IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMnga 28–EyoMqungu 3. Imfundiso Neminqophiso 1: “Phulaphulani, Owu Nina Bantu”


“EyoMnga 28 – EyoMqungu 3. Imfundiso Neminqophiso 1: ‘Phulaphulani, Owu Nina Bantu’” Uze , Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“EyoMnga 28 – EyoMqungu 3. Imfundiso Neminqophiso 1,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo ezingcwele

EyoMnga 28 – EyoMqungu 3

IMfundiso neMinqophiso 1

“Phulaphulani, Owu Nina Bantu”

Cinga ngeMfundiso Neminqophiso 1 njengentshayelelo yobuqu beNkosi kulencwadi yezityhilelo zaKhe zemihla yokugqibela. Yintoni Yena afuna wena uyazi malunga neeMfundiso Neminqophiso? Cingisisa ngalombuzo, kwaye ubhale phantsi uluvo olukufikelayo njengoko ufunda icandelo 1.

Bhala Iimvakalelo Zakho

KweyeNkanga ka-1831, iBandla elibuyisiweyo likaYesu Krestu lalinonyaka onesiqingatha nje ubudala. Nangona lalikhula, laliseliqela elingaziwayo lamakholwa elalihlala kwigugu lelizwe elalineezindlu ezimbadlwana, elalikhokelwa ngumprofethi owayephakathi kwiminyaka engamashumi amabini. Kodwa uThixo wayewathathele ingqalelo la makholwa njengezicaka zaKhe kunye nabathunywa baKhe, kwaye Yena wayefuna izityhilelo ezo wayebanikeze zona ukuba zipapashwe ehlabathini.

Imfundiso Neminqophiso icandelo 1 liyintshayelelo yeNkosi kwingqokelela yezi zityhilelo, kwaye kuyabonakala ngokucacileyo nangona ubulungu beBandla babubuncinane, kwakungekho nto incinane malunga nomyalezo uThixo owayefuna ukuba abaNgcwele baKhe babelane ngawo. Lona “lilizwi lesilumkiso(”) kubo bonke “abemi bomhlaba,” libafundisa ukuba baguquke nokuba baseke “umnqophiso wanaphakade” kaThixo (imiqolo 4, 8, 22). Izicaka ezithwala lo myalezo “ngababuthathaka nabaqhelekileyo”, kodwa izicaka ezithobekileyo yeyona nto uThixo ayifunayo — ngokuya nangoku—nokuba iBandla laKhe ukuba “liphume emfihlakalweni nasebumnyameni”(imiqolo 23, 30).

Ngokuthe vetshe malunga nembali yeMfundiso Neminqophiso 1 , bona Saints, 1:140–43.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 1

INkosi iyandimema ukuba “ndiphengulule le miyalelo.”

Intshayelelo yazisa incwadi. Yona ichonga imixholo neenjongo zencwadi kwaye inceda abafundi balungiselele ukufunda. Njengoko ufunda icandelo 1— (“)intshayelelo(”) yeNkosi kwiiMfundiso Neminqophiso (umqolo 6) —khangela imixholo neenjongo iNkosi eyathi yazinikela izityhilelo zaYo. Yintoni oyifunda kwicandelo 1 eyakuthi ikuncede ufumane inzuzo eninzi kwisifundo sakho seeMfundiso Neminqophiso? Ngokomzekelo, mhlawumbi ungacinga ngokunzulu ukuba kuthetha ukuthini “ukuva ilizwi leNkosi” kwezi zityhilelo (umqolo 14) okanye “ukuphengulula le miyalelo” (umqolo 37).

Bona kwakhona intshayelelo yeeMfundiso Neminqophiso.

IMfundiso Neminqophiso 1:1–6, 23–24, 37–39

UThixo uthetha ngezicaka zaKhe, kwaye amazwi aKhe ayakuzaliseka.

Icandelo 1 liqala kwaye liphela ngesibhengezo sikaThixo sokuba Yena uthetha ngezicaka zaKhe ezikhethiweyo (bona imiqolo 4–6, 23–24, 38). Bhala phantsi oko ukufunda kwesisityhilelo malunga neNkosi nelizwi laYo. Yintoni oyifundayo malunga nezicaka zeNkosi? Wawukhe waliva nini ilizwi leNkosi kwilizwi lezicaka zaYo? (bona umqolo•38).

Umfanekiso
ihlelo lenkomfa yajikelele

Abaprofethi nabaPostile basifundisa imiyalelo kaThixo.

Imfundiso neMinqophiso 1:3, 24–28, 31–33

Ukuba ndithobekile, ingqeqesho yeNkosi ingandikhokelela ekuguqukeni.

Qaphela ukuba umqolo 3 kunye nemiqolo 24–28, iNkosi yathi izono kunye neziphoso zabantu zaziyakwaziwa. Kwelinye icala, la ngamava abuhlungu nalusizi, kube kwelinye icala kuyimfundiso. Kutheni ezi meko zahlukene kangaka? Cingisisa ngokuba wena uphendula kanjani xa uthi ubenolwazi ngezono zakho nobuthathaka bakho. Ziimpawu zini ozifumana kwimiqolo 24–28 ezingakunceda uphendule ngendlela elungileyo? Yintoni lo mqolo kwakunye nemiqolo 31–33 ekufundisa yona malunga nokuba iNkosi ibubona njani ubuthathaka bakho kunye nezono zakho?

Bona kwakhona Imizekeliso 3:11–12; Etere 12:27; Moronayi 6:8.

Imfundiso NemiNqophiso 1:12–30, 35–36

INkosi yabuyisa ivangeli yaYo ukundinceda ndijongane nemingeni yemihla yokugqibela.

Nangona icandelo 1 lilumkisa ngeentsuku ezixhalabisayo eziyakuza, kwaye liqulethe kwakhona umyalezo wokuqinisekisa: “Mna iNkosi, ndiyazi intlekele eya kuza phezu kwabemi bomhlaba, ndabiza isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ndaye ndathetha kuye ndivela ezulwini” (umqolo 17).

Phawula iintlekele iNkosi eyalumkisa ngazo (bona, ngokomzekelo, imiqolo 13–16, 35). Zeziphi ezinye iintlekele ozibonayo kwihlabathi lanamhlanje —okanye ebomini bakho? ? Imiqolo 17–30 ichaza oko iNkosi ikwenzele kona ekulindeleni ezi ntlekele. Cingisisa ngokwenza uluhlu loko ukufumanayo.

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 1:1–6, 37–39.Ukuqala ingxoxo malunga nezilumkiso ezivela eNkosini, ubungathetha malunga nezilumkiso esizifumana kwabanye malunga neengozi esingaziboniyo thina —ezifana nomgangatho otyibilisayo, isaqhwithi esindlongondlongo, okanye inqwelomafutha esondelayo. Yintoni le mizekelo esifundisayo malunga nezilumkiso zeNkosi? Ngokwe Mfundiso Neminqophiso 1:1–6, 37–39, ingaba iNkosi isilumkisa kanjani? Yintoni Yona ethe yasilumkisa ngayo kutshanje? Mhlawumbi ningabukela okanye nifunde iindawana zemiyalezo yenkomfa yajikelele yakamva nje kwaye nikhangele imizekelo “yelizwi likaThixo lesilumkiso.”

IMfundiso neMinqophiso 1:16.Kuthetha ukuthini “ukuseka ubulungisa [beNkosi]”? Singaqinisekisa kanjani ukuba senza oko, kunokuba “sizihambele endleleni [eyeyethu]”?

IMfundiso neMinqophiso 1:30.Kuthetha ukuthini ukutsho ukuba iBandla “liyinyani neliphilayo”? Ukwenza usapho lwakho lucinge ngalombuzo, mhlawumbi ungalubonisa imifanekiso yezinto eziphilayo neyezinto ezingaphiliyo. Ningaxoxa kwakhona ngento eningayenza njengosapho ukunceda “ukukhupha [iBandla] emfihlakalweni kwaye liphume ebumnyameni.”

IMfundiso neMinqophiso 1:37.Cingisisa ngokucwangcisa njengosapho okokuba niya “kuyiphengulula njani le miyalelo” ekwiMfundiso Neminqophiso kulonyaka. Uzakwenza kanjani ukuba ufundo lwezibhalo zakho lube yinxalenye yobomi bosapho lwakho? Ziingcinga zini zokufunda ezingakunceda ufunde ezibhalweni? (Bona “Iingcinga Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho” esekuqaleni koluncedo.)

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Follow the Prophet,” Children’s Songbook, 110–11, ngakumbi umqolo wokugqibela.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela uYesu Krestu. Injongo yezibhalo ezingcwele kukungqina ngoMsindisi kunye nevangeli yaKhe. Njengoko ufunda Imfundiso Neminqophiso 1, cinga ngokuphawula okanye uqwalasele imiqolo ekufundisa into emalunga noYesu Krestu.

Umfanekiso
INcwadi Yemithetho

Izityhilelo zokuqala ezabuyiselwa kwiBandla zaziqulunqwe kwiNcwadi Yemithetho.

Shicilela