IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeDwarha 4–10. IMfundiso neMinqophiso 111–114: “Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina”


“EyeDwarha 4–10. IMfundiso neMinqophiso 111–114: ‘Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 20212020)

“EyeDwarha 4–10. IMfundiso neMinqophiso 111–114,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UJoseph Smith eshumayela

EyeDwarha 4–10

IMfundiso neMinqophiso 111–114

“Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina”

Ngomthandazo cela isikhokelo soMoya njengoko ufunda IMfundiso neMinqphiso 111–14, kwaye ubhale iimvakalelo zakho. Ngoko ke ucingisise ngeendlela ongenza ngazo intshukumo kwezo mvakalelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ingaba wawukhe wabanawo amava asemoyeni awathi akwenza waziva uzithemba kwaye ukhuselekile elukholweni lwakho—kodwa ngoko ke iimbandezelo zobomi ziluvavanyile ukholo lwakho, kwaye wazifumana usokola ukubuyekeza uxolo owawuluva ngaphambili? Into efanayo yaye yenzeka kwabaNgcwele eKirtland. Ngaphantsi konyaka emveni kokuba uthululeko lokomoya olwalunxulumene nongcwaliso lweTempile yaseKirtland, iinkathazo zaye zavela. Intlekele yezezimali, ingxabano kwiQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, kwakunye nolunye ucikido zaye zabangela abanye ukuba bahexe elukholweni lwabo.

Asinakuze sithintele ucikido, ngoko ke singalunqanda kanjani ekugrogriseni ukholo lwethu kunye nobungqina bethu? Mhlawumbi inxalenye yempendulo ingafunyanwa kwingcebiso yeNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 112, eyayinikwe xeshikweni ubunzima eKirtlanda babusanda. INkosi yathi, “Yenzani nyulu iintliziyo zenu phambi kwam” (umqolo 28), “Ningasivukeli” (umqolo 15), “Bhinqa isinqe sakho” (umqolo 7), kwaye “Yiba ngothobekileyo” (umqolo 10). Njengoko silandela le ngcebiso, iNkosi iya “kukhokela [thina] ngesandla” ebunzimeni kwaye isise ekuphileni nasexolweni (bona imiqolo 10, 13).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 111

INkosi “ingayalela zonke izinto ngokulungele [mna].”

Ngo-1836, iBandla lalisele liqokelele imfumba yamatyala anzima ekwenzeni umsebenzi weNkosi. Njengoko uJoseph Smith kunye nabanye babekhathazekile ngala matyala kwaye bacingisisa ngeendlela zokuwahlawula, baye bahamba baya eSalem, Massachusetts, mhlawumbi ngenxa yokuba kwakunamarhe wokuba enye imali yayishiyiwe apho endlwini (bona isihloko secandelo kwiMfundiso neMinqophiso 111). Emva kokuba befikile eSalem, iNkosi yaye yabhengeza, “Kukho ubutyebi benu obungaphezulu kunobunye kwesi sixeko” (umqolo 10)—ubutyebi obabuquka abantu Yona eyayiya “kubahlanganisa ngexesha elifanelekileyo ngenxa yokulungiselela iZiyon” (umqolo 2; bona futhi Eksodus 19:5). Nangona kwakungekho mali eyafunyanwayo eSalem, abo babesandulʼ ukuguquka ababevela kwiinzame zakamva zabafundisi bevangeli babeyinxalenye yokuzalisekiswa kwesithembiso seNkosi.

Njengoko ufunda icandelo 111, cinga ngezinto ongazikhathaza ngazo. Cingisisa ngokuba amazwi weNkosi kuJoseph ebenokusebenza njani kuwe. Ingaba iNkosi ikuncede kanjani ukuba ufumane “ubutyebi” obungalindelekanga? (umqolo 10). Cinga ngoko Yona ithe yakwenza “ukuyalela zonke izinto ngokulungele nina” (umqolo 11). Yintoni ibinzana “ngokukhawuleza njengoko ninako ukuzamkela” elikufundisa yona malunga noBawo oseZulwini?

Bona futhi Mateyu 6:19–21, 33.

IMfundiso neMinqophiso 112:3–15

INkosi iya kukhokela abo bafuna intando yaYo ngentobeko.

Umanyano kwiQumrhu labaShumi Elinambini lwaluba buthathaka kwixesha lasehlotyeni ngo-1837. Kwakukhona ukungavisisani ngoxanduva, kwaye amanye amalungu ayethetha kakubi kuMprofeti uJoseph Smith. UThomas B. Marsh, owayenguMongameli weQumrhu labaShumi Elinambini, wayexhalabile, kwaye waye wabuya eMissouri esiya e-Ohio, efuna ingcebiso evela kuMprofeti. Umzalwane Marsh waye wayifumana ngesityhilelo esikwicandelo 112. Ingaba ingcebiso yeNkosi yayinokumnceda kanjani yena nequmrhu lakhe? Zifundo zini ezikhoyo kuwe njengoko ufuna ukweyisa ingxabano kunye neemvakalelo ezinzima?

Ngokuthe ngqo, usenokucinga ngokunzulu umqolo 10. Kuthetha ukuthini kwiNkosi ukukhokela wena “ngesandla”? Kutheni ukuthobeka kuyimfuneko kolu hlobo lwesikhokelo?

Umfanekiso
abantu ababini bethandaza

Ukuba siyathobeka, iNkosi iya kusikhokela kwaye iphendule nemithandazo yethu.

IMfundiso neMinqophiso 113

UJoseph Smith “wayesisicaka ezandleni zikaKrestu.”

UIsaya ubhekisa kwenye yenzala kaYese njenge “gatya” kunye “nengcambu” (Isaya 11:1, 10). Kwicandelo 113, iNkosi ichaza ukuba le nzala, isicaka sikaKrestu, siya kubaluncedo ekuhlanganiseni abantu beNkosi kwiintsuku zokugqibela (bona IMfundiso neMinqophiso 113:4, 6)—isiprofeto eso sichaza uMprofeti Joseph Smith kakuhle kakhulu. Ingaba oku kunye nezinye iinyaniso kwicandelo 113 zibakhuthaze kanjani abaNgcwele ngelixa lezidubedube ababejongene nazo eKirtland? Yintoni oyifumana kwesi sityhilelo ethi ikuphembelele ukuba uthathe inxaxheba emsebenzini weNkosi namhlanje?

Bona futhi Isikhokelo kwiZibhalo, “Yese,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org; 2 Nifayi 21:10–12; IMbali—kaJoseph Smith 1:40.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 111:2, 9–11.Le miqolo ingakhuthaza ingxoxo emalunga noko usapho lwakho lukuxabisa njengo “butyebi” banaphakade. Ungenza uzingelo lobutyebi ngokufihla izinto endlwini ezibonisa izinto iNkosi ezixabisayo. Njengoko usapho lwakho lufumana into nganye, xoxani ngoko ningakwenza ukubonisa ukuba niyakuxabisa.

IMfundiso neMinqophiso 112:10. UMdala Ulisses Soares uchaza abantu abathobekileyo ngale ndlela: “Abathobekileyo bayafundiseka, bayabona ukuba baxhomekeke kanjani kuThixo kwaye banqwenela ukuxomekeka kwintando yaKhe. Abathobekileyo balulamile kwaye banesakhono sokuphembelela abanye ukuba benze okufanayo” (“Be Meek and Lowly of Heart,” Ensign okanye Liahona, EyeNkanga 2013, 10). Cingisisa ngeendlela onganceda ngazo usapho lwakho luqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuthobeka. Ningacula iculo elimalunga nentobeko okanye nabelane ngamava apho xa iNkosi yaye yakhokela amalungu osapho lwakho “ngesandla kwaye yawanika “impendulo emithandazweni [yawo].”

IMfundiso neMinqophiso 112:11–14, 26.Yintoni umehluko phakathi kokwazi igama lomntu othile kwakunye nokumazi? Yintoni esiyifunda kwimiqolo 11–14 malunga nokuba kuthetha ukuthini ukwazi iNkosi?

IMfundiso neMinqophiso 112:15.Kuthetha ukuthini “ukuvukela” umprofeti? Yintoni esiyifumana kulo mqolo esinceda ukuba sixhase umprofeti?

IMfundiso neMinqophiso 113:7–8.Yintoni esiyifunda kumqolo 8 eya kuthi incede “ekuziseni kwakhona iZiyon” nasekukhululeni uSirayeli?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Phila ubungqina bakho. “Wena ufundisa oko ukuko,uMdala Neal A. Maxwell wafundisa. ‘Iimpawu zakho ziya kukhunjulwa ngakumbi …kunenyani ethile kwisifundo esithile’” (Teaching in the Savior’s Way, 13).

Umfanekiso
UThomas B. Marsh kunye noJoseph Smith

UThomas B. Marsh ubhala isityhilelo asinikwayo ngoJoseph Smith. Be Thou Humble, by Julie Rogers.

Shicilela