IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMqungu 11–17. IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65: “IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise”


“EyoMqungu 11–17. IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65: ‘IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMqungu 11–17. IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UMoronayi uvela kuJoseph Smith

He Called Me by Name, by Michael Malm

EyoMqungu 11–17

IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65

“IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise”

UMoya oyiNgcwele ungakufundisa ngalo lonke ixesha ufunda izibhalo—nkqu nezibhalo ozifunde amatyeli amaninzi ngaphambili. Ngoko ke vulela izimvo ezintsha nempembelelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Yayiyi minyaka emithathu oko uThixo uYise noNyana waKhe, uYesu Krestu, baziveza kuJoseph Smith ehlathini, kodwa kwakungekabikho sityhilelo sisesinye uJoseph awayesele esifumene ukusukela ngoko. Waye waqalisa ukucinga ngobume bakhe phambi kweNkosi. Njengathi sonke, wayenze iimpazamo, kwaye wayeziva egwetywa zizo. Kanti uThixo wayesenomsenzi ambekele ukuba awenze. Kwaye umsebenzi uJoseph owayebizelwe ukuba awenze uqhakamshelene noko uThixo asicela kona. UJoseph wayeza kuzisa ngaphambili iNcwadi kaMormoni; yintoni esicelwe ukuba siyenze ngayo? UJoseph wayeza kufumana izitshixo zobubingeleli zokuguqulela iintliziyo zabantwana kooyise; siziguqulela njani iintliziyo zethu kwizinyanya zethu? UJoseph waxelelwa ngeziprofeto ezaziza kuzalisekiswa kungekudala; yintoni indima yethu ekuncedeni ukuzizalisekisa? Xa sithatha inxaxheba emsebenzini kaThixo, thina singalindela ukujongana nenkcaso kunye nkqu nentshutshiso, ngokufanayo nje noMprofeti. Kodwa nathi singabanokholo lokuba iNkosi iya kusenza izixhobo ezandleni zaYo, njengoko Yona yayenzile kuJoseph.

Bona futhi Saints, 1:20–48.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMbali—kaJoseph Smith 1:27–33

UThixo unomsebenzi afuna ukuba ndiwenze.

Njengoko ufunda IMbali—kaJoseph Smith 1:27–33, cingisisa ngokuba uThixo unomsebenzi afuna ukuba uwenze, njengoko wenza njalo nakuJoseph Smith. Cingisisa ngesi simemo sikaMongameli Russell M. Nelson: “Buza uBawo wakho oseZulwini, egameni likaYesu Krestu, ukuba Yena uziva njani ngawe kwanangomsebenzi wakho apha emhlabeni. Ukuba ubuza ngenjongo yokwenene, ekuhambeni kwexesha uMoya uya kukusebeza inyaniso eguqula ubomi kuwe. … Mna ndiyakuthembisa ukuba xa uqalisa ukubamba nje nokuba nguthsuphe wokuba ukubona njani uBawo oseZulwini noko athembele kuwe ukuba umenzele kona, ubomi bakho abusoze buphinde bufane! ” (“Becoming True Millennials” [worldwide devotional for young adults, Jan. 10, 2016], broadcasts.ChurchofJesusChrist.org).

Usenokuziva ngamanye amaxesha ngendlela efanayo naleyo uJoseph wayeziva ngayo kwimiqolo 28–29. Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaJoseph malunga nento onoyenza xa izenzo zakho zingahambelani nomsebenzi uThixo akubize ukuba uwenze?

IMbali—kaJoseph Smith 1:34–65

INcwadi kaMormoni iqulathe “inzaliseko yeVangeli yanaphakade.”

Njengoko ufunda IMbali—kaJoseph Smith 1:34–65, cingisisa ngokuba zeziphi iinkcukacha kule miqolo ebezinokuba nomtsalane kuwe ukuba ubungekeva ngeNcwadi kaMormoni ngaphambili. Njengokholwayo, kutheni le ngxelo ibalulekile kubungqina bakho beNcwadi kaMormoni?

Cingisisa ngokuba iNcwadi kaMormoni izizalisekisa kanjani iziprofeto ku-Isaya 29:4, 11–18.

IMbali—kaJoseph Smith 1:36–41

IMbuyiselo yevangeli yazalisekisa iziprofeto zamandulo.

UMoronayi wacaphulela uJoseph iziprofeto eziliqela kwiTestamente eNdala neNtsha , ezifana no- Isaya 11; Izenzo 3:22–23; kunye Yoweli 2:28–32. Kutheni ezi ziprofeto zazinokubaluleka ukuba uJoseph azazi? Kutheni zibalulekile ukuba wena uzazi?

IMfundiso neMinqophiso 2

Yintoni eyabuyiselwa ngu-Eliya?

UMongameli Henry B. Eyring wathi: “Kubalulekile ukwazi ukuba kutheni iNkosi yathembisa ukuthumela u-Eliya. U-Eliya wayengumprofeti omkhulu nonamandla amakhulu awayewanikwe nguThixo. Yena wayenawona mandla makhulu uThixo awanika abantwana baKhe; wayebambe amandla okutywina, amandla okubophelela emhlabeni kwaye kubotshelelwe nasezulwini”(“Hearts Bound Together,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2005, 78).

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 110:13–16;David A. Bednar, “Let This House Be Built unto My Name,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 84–87.

Umfanekiso
ITempile yasePalmyra New York entwasahlobo

ITempile yasePalmyra New York. Iintsapho ziyatywinwa etempileni ngamandla abuyiselwa ngo-Eliya.

IMfundiso neMinqophiso 2

U-Eliya weza ukuzokuguqulela intliziyo yam kwizinyanya zam.

Yintoni amagama awafana no- “tyala,”“iintliziyo,” kunye no“guqula,” kweli candelo akufundisa malunga nomsebenzi ka-Eliya kunye neentsikelelo zezitshixo zobubingeleli awazibuyiselayo? Ingaba wawukhe wayiva kanjani intliziyo yakho iguqukela kwizinyanya zakho? Cinga ngeendlela onokuziva ngayo iimvakalelo ezinje rhoqo. Mhlawumbi ungacela isizalwana ukuba sabelane ngebali elimalunga nesinye sezinyanya zakho—ngokungcono ungalishicilela. Mhlawumbi ungachonga isinyanya esaswelekayo esingazange sayifumane imimiselo yevangeli kwaye emva koko uwenze loo msebenzi etempileni.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Losapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMbali—kaJoseph Smith 1:28–29.Ingaba uJoseph Smith wayeziva njani malunga neempazamo zakhe? Yintoni awayenzayo ukuphendula oko wayekuva? Yintoni esiyifunda kuye malunga noko kumele sikwenze xa sisenza iimpazamo?

IMbali—kaJoseph Smith 1:33–54.Ungacela ilungu losapho ukuba lifundele phezulu inxalenye yawo okanye wonke umyalezo kaMoronayi osuka kwi- IMbali—kaJoseph Smith 1:33–42 amatyeli amane (ngoba uMoronayi wawuphindaphinda amatyeli amane lo myalezo). Phakathi kofundo ngalunye, cela amanye amalungu osapho ukuba abelane ngoko akukhumbulayo kulomyalezo wakhe, ngaphandle kokujonga kwizibhalo. Kutheni iNkosi inokuyiphindaphinda amatyeli aliqela imiyalezo ebalulekileyo? Zeziphi ezinye iindlela iNkosi esifundisa ngazo ngokuphindaphinda?

IMfundiso neMinqophiso 2:2.Ukunceda abantwana bakho baziqonde “izithembiso ezenziwa kooyise,” ningafunda Abraham 2:9–11 kunye okanye nibukele umboniso bhanyabhanya “Special Witnesses of Christ—President Russell M. Nelson” (ChurchofJesusChrist.org). Chonga izithembiso uThixo awazenzayo njengenxalenye yomnqophiso waKhe ku-Abraham. Thina “sizityala” kanjani ezi zithembiso ezintliziyweni zethu?

IMfundiso neMinqophiso 2:2–3.Ukunceda amalungu osapho aguqulele iintliziyo zawo kooyise (okanye izinyanya), ungawamema ukuba afunde ngesinyanya esithile kwaye abele usapho lonke ngoko akufundayo. Kutheni iNkosi ifuna sifunde ngamalungu osapho lwethu kwaye siwenzele imimiselo yasetempileni? Ingaba sisikeleleka kanjani xa sithatha inxaxheba kwimbali yosapho kunye nasemsebenzini wasetempileni? (bona Dale G. Renlund, “Family History and Temple Work: Sealing and Healing,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2018, 46–49).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Family History—I Am Doing It,” Children’s Songbook, 94.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa amancedo okufunda izibhalo. Izixhobo ezinjenge zalathiso ezisezantsi, Isikhokelo Sezihloko, Isichazi-magama seBhayibhile, Isikhokelo seZibhalo, kunye ChurchofJesusChrist.org zingakunceda ukuba ubaqonde ngcono abantu, iziganeko, kunye namabinzana akwizibhalo.

Umfanekiso
UMoronayi unika uJoseph Smith amacwecwe egolide

Joseph Receives the Plates, by Gary E. Smith

Shicilela