IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeDwarha 11-17. IMfundiso neMinqophiso 115-120: “Ukuncama Kwakhe Kuya Kuba Nyulu Ngakumbi Kum Kunoko Kwakhe Kusisongezelelo”


“EyeDwarha 11-17. IMfundiso neMinqophiso 115-120: ‘Ukuncama Kwakhe Kuya Kuba Nyulu Ngakumbi Kum Kunoko Kwakhe Kusisongezelelo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeDwarha 11-17. IMfundiso neMinqophiso 115-120,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
E-Far West

Far West, by Al Rounds

EyeDwarha 11-17

IMfundiso neMinqophiso 115-120

“Ukuncama Kwakhe Kuya Kuba Nyulu Ngakumbi Kum Kunoko Kwakhe Kusisongezelelo”

INkosi ifuna ukuthetha nawe. Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, thadandaza kwaye uyicele Yona ukuba ikuncede ufumane imiyalezo yaYo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwakukhona isizathu sokubanethemba ngendawo entsha yokuhlanganela yabaNgcwele, i-Far West, Missouri, ngeyeKhala ngowama-1838. Isixeko sasikhula ngokukhawulezileyo, umhlaba wawukhangeleka umhle, kwaye kwakutyhiliwe ukuba kumganyana omfutshane ukuya emantla kwakulele iAdam-ondi-Ahman, indawo enentsingiselo egqithisileyo ngokomoya. (bona IMfundiso neMinqophiso 107:53–56;116). Nangoku, kwakumele ukuba kwakunzima kwabo baNgcwele ukungacingi ngako oko babelahlekelwe kuko. Babeqhutyelwe ukusuka eIndependence, umbindi wendawo echongiweyo yaseZiyon, kwaye amathuba okubuyela nanini na mhlawumbi ayekhangeleka emancinci. Ngaphezu koko, abaNgcwele kwakunyazeleke ukuba babalekele e-Kirtland, Ohio, beshiya itempile yabo ethandekayo emveni nje kweminyaka emibini. Kwaye ngeli ixesha yayingezontshaba zangaphandle eBandleni ezazibangela inkathazo—amalungu adumileyo amaninzi ayemjikele uJoseph Smith, uquka aMangqina amaThathu eNcwadi kaMormoni kunye namalungu amane kwabaliShumi Elinambini. Abanye babesenokuthandabuza, ingaba ubukumkani bukaThixo nyani buyomelela, okanye buya busiba buthathaka?

Kanti ngokunjalo abathembekileyo zange bavumele imibuzo efana nale ibamise. Endaweni yoko, baye baqalisa ukwakha indawo entsha engcwele, kweli ityeli eFar West. Benzela itempile entsha. AbaPostile abane abatsha baye babizwa, kuquka ababini—uJohn Taylor kunye noWilford Woodruff—ababeza kuthi kamva babengaBongameli beBandla (bona IMfundiso neMinqophiso 118:6). AbaNgcwele baye bafunda ukuba ukwenza umsebenzi kaThixo akuthethi awusoze uwe, kuthetha ukuba uya “kuphakama kwakhona.” Kwaye nangona kuya kufuneka uncame ezinye izinto, loo madini aya kuba ngcwele kuThixo, kuya kuba “nyulu ngakumbi … kunoko kwa[kho] kusisongezelelo” (IMfundiso neMinqophiso 117:13).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 115:4–6

Igama leBandla lalichongwe yiNkosi.

UMongameli Russell M. Nelson wathi igama leBandla “ngumba wokubaluleka okukhulu” (“Igama Elichanekileyo leBandla,” Ensign okanye Liyahona EyeNkanga. 2018, 87). Cinga ngokuba kutheni oku kunyanisekile njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 115:4–6. Ingaba igama leBandla lisebenzisana njani nomsebenzi nobizo lwayo?

Bona futhi 3 Nifayi 27:1–11.

IMfundiso neMinqophiso 115:5–6

IZiyon neengqokelela zamasebe zayo zinikezela “isigwiba kwisiphango.”

Nangona abaNgcwele babejongene nobunzima ngo–1838, nangoko iNkosi yayisalindele lukhulu kubo. Khangela amagama kwiMfundiso neMinqophiso 115:5-6 awagxininisa indima iNkosi efuna iBandla kunye namalungu ayo ayifezekisise ehlabathini. Umzekelo, yintoni oziva ukuba ungayenza “uphakame [u]ze [u]qaqambe ngaphambili”? (umqolo 5). Zeziphi iziphango zomoya oziqaphelayo ezikungqongileyo, kwaye sisifumana njani “isigwiba” ngokuhlangana? (umqolo 6).

Bona futhi 3 Nifayi 18:24.

IMfundiso neMinqophiso 117

Amadini am anyulu eNkosini.

Ukushiya i-Kirtland bekunganzima ngakumbi kubantu abafana no-Newel K. Whitney, owayesekele usapho lwakhe ubomi bempumelelo khona. Yintoni oyifumanayo kwi Mfundiso neMinqophiso 117:1-11 eyayinokubanceda benze elidini? Ingaba le miqolo iyitshintsha njani indlela obona ngayo ngokubalulekileyo ngokwenene?

Idini elalicelwe ku-Oliver Granger lwalohlukile: INkosi yamthuma ukuba ahlale e-Kirtland kwaye ahlawule iimali zeBandla. Yayingumsebenzi onzima, kwaye nangona wayemele iBandla ngengqibelelo, ekugqibeleni azange abuyise imali engako. Cingisisa indlela amazwi eNkosi kwimiqolo 12–15 angasebenza ngayo kwizinto iNkosi ethe yakucela zona.

Bona futhi UMateyu 6:25–33.

Umfanekiso
I-Adam-ondi-Ahman eDaviess Khawunti, Missouri

UNewel K. Whitney wayalelwa ukuba makathuthele e-Adam-ondi-Ahman, ngokuboniswa apha kulo mfanekiso.

IMfundiso neMinqophiso 119–20

Ngokuhlawula isishumi, ndinceda ukwakha “nokungcwalisela umhlaba weZiyon.”

Imiyalelo ekwi candelo 119 kunye no 120 ivakala iyelelene nendlela umsebenzi weNkosi ohlawulelwa ngayo kwixesha lethu. Namhlanje, abaNgcwele benza igalelo “lwesinye eshumini sayo yonke inzala [ngoku okuqondwa njengo mvuzo] yabo ngonyaka” (IMfundiso neMinqophiso 119:4), kwaye iimali ziphathwa libhunga eliquka uBongameli Bokuqala, iQumrhu labaliShumi Elinambini, kunye noBubhishophu oBongameleyo. Cingisisa le mibuzo ilandelayo njengoko ufunda la macandelo:

  • Ingaba ukuqaphela umthetho wesishumi “kungcwalisela umhlaba weZiyon” njani? Ingaba lomthetho unceda njani ukwenza indawo ohlala kuyo “umhlaba weZiyoni ku[we]”? (IMfundiso neMinqophiso 119:6).

  • Yintoni enentsingeselo kuwe ngeli binzana “nangelizwi lam kubo” kwi Mfundiso neMinqophiso 120?

Bona futhi Malaki 3: 3:8–12.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 115:4–6Kungalusebenzela usapho lwakho ukufunda le miqolo ngelixa lubukele ilanga liphuma? Kunganinceda ukuba nixoxe ukuba kuthetha ntoni “phakamani nize niqaqambe ngaphambili” (umqolo 5). Okanye ningaxoxa ngokuba kunjani ukukhangela isikhuselo ngexesha lesiphango. Ingaba loo mava angafani njani nokufumana “igwiba” eBandleni? (umqolo 6). Beninokuthi emveni koko nithethe ngeendlela usapho lwakho lunganceda abanye ngazo bonwabele igwiba iBandla elibonelela ngalo.

IMfundiso neMinqophiso 117:1–11.Usapho lwakho lungathelekisa “ithontsi” nento ethile “enobunzima” (umqolo 8), efana nejagi yamanzi. Oku kungakhokelela kwingxoxo emalunga nezinto ezingabalulekanga kakhulu ebomini bethu ezinosikuthintela ekubeni sifumane intabalala yeentsikelelo zikaThixo.

IMfundiso neMinqophiso 119.  Yintoni eli candelo 119 eliyifundisayo ngokuba kutheni sihlawula izishumi? Abantwana abancinane nabo bangazuza kwimfundiso emalunga nento: ungabanika izinto ezincinci, ubanceda babale izishumi, kwaye ubaxelele ukuba kutheni uzihlawula.  

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Kuthaza ukuzimela “Xa [amalungu osapho] enemibuzo, ngamanye amaxesha kungcono ukuwafundisa indlela yokuzifumanela iimpendulo ngokwawo, kunokuyiphendula imibuzo ngokukhawulezileyo” (Teaching in the Savior’s Way, 28).

Umfanekiso
imisebenzi yezishumi

Ukunikezela ngeshumi lethu ekhulwini kwiNkosi njengesishumi kunceda ukuqhubela phambili umsebenzi waYo osindisayo.

Shicilela