IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMsintsi 27–EyeDwarha 3. IMfundiso neMinqophiso 109–110: “IyiNdlu yaKho, iNdawo yobuNgcwele baKho”


“EyoMsintsi 27–EyeDwarha 3. IMfundiso neMinqophiso 109–110: ‘IyiNdlu yaKho, Indawo yobuNgcwele yaKho,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMsintsi 27–EyeDwarha 3. IMfundiso neMinqophiso 109–110,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
ITempile yaseKirtland

Kirtland Temple (ITempile yaseKirtland), by Jon McNaughton

EyoMsintsi 27–EyeDwarha 3

IMfundiso neMinqophiso 109–110

“IyiNdlu yaKho, Indawo yobuNgcwele yaKho”

Ebhekise kwiMfundiso neMinqophiso 109:24–28, uMdala David A. Bednar wathi, “Ndiyakumema ukuba uphindaphinde ufunde kwaye ucinge nzulu ngomthandazo imiphumela yezi zibhalo ebomini bakho nasebomini bosapho lwakho” (“Honorably Hold a Name and Standing,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2009, 99). Cingisisa ngesi simemo njengoko ufunda.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Iminyango yeTempile yaseKirtland yayingamelanga ukuvulwa kude kube ngu-8:00 ekuseni kweyoKwindla 27, 1836. Kodwa abaNgcwele ababethemba ukuzimasa iinkonzo zongcwaliso baqala ukufola kwangethuba ukusukela ngo-7:00. Xa izitulo nemigca yayigcwaliswe ngokukhawuleza ngabanquli ababenomdla, uJoseph Smith waye wacebisa indawo yokuphuphumela. Xa yona yayigcwele, kwaye kwacetywa ihlelo lesibini. Kwaye yayingengabo abo baphilayo qha ababexhalabele ukubakhona. Amangqina amaninzi angqina kwelokuba aye abona iingelosi, ngaphakathi etempileni kwakunye naseluphahleni, ngelixa kwakunye nasemva kongcwaliso. Ngokwenene kwakukhangeleka ngathi “imikhosi yezulu” yayizele “ukucula nokukhwaza” kunye nabo baNgcwele beMihla yokuGqibela (“The Spirit of God,” Hymns, no. 2).

Kwakutheni uvuyo olukhulu—kumacala omabini wekhuselo? Isithembiso sokuba abaNgcwele babeya “kuphiwa amandla avela phezulu” yayisesinye isizathu sokuba bahlangenele eOhio kwasekuqaleni (IMfundiso neMinqophiso 38:32). Kwaye izinto ezinkulu zazithenjiselwe ikamva. “Oku, iNkosi yakubhengeza, “sisiqalo sentsikelelo eya kuthululelwa phezu kweentloko zabantu bam” (IMfundiso neMinqophiso 110:10). Ixesha esiphila kulo ngoku—ngomsebenzi wasetempileni ongxanyiswayo kunye nemimiselo efumaneka kwizigidigidi zabaphilayo nabafileyo—labanesiqalo salo eKirtland, xa “ikhuselo phezu komhlaba laliqala ukugqabhuka”(“The Spirit of God”).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 109

INkosi ifuna ukundisikelela endlwini yaYo engcwele.

Ngezinye iindlela, iTempile yaseKirtland yayihlukile kwezitempile esizaziyo namhlanje. Kwakungekho zibingelelo kunye naqula lobhaptizo, kwaye imimiselo efana nobhaptizelo lwabafileyo kunye nokutywinwa zazingekabuyiselwa. Kodwa iintsikelelo ezichazwe kwicandelo 109, umthandazo wongcwaliso weTempile yaseKirtland, ziintsikelelo esizifumana endlwini yeNkosi namhlanje. Hlola kwakhona imiqolo elandelayo ukuze ufumane ezinye zezi ntsikelelo. Xeshikweni ufunda ngazo, cinga nzulu ngokuba kutheni zibalulekile kuwe nakusapho lwakho.

Imiqolo 5, 12–13 (bona futhi IMfundiso neMinqophiso 110:6–8): Etempileni iNkosi ingazibonakalisa Yona buqu kuthi kwaye singawava amandla aYo.

Imiqolo 9, 17–19, 26, 78–79: Etempileni sithabathela phezu kwethu igama leNkosi.

Imiqolo 22–23: Njengoko sisenza iminqophiso yasetempileni, iNkosi isinika amandla wokwenza umsebenzi waYo.

Imiqolo 24–33: Njengoko sizimasa itempile ngokufanelekileyo, singafumana ukhuselo lweNkosi.

Ezinye iintsikelelo:

Yintoni uMoya ekuphembelela yona ukuba uyenze ukufumana ezi ntsikelelo?

IMfundiso neMinqophiso 109

Umthandazo wongcwaliso weTempile yaseKirtland ungandifundisa ngomthandazo.

Icandelo 109 lingumthandazo wongcwaliso owawunikwe kuJoseph Smith ngesityhilelo (bona isihloko secandelo). Yintoni oyifunda malunga nomthandazo kweli candelo? Njengoko ulifunda, usenokucinga ngemithandazo yakho. Zimvo zini ozifumana ezingakunceda uphucule unxibelelwano lwakho noBawo oseZulwini? Ngokomzekelo, yintoni uMprofeti awayitshoyo kulo mthandazo?

IMfundiso neMinqophiso 110:1–10

INkosi ingazibonakalisa Yona buqu kum etempileni.

Uziva kanjani ngoMsindisi emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 110:1–10? Ingaba Yona izibonakalise kanjani kuwe etempileni? Kungandlela zini Yona ekunceda ngazo wazi ukuba Yona iyazamkela iinzame zakho namadini akho?

Umfanekiso
Umphakathi weTempile yaseKirtland

Isiphelo ngasinye seTempile yaseKirtland sasinomgangatho ophakamileyo weenkokheli zobubingeleli.

IMfundiso neMinqophiso 110:11–16

Izitshixo zobubingeleli ezifunekayo ekuphumezeni umsebenzi kaThixo zikhona eBandleni namhlanje.

Ukuqonda izitshixo zobubingeleli ezo uMoses, noEliyasi, kunye noEliya bazinika uJoseph Smith noOliver Cowdery kwiTempile yaseKirtland, usenokufunda umyalezo kaMdala Quentin L. Cook “Prepare to Meet God” (Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2018, 114–17). UMdala Cook wachaza ukuba ezi zitshixo zihambelana kanjani nomsebenzi weBandla namhlanje. Usenokucingisisa ngokufunda malunga nabaprofeti bamandulo ngokufunda “Moses,” “Elias,” kunye “Elijah” kwiSikhokelo seZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Cinga nzulu ngoko ungakwenza ukunceda emsebenzini onxulumene nezi zitshixo.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 109.Njengosapho, fumanani imiqolo kwicandelo 109 eniphembelela ukuba nichithe ixesha elingakumbi etempileni (ngokomzekelo, bona imiqolo edweliswe phantsi kwe-“Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa”). Thethani ngokuba ningenza njani oko uMongameli Russell M. Nelson wakucebisayo: “Fumana indlela yokwenza idinga rhoqo kunye neNkosi—lokubasendlwini yaYo engcwele—uze ugcine elo dinga ngokuthe ngqo nangovuyo” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Ensign okanye Liahona, EyeNkanga 2018, 114). Ukuba wena okanye usapho lwakho anikayi etempileni, ningatyelela temples.ChurchofJesusChrist.org ukunceda nizilungiselele ukuya khona.

IMfundiso neMinqophiso 109:78–80.Iculo “The Spirit of God” (Hymns, no. 2) lalibhalelwe ungcwaliso lweTempile yaseKirtland—kwaye laye laculwa kuyo yonke imisitho yongcwaliso lweetempile ukusukela ngoko. Nisenokucula eli culo kunye kwaye nifumane amabinzana awandisa umbulelo wenu weetempile zemihla yokugqibela. Ingaba eli culo lihambelana njani nomyalezo weMfundiso neMinqophiso 109:78–80?

Ningafumana umthandazo wongcwaliso wetempile ekufutshane nawe kwi-temples.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 110.Njengoko amalungu osapho lwakho efunda icandelo 110 kwaye ejonga umfanekiso osesiphelweni sesi sishwankathelo, wameme ukuba abenomfanekiso ngqondweni wokuba ebangaziva njani ukuba ayekhona kunye noJoseph Smith noOliver Cowdery kwiTempile yaseKirtland. Nika usapho lwakho ithuba lokwabelana ngokuba luziva njani ngoMsindisi.

IMfundiso neMinqophiso 110:15.Yintoni enokunceda “kubuyiselwe iintliziyo” zabantwana benu kwizinyanya zabo? Nisenokufumana ezinye iingcinga zolonwabo kwi-FamilySearch.org/discovery. Ningasebenzisana kunye ukufumana izinyanya ezidinga imimiselo yasetempileni kwaye nicwangcisele ukwenza loo mimiselo etempileni. Ningathetha ngokuba umsebenzi obuyiselweyo nguEliya kwiTempile yaseKirtland ukuba ulwandisa kanjani uthando lwakho kwizinyanya zakho.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Spirit of God,” Hymns, no. 2.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi wembuyiselo

Amazwi weMbuyiselo

Ukuzibonakalisa Ngokomoya kunye neTempile yaseKirtland

Umfanekiso
Ungcwaliso lweTempile yaseKirtland

Like a Fire Is Burning (Njengomlilo Ovuthayo), by Glen S. Hopkinson

Ngezantsi ngamazwi wabaNgcwele beMihla yokuGqibela ababekhoyo kwiTempile yaseKirtland ngelixa longcwaliso lwayo nakweminye imihlangano eyathi yalandela. Abaninzi baye bathelekisa amava wabo noko abaNgcwele bamandulo bakuvayo xa “babembathiswe amandla aphuma enyangweni” ngomhla wePentekoste (Luka 24:49; bona futhi Izenzo 2:1–4; IMfundiso neMinqophiso 109:36–37).

UEliza R. Snow

“Imisitho yoloo ngcwaliso isenokuphindwa ibaliswe, kodwa akukho lwimi lwasemhlabeni olungachaza ukubonakalisa kwasezulwini lwaloo mhla okhumbulekayo. Iingelosi zavela kwabanye, xeshikweni ifuthe lobukho bobuthixo lalibonwa ngabo bonke abo babekhona, kwaye intliziyo nganye yayizele ‘luvuyo olwalungenakuvakaliswa kunye nenzaliseko yobuqaqawuli.’”1

USylvia Cutler Webb

“Enye yeenkumbulo zam zakwangoko yayilungcwaliso lweTempile. Utata wam waye wasithatha wasibeka phezu komlenze wakhe kwaye wasixelela ngokuba kutheni sasisiya kunye nokuba kwakuthetha ukuthini ukungcwalisa indlu kaThixo. Kwaye nangona ndandimncinane kakhulu ngeloo xesha, ndiyawukhumbula loo msitho ngokucacileyo. Ndingajonga ngasemva kuloo minyaka yagqithayo kwaye ndibona njengoko ndandibona ngoko uJoseph uMprofeti, emile ngezandla zakhe ziphakanyiselwe phezulu ezulwini, ubuso bakhe buluthuthu okwamalahle, iinyembezi ziqengqeleka ezidleleni zakhe njengoko wayethetha ngaloo mhla ukhumbulekayo. Phantse wonke umntu wayekhangeleka enyembezana. Indlu yayixinene kakhulu ngabantwana uninzi lwabo olwaluhleli phezu kwemilenze yabantu abantu abadala; udade wam wayehleli phezu komlenze katata, mna ndihleli phezu kokamama. Ndisakhumbula neelokhwe esasizinxibile. Ingqondo yam yayisencinane kakhulu ngeloo xesha ukubamba intsingiselo ezeleyo yako konke, kodwa njengoko ixesha lalihamba kwaye kwaqabuka kum ngakumbi nangakumbi, kwaye ndiyabulela kakhulu ngokuba ndabanenyhweba yokubakhona apho.”2

U-Oliver Cowdery

“Ngoloo rhatya ndaye ndadibana namagosa webandla endlwini yeNkosi. UMoya waye wathululwa—ndabona ubuqaqawuli bukaThixo, obufana nelifu elikhulu, busehlela ezantsi kwaye baphumla phezu kwendlu, kwaye bagcwala ngokufana nomoya omkhulu ovuthuzayo. Ndaye ndabona neelwimi ezibekayo, ngathi zezomlilo zizinza phezu kwabaninzi, … xeshikweni babethetha ngezinye iilwimi kwaye beprofeta.”3

UBenjamin Brown

“Imibono emininzi [yaye] yabonwa. Omnye wabona umqamelo okanye ilifu lisehlela phezu kwendlu, likhazimla okungathi lilanga xa likhazimla kwilifu njengegolide. Abanye ababini babona iziqu zitshitshiliza endlwini ngezitshixo ezikhazimlayo ezandleni zazo, kunye nekhonkco elikhazimlayo ezandleni zazo.”4

U-Orson Pratt

“UThixo wayekhona apho, iingelosi zakhe zazikhona, uMoya oyiNgcwele wawusembindini wabantu …kwaye babezaliswe ukusukela kwisithsaba seentloko zabo ukuya kwiintende zeenyawo zabo ngamandla kunye nempembelelo yoMoya oyiNgcwele.”5

UNancy Naomi Alexander Tracy

“[Xa] iTempile yayigqityiwe kwaye ingcwalisiwe … ezo yayiziintsuku ezimbini zolonwabo ebomini bam. Iculo elalifanele oko elaliqanjelwe umsitho lalisithi ‘The Spirit of God Like a Fire is Burning.’ Kwakuyinyaniso ngokwenene okokuba iMpembelelo yeZulu yayehlele ezantsi phezu kwaloo ndlu. … Ndeva ngathi izulu lalisemhlabeni.”6

Izikhumbuzo

  1. Ku-Edward W. Tullidge, The Women of Mormondom (1877), 95.

  2. Ku-Karl Ricks Anderson, Joseph Smith’s Kirtland: Eyewitness Accounts (1996), 182–83.

  3. Oliver Cowdery diary, Mar. 27, 1836, Church History Library, Salt Lake City.

  4. Incwadi yembalelwano kaBenjamin Brown isiya kwinkosikazi yakhe, uSarah ngokuqikelelwa ngoTshazimpuzi 1836, Benjamin Brown family collection, Church History Library, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

  5. Orson Pratt, “Remarks,” Deseret News, Jan. 12, 1876, 788.

  6. Ku-Richard E. Turley Jr. and Brittany A. Chapman, eds., Women of Faith in the Latter Days (2011), 1:442.

Umfanekiso
UMoses, uEliyasi, noEliya bevela kwiTempile yaseKirtland

Moses, Elias, and Elijah Appear in the Kirtland Temple (UMoses, uEliyasi, noEliya bevela kwiTempile yaseKirtland), by Gary E. Smith

Shicilela