingazalisekiswanga. Abanye, nangona kunjalo, bayibona ngokwahlukileyo. Ngelixa abaNgcwele ababeselubhacweni bengazange babuyele eJackson County, amava aza nalo inqanaba “lenkululeko” eZiyon kwaye lona “leza ngegunya.” Amalungu athembekileyo eNkampu yeZiyon, uninzi lwawo kamva lwaba ngabaziinkokeli zeBandla, lwangqina ukuba amava alwenza nzulu ukholo lwawo kumandla kaThixo, kubizo lwaphezulu lukaJoseph Smith, nakwiZiyon—hayi nje indawo iZiyon kodwa iZiyon abantu bakaThixo. Kunokuba babuze ixabiso loku kwakubonakala ngathi ngumsebenzi ongenakuphumelela, baye bafunda ukuba owona msebenzi wokwenene kukulandela uMsindisi, nkqu naxa singaqondi yonke into. Yiyo le indlela iZiyon, ekugqibeleni, eya kukhululwa ngayo.

Umfanekiso
umlambo omncinane

INkampu yeZiyon yayihleli ecaleni konxweme loMlambo Omncinane wokuLoba, ovezwe kulo mfanekiso.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 102:12–23

Yintoni injongo yemiyalelo apha kule miqolo?

Icandelo 102 liqulathe imizuzu yentlanganiso eKirtland, Ohio, apho ibhunga lokuqala eliphezulu leBandla lalisekwe khona. Imiqolo 12–23 ichaza iinkqubo ezilandelwa ngamabhunga aphezulu xa kubanjwe amabhunga ezoluleko wabo benze izono ezinobunzulu.

UMongameli M. Russell Ballard wafundisa, “Amalungu ngamanye amaxesha ayabuza ukuba kutheni amabhunga ezoluleko weBandla ebanjwa. Injongo iphindwe kathathu: ukusindisa umphefumlo womkreqi, ukukhusela omsulwa, kunye nokukhusela ucoceko , inyaniso egqibeleleyo, kunye negama elilungileyo leBandla” (“A Chance to Start Over: Church Disciplinary Councils and the Restoration of Blessings,” Ensign, Sept. 1990, 15).

IMfundiso neMinqophiso 103:1–12, 36; 105:1–19

IZiyon ingokhelwa kuphela phezulu kwemigaqo yobulungisa.

Kwakutheni abaNgcwele baphulukana nomhlaba wabo othenjisiweyo eMissouri? Kwaye kungoba kwakutheni iNkosi yayingavumanga kubuyisela iNkampu yeZiyon kwimihlaba yabo? Ngokuqinisekileyo izenzo zobundlobongela zamahlokondiba aseMissouri zadlala indima, kwaye irhunuleli yaseMissouri yayithembise inkxaso kwabaNgcwele kodwa zange iyinike. Kodwa iNkosi yatsho ukuba “ukuba ibingelulo ukreqo lwabantu bam,” iZiyon “ngeba ikhululiwe” (IMfundiso neMinqophiso 105:2). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 103:1–12, 36; 105:1–19, ungaqaphela ezinye izinto ezathintela ukusekwa kweZiyon eMissouri nezinye ezazinako ukunceda. Yintoni oyifundayo enokunceda wena ukuba useke iZiyon entliziyweni yakho nakwikhaya lakho?

IMfundiso neMinqophiso 103:12–13; 105: 1–6, 13–19

Iintsikelelo zifika emva kweenxwaleko neemvavanyo zokholo.

Ngeendlela ezininzi, ukuthatha inxaxheba kwiNkampu yeZiyon kwakuluvavanyo lokholo. Uhambo lwalulude, imo yezulu yayitshisa, kwaye ukutya namanzi ngamanye amaxesha kwakunqabile. Kwaye emva konke oko babekunyamezele, abaNgcwele babengekakwazi ukubuyela emhlabeni wabo. Cingisisa indlela imigaqo kwi IMfundiso neMinqophiso 103:12–13 kunye 105:1–6, 13–19 yayinokunceda amalungu eNkampu yeZiyon awayezibuza nokuba umyalelo wokulungiselela wawuvela ngokwenene kuThixo kwakwindawo yokuqala. Ingakunceda njani le migaqo kolwakho uvavanyo lokholo?

Unganako ukufunda ngala mava amalungu eNkampu yeZiyon nakwi “Amazwi Wembuyiselo” ekupheleni kwesi sishwankathelo. Yintoni ekumangalisayo ngempatho yabo? Yintoni onako ukuyifunda kwimizekelo yabo?

IMfundiso neMinqophiso 104:11–18 78–83

Mna “ndiligosa kwiintsikelelo zasemhlabeni.”

Ukwangeza kwizilingo eMossouri, ngo-1834 iBandla laye lajongana nobunzima bezezimali, okuquka amatyala anzima kunye neendleko. Kwicandelo 104 , iNkosi yanikezela ingcebiso ngemeko yezezimali zeBandla. Ungayisebenzisa njani le migaqo kwimiqolo 11–18 kunye 78–83 kwezakho izigqibo zemali?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 103:12, 36; 105:9–13.Ingaba usapho lwakho lwakhe (okanye esinye sezinyanya zakho ) lwacelwa ukwenza into engazange iphume ngendlela oyilendeleyo? Ungafunda ntoni wena kokwenziwa namalungu eNkampu yeZiyon ngelixa uhambo lwawo lwalungaphumanga ngendlela awayeyilindele? (bona “Amazwi eMbuyiselo” ekupheleni kwesi sishwankathelo).

IMfundiso neMinqophiso 104:13–18.Yintoni iNkosi esinike yona? Yintoni Yona eyilindeleyo kuthi ukuba siyenze ngezi zinto?

IMfundiso neMinqophiso 104:23–46.Usapho lwakho lungakhangela le miqolo ukufumana ukuba zizihlandlo ezingaphi iNkosi ithembisa “ukuphindaphinda iintsikelelo” (umqolo 23) kwabo bathembekileyo. Mhlawumbi eli ingaba lixesha elifanelekileyo “lokubala iintsikeleo zakho” (“Count Your Blessings,” Hymns, no. 241) kwaye nixoxe ngokuba ukwenza oko kungasinceda njani kumaxesha anzima. Abantwana abancinci banokonwabela ukuzoba imifanekiso yeentsikelelo ngakumbi abanombulelo wazo.

IMfundiso neMinqophiso 105:38–41.Singazenza njani “izindululo zoxolo” (umqolo 40) xa abanye besiphatha ngokungabi nabubele okanye ngokungabi nabulungisa? Singenza ntoni ukuba “yibhanile yoxolo” (umqolo 39) kwikhaya lethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi embuyiselo

Amazwi eMbuyiselo

INkampu yeZiyon

Ngenxa yokuba iNkampu yeZiyon yayingazange ubuyisele abaNgcwele kwimihlaba yabo eJackson Khawunti, abantu abaninzi beva ukuba imizamo yabo yayingeyompumelelo. Nangona kunjalo, abathathi nxaxheba abaninzi beNkampu yeZiyon bajonga ngasemva kumava abo kwaye babona ukuba iNkosi yayizaliseke njani injongo ephezulu ebomini babo naseBukumkanini baYo. Nabu obunye bobungqina babo.

UJoseph Smith

Umfanekiso
UJoseph Smith

Ngapha kweminyaka engama-40 emva kweNkampu yeZiyon, uJoseph Young, owayelilungu leNkampu, wenza ingxelo yokuba uJoseph Smith wathetha oku kulandelayo:

“Bazalwane, abanye benu banomsindo ngakum, ngokuba anilwanga eMissouri; kodwa makhe ndinixelele, uThixo akafunanga ukuba nilwe. Ebengenako ukubuseka ubukumkani bakhe namadoda alishummi elinambini ukuvula umnyango wevangeli kwizizwe zehlabathi, kunye namadoda angamashumi asixhenxe phantsi kolawulo lwawo ukulandela imikhondo yawo, ngaphandle kokuba abathathe emzimbeni wamadoda anikezele ngobomi bawo, kwaye awayenze idini elikhulu njengo–Abraham wenza.

“Ngoku, iNkosi ineShumi elinaMbini kunye namaShumi asiXhenxe, kwaye kuya kubakho amanye amaqumrhu wamaShumi asiXhenxe abizwayo, awaya kwenza idini, kwaye abo bangenzanga dini labo neminikelo yabo ngoku, baya kuzenza emva kwalapha.”1

UBrigham Young

Umfanekiso
UBrigham Young

“Ukufika kwethu eMissouri iNkosi yathetha nesicaka sayo uJoseph kwaye yathi, ‘Ndiwamkele umnikelo wakho,’ kwaye saba nelungelo lokubuyela kwakhona. Ekubuyeleni kwam abahlobo abaninzi bandibuza ukuba yintoni inzuzo eyayikho ekubizeni abantu emsebenzi ukuya kunyuka baye eMissouri baze babuye, ngaphandle kokuba baphumeze nto. ‘Kwaye kwaxhamlisa bani oko?’ baye babuza. ‘Ukuba iNkosi yayiyalele ukuba yenziwe, yeyiphi into awayejonge kuyo ngokwenza oku?’ … Ndabaxelela abo bazalwane ukuba ndahlawulwa kakuhle—ndihlawulwe ngenzala enkulu—ewe umlinganiso wam uzele kukuphuphuma kolwazi endalufumana ngokuhamba noMprofeti.”2

UWilford Woodruff

Umfanekiso
UWilford Woodruff

“Ndandikwi Nkampu yeZiyon noMprofeti kaThixo. Ndayibona imisebenzi kaThixo kunye naye. Ndawabona amandla kaThixo kunye naye. Ndabona ukuba wayenguMprofeti. Oko kwakubonakaliswa kuye ngamandla kaThixo phezu kwaloo msebenzi yayixabiseke kakhulu kum nakubo bonke abafumana imiyalelo yakhe.”3

“Ngelixa amalungu eNkampu yeZiyon ayebizwa abaninzi bethu babengazange babonane ubuso ngobuso; sasingaqhelananga kwaye abaninzi babengazange bambone umprofeti. Sasisasazekile yonke indawo, njengombona ohluzelwe esihluzweni, kwisizwe siphela. Sasingamadodana amancinane, kwaye sasibizelwe phezulu ngaloo mhlaukuba siye phezulu kwaye sihlangule iZiyon, kwaye into ekwakufuneka siyenzile kwakufanele ukuba siyenze ngokholo. Saye sahlanganela ndawonye sisuka kwiindidi zaMazwe eKirtland kwaye senyuka ukuya kuhlangula iZiyon, ukuzalisekisa umyalelo kaThixo kuthi. UThixo wayamkela imisebenzi yethu njengoko wenza kwimisebenzi ka–Abraham. Safezekisa okukhulu ngakumbi, nangona abakreqi kunye nabangakholelwayo babebuza lo mbuzo amaxesha amaninzi ‘yintoni eniyenzileyo?’ Sasizuze amava ebesingenako ukuwazuza [nakuyo] nayiphi na indlela. Saye sabanethuba lokubona ubuso bomprofeti, kwaye sabanethuba lokuhamba iimayile eziliwaka naye, kwaye sibona imisebenzi yoMoya kaThixo naye, kunye nezityhilelo zikaYesu Krestu kuye kunye nenzalisekiso yezo zityhilelo. Kwaye waye wahlanganisa abanye abadala abangamakhulu amabini ababesuka kuso sonke isizwe kuloo mini kwaye wasithumela ukuba sisasaze kulo lonke ihlabathi sishumayele ivangeli kaYesu Krestu. Ukuba ndandingayanga kwiNkampu yaseZiyon bekungamelanga ndilapha namhlanje [e-Salt Lake City, ndikhonza kwiQumrhu labaliShumi Elinambini]. … Ngokuya khona sasilahlwe kwisidiliya ukushumayela ivangeli, kwaye iNkosi yayamkela imisebenzi yethu. Kwaye kuyo yonke imisebenzi kunye nentshutshiso yethu, nobomi bethu obabusoloko busemngciphekweni, kwakufuneka sisebenze kwaye siphile ngokholo.”

“Amava [esa]wazuzayo ngokuhamba neNkampu yaseZiyon ayexabisekile ukwegqitha igolide”

Izikhumbuzo

  1. KuJoseph Young Sr., History of the Organization of the Seventies (1878), 14.

  2. “Discourse,” Deseret News, Dec. 3, 1862, 177.

  3. Kwingxelo yeNkomfa,Tshazimpunzi 1898, 29-30; bona futhi Teachings of Presidents of the Church: Wilford Woodruff (2004), 135.

Umfanekiso
INkampu yeZiyon ngasemlanjeni

Zion’s Camp (INkampu yeZiyon ngaseMlanjeni wokuLoba), by Judith A. Mehr

Shicilela