IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMqungu 4–10. IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26: “Ndabona iNtsika Yomlilo”


“EyoMqungu 4–10. IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26: ‘Ndabona iNtsika Yomlilo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMqungu 4–10. IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso: 2021

Umfanekiso
Igcume Lemithi Elingcwele

Sacred Grove, by Greg K. Olsen

EyoMqungu 4–10

IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26

“Ndabona iNtsika Yomlilo”

Njengoko ufunda IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26, yeyiphi imiyalezo oyifumanela ubomi bakho? Yintoni exabiseke kakhulu kuwe nosapho lwakho?

Bhala Iimvakalelo Zakho

IMfundiso neMinqophiso yincwadi yeempendulo kwimithandazo: uninzi lwezityhilelo ezingcwele kule ncwadi zeza njengempendulo kwimibuzo. Ngoko ke kufanelekile ukuqala ukufunda IMfundiso neMinqophiso ngokuthathela ingqalelo kwimibuzo eyaqala uthululo lwesityhilelo kulemihla yokugqibela—lowo uJoseph Smith owawubuza egcumeni lemithi ngonyaka ka-1820. “Imfazwe yamazwi nesiphithiphithi sezimvo” (IMbali— kaJoseph Smith 1:10) yashiya uJoseph Smith ebhidekile malunga nenkolo kwakunye nesimo somphefumlo wakhe; mhlawumbi ungangqinelana noko. Zininzi izimvo ezingquzulanayo kwakunye namazwi athundezayo kwezintsuku zethu, kwaye xa sifuna ukuhlela kule miyalezo kwaye sifumane inyaniso, nathi singenza oko kwenziwa nguJoseph. Singabuza imibuzo,sifunde izibhalo ezingcwele, sicinge ngokunzulu, kwaye ekugqibeleni sibuze uThixo. Kwimpendulo yomthandazo kaJoseph, intsika yomlilo yehla iphuma ezulwini; uThixo uBawo kunye noYesu Krestu bavela kwaye baphendula imibuzo yakhe. Ubungqina bukaJoseph baloo mava wommangaliso buyabhengeza ngenkalipho ukuba “ubani [oswele] ubulumko angabuza kuThixo kwaye afumane” (IMbali— kaJoseph Smith 1:26). Sonke singafumana, ukuba akungombono wezulu,[noko] umbono ocacileyo ngokuncinane, okhanyiswa kukukhanya kwezulu.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26

UJoseph Smith unguMprofeti weMbuyiselo.

Injongo yembali kaJoseph Smith yayikukusibeka “ekuqondeni okuyinene” kuba inyaniso ngoJoseph yayisoloko iguqu-guqulwa (IMbali— kaJoseph Smith 1:1). Njengoko ufunda IMbali— kaJoseph Smith 1:1–26, yintoni eyomeleza ubungqina bakho ngobizo lwakhe lobuthixo? Phawula ubungqina obufumanayo bokuba iNkosi yayimlungiselele umsebenzi wesiprofeto uJoseph Smith. Njengoko ufunda, ungabhala iingcinga zakho neemvakalelo zakho malunga noJoseph Smith kunye nobungqina bakhe.

Bona futhi Saints, 1:3–19.

IMbali— kaJoseph Smith 1:5–20

Ukuba ndicela ngokholo, uThixo uya kuphendula.

Ingaba wawukhe “waswela ubulumko” okanye waziva ubhidekile malunga nesigqibo owawudinga ukusenza? (IMbali— kaJoseph Smith 1:13). Yintoni oyifundayo kumava kaJoseph Smith kwimiqolo 5–20? Cinga ngemfuno yakho yobulumko nokuqonda okukhulu, kwaye ucingisise ukuba uya kuyifuna kanjani inyaniso.

Bona kwakhona 1 Nifayi 10:17–19; 15:6–11; Russell M. Nelson, “Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Ensign okanye Liyahona, uCanzibe 2018, 93–96.

Umfanekiso
intombazana encinane ithandaza

Singayibuza imibuzo yethu kuThixo ngomthandazo.

IMbali— kaJoseph Smith 1:15–20

Kutheni kukhona iingxelo ezahlukeneyo ngoMbono wokuQala?

Ngelixa lobomi bakhe, uJoseph Smith waye wabhala amava akhe eGcumeni Elingcwele kangangamatyeli amane ebuncinaneni, ixesha elininzi esebenzisa umbhali. Ekongezeleleni koku, iingxelo eziliqela ezingezizo zoqobo zazibhalwe ngabantu ababeve uJoseph ethetha ngombono wakhe. Nangona ezi ngxelo zisahluka kwezinye iinkcukacha, ngokuxhomekeke kubaphulaphuli kunye nakwisicwangciso, zona ziyavumelana ngenye indlela. Kwaye ingxelo nganye yongeza iinkcukacha ezithi zisincede siqonde ngokungcono amava kaJoseph Smith, ngokufana nenye yeeVangeli ezine ezisinceda ukuba siqonde kangcono ulungiselelo loMsindisi.

Ukufunda ezinye iingxelo zikaJoseph, bona “First Vision Accounts” (Izihloko zeVangeli. topics.ChurchofJesusChrist.org). Yintoni oyifundayo xa ufunda zonke ezi ngxelo?

IMbali— kaJoseph Smith 1:15–20

UMbono wokuQala waye waqala ukubuyiswa kwevangeli kaYesu Krestu.

UJoseph Smith wayethemba ukuba uThixo wayeya kuwuphendula umthandazo wakhe, kodwa wayengalindelanga ukuba loo mpendulo yayiya kubuguqula njani ubomi bakhe—kunye nehlabathi. Njengoko ufunda ngamava kaJoseph Smith, cinga ngokuba uMbono wokuQala ubuguqule kanjani ubomi bakho. Ngokomzekelo, ubungagqibezela esi sivakalisi ngeendlela ezahlukeneyo: “Ngenxa yokuba uMbono wokuQala wenzeka, ndiyazi ukuba” Ingaba usikeleleke kanjani ngenxa yoMbono wokuQala?

Bona futhi “Ask of God: Joseph Smith’s First Vision,” video, ChurchofJesusChrist.org; Saints, 1:14–19; Russell M. Nelson, “Hear Him,” Ensign okanye Liyahona, May 2020, 88–92.

IMbali— ka Joseph Smith 1:21–26

Ndingahlala ndinyanisekile kwinto endiyaziyo, nokuba abanye bayandala.

Enye yeentsikelelo zezibhalo ezingcwele yeyokuba ziqulathe imizekelo ephembelelayo yamadoda namabhinqa anobukroti awawejongene nemingeni ngokholo kuYesu Krestu. Xa uJoseph Smith wayejongene nenkcaso ngenxa yombono wakhe, waye wazifanisa noMpostile uPawulos, owaye watshutshiselwa ukuthi wayebone umbono. Njengoko ufunda ingxelo kaJoseph, ingaba yintoni ekuphembelela ekubeni uhlale unyanisekile kubungqina bakho? Yeyiphi eminye imizekelo—ephuma kwizibhalo okanye abantu obaziyo—ekunika isibindi sokuba uhlale unyanisekile kumava omoya othe wabanawo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMbali—kaJoseph Smith 1:6.Singakuphatha kanjani ukungavumelani ngaphandle kokuba sixabane njengaba bantu abachazwa kulo mqolo?

IMbali—ka Joseph Smith 1:11–13.Ukufunda le miqolo kungaphembelela amalungu osapho ukuba abelane ngamava xa umqolo wezibhalo uthe wachukumisa iintliziyo zawo kwaye wawakhuthaza ukuba enze intshukumo.

IMbali—kaJoseph Smith 1:16–20.Njengoko usapho lwakho lufunda le miqolo, cingisisa ngokubonisa umfanekiso okhapha esi sishwankathelo okanye omnye umfanekiso woMbono wokuQala (mhlawumbi usapho lwakho lungakuvuyela ukuzoba umfanekiso ongowabo). Ningabukela kwakhona umboniso bhanya-bhanya “Ask of God: Joseph Smith’s First Vision” (ChurchofJesusChrist.org). Omnye nomnye angenza uluhlu lweenyaniso esizifunda kulo mbono, kwaye nabelane omnye nomnye ngoluhlu olo. Eli liya kuba lixesha elimyoli kumalungu osapho ukuba abelane ngokuba abufumana njani ubungqina bawo boMbono wokuQala kaJoseph Smith.

IMbali—kaJoseph Smith 1:17.Xa uThixo wayevela kuJosph Smith, Yena wabiza uJoseph ngegama. Ingaba kwakunini apho amalungu osapho lwakho aziva ngathi uBawo oseZulwini uyawazi ngobuqu?

IMbali—kaJoseph Smith 1:21–26.Singaphendula kanjani xa abantu bebuza ubungqina bethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Joseph Smith’s First Prayer,” Hymns, no. 26.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi embuyiselo

Amazwi eMbuyiselo

Usapho lukaJoseph Smith

Omnye nomnye kuthi uchukunyiswa ngokunzulu bubomi beentsapho zethu, kwaye naye uJoseph Smith wayengohlukanga. Iinkolelo zabazali bakhe kwezonqulo kunye nezenzo zabo zatyala iimbewu zokholo ezathi zenza iMbuyiselo ibe yimpumelelo. Ijenali kaJoseph ishicilela lo mnikelo: “Amagama nolwimi awonelanga ukuvakalisa umbulelo endiwutyala uThixo ngokuba endiphe abazali abahlonipheke ngoluhlobo.”1

Ezi zicatshulwa zilandelayo zibuya kumama wakhe, uLucy Mack Smith, umntakwabo uWilliam Smith; kwakunye noMprofeti buqu bakhe basithela tshuphe ngempembelelo yezenkolo kwikhaya lakwaSmith.

Umfanekiso
Usapho lakwaSmith

Joseph Smith Family, by Dan Baxter

ULucy Mack Smith

Umfanekiso
ULucy Mack Smith

“[Malunga emnyakeni ka-1802], ndandigula. … Ndazixelela, andikulungelanga ukufa kuba andizazi iindlela zikaKrestu, kwaye kwakubonakala kum ngokungathi kwakunomsintsi omnyama nobulolo phakathi kwam noKrestu endandingalingi nokuwunqumla. …

“Ndaye ndakhangela eNkosini ndayicenga ndiyibongoza iNkosi okokuba ibusindise ubomi bam ukuze ndikwazi ukukhulisa abantwana bam kwaye ndithuthuzele intliziyo yomyeni wam; ndandingqengqa kanjalo ubusuku bonke. … Ndenza umnqophiso noThixo [wokuba] ukuba yena wayengandivumela ukuba ndiphile, ndandiya kwenza iinzame zokufumana loo nkolo eyakuthi indenze ukuba ndimkhonze ngokufanelekileyo, nokuba yayiseBhayibhileni okanye naphina apho yayifumaneka khona, nokuba yayifunyanwa ezulwini ngomthandazo nangokholo. Ekugqibeleni ilizwi lathetha nam lathi, ‘Funani,nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Intliziyo yakho mayithuthuzeleke. Wena uyakholwa kuThixo; kholelwa nakum.’ …

“Ukusukela ngeli xesha ukuya phambili ndaye ndafumana amandla ngokuqhubekekayo. Ndatsho kodwa okuncinane kumxholo wenkolo nangona yayihleli engqondweni yam ngokupheleleyo, kwaye ndandicinga ukuba ndandizakwenza yonke inyameko kamsinyane ekukwazini ukukhangela omnye umntu owayethandaza owayesazi iindlela zikaThixo ukuba andiyalele ngezinto zaseZulwini.”2

UWilliam Smith

Umfanekiso
UWilliam Smith

“Umama wam, owayelibhinqa elithandazayo kwaye enomdla omkhulu kwintlalontle yabantwana bakhe, apha nakwelizayo, waye wasebenzisa zonke iinzame ezathi uthando lomzali lungazicebisa, ukusenza sibandakanyeke ekufuneleni imiphefumlo yethu intsindiso okanye (njengoko kwakusaziwa ngoko) ‘ekufumaneni inkolo.’ Yena wayesikhuthaza ukuba sizimase imihlangano, kwaye phantse lonke usapho lwabanomdla kulo mcimbi, kunye lwabangabakhangeli benyaniso.”3

“Sasisoloko sinemithandazo yosapho kusukela ekukhumbuleni kwam. Ndikhumbula kakuhle utata wayedla ngokuthwala iindondo zakhe kwipokotho yakhe yevesti, … kwaye thina makhwenkwe xa sasimbona ekhangela iindondo zakhe, sasisazi ukuba oko yayiluphawu lokulungiselela umthandazo, kwaye ukuba sasingaluqaphelanga umama waye athi, ‘William,’ okanye nokuba ngubani na owayenganakanga, ‘lungiselela umthandazo.’ Emveni kokuba sisathandazile sasineculo esasilicula.”4

Umfanekiso
izibuko phezu kwezibhalo

UJoseph Sr. noLucy Smith babefundisa usapho lwabo ukuba lufunde izibhalo ezingcwele.

UJoseph Smith

Umfanekiso
UJoseph Smith

“Ngoku ndiyatsho ukuba [utata wam] akazange enze senzo singcolileyo ekwakunokuthiwa sasingenasisa, ebomini bakhe, ngokolwazi lwam. Ndandimthanda utata wam kunye neenkumbulo zakhe; kunye nenkumbulo yezenzo zakhe ezindilisekileyo, zinempembelelo enkulu engqondweni yam; kwakunye noninzi lwamazwi akhe obubele nobuzali kum, abhaliwe ecwecweni lentliziyo yam. Okungcwele kum, ziingcinga endizixabisayo zembali yobomi bakhe, eyathi yahlala engqondweni yam kwaye yafakwa apho, ngokwengqwalasela yam kusukela ndazalwa. … Umama wam naye ngomnye wabandilisekekile, kwaye engogqwesileyo kubo bonke abafazi.”5

Umfanekiso
UMbono wokuQala

The First Vision of the Restoration, by Michael Bedard

Shicilela