IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMqungu 18–24. IMfundiso Neminqophiso 3-5; “Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili”


“EyoMqungu 18–24. “IMfundiso Neminqophiso 3-5; “Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“EyoMqungu 18–24. “IMfundiso Neminqophiso 3-5,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
amadoda esebenza entsimini

Ixesha lesivuno eFrance, nguJames Taylor Harwood

EyoMqungu 18–24

IMfundiso neMinqophiso 3–5

“Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili”

Bhala phantsi oko ukufundayo nokuvayo njengoko ufunda izibhalo ezingcwele. Oku kuya kukunceda ukhumbule loo mizwa kwaye wabelane ngayo nabanye.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwixesha leminyaka embalwa yokuqala njengomprofethi weNkosi, uJoseph Smith wayengekayazi yonke into malunga “nomsebenzi omangalisayo” awayewubizelwe ukuwenza. Kodwa into enye emaveni wakhe wokuqala yamfundisa yayi yeyokuba ukuze awulungele umsebenzi kaThixo, iliso lakhe ngokwenene kufuneka “libe linye ekujongeni uzuko lukaThixo” (Imfundiso Neminqophiso 4:1,-5). Ngokomzekelo, ukuba iNkosi yayimnike ingcebiso eyayingahambelani neminqweno yakhe, kwakumele alandele ingcebiso yeNkosi. Nokokuba “wayenezityhilelo ezininzi …namandla okwenza imisebenzi emininzi enamandlakazi,” ukuba intando yakhe ibaluleke kakhulu emehlweni akhe ukwegqitha intando kaThixo, yena “umele ukuwa” (Imfundiso Neminqophiso 3:4). Kodwa uJoseph wayefunde okuthile okwakubalulekile malunga nokwenza umsebenzi kaThixo: “uThixo unenceba” kwaye ukuba uJoseph wayeguquke ngokwenene, “wayesanyuliwe” (umqolo•10). Emveni kwako konke, umsebenzi kaThixo isengulowo wokukhulula. Kwaye loo msebenzi “awunakutyhafiswa” (umqolo 1).

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 3:1–15

Kumele ndithembe uThixo kunokuba ndoyike umntu.

Kwasekuqaleni ekulungiseleleni kukaJoseph Smith, kwakunzima ukufumana abahlobo abalungileyo—ngakumbi abahlobo abafana noMartin Harris, indoda ehlonitshwayo, ephumeleleyo, eyayikwizinga lokubonelela ngenkxaso exabisekileyo. Kwaye uMartin wayemxhasa uJoseph ngentliziyo yakhe, nangona oko kwamlahlekisela ngentlonipho yoontanga bakhe kwaye kwakudinga nenkxaso yezezimali.

Ngoko ke kulula ukubona ukuba kungani uJoseph wayefuna ukuhlonipha isicelo sikaMartin sokuthatha isahlulo sokuqala senguqulelo yeNcwadi kaMormoni ukuya kusibonisa umkakhe, owayethandabuza ubunyani beNcwadi kaMormoni. UJoseph waqhubeka ebuza iNkosi ngesisicelo, nkqu naxa Yona yayilandulile, kwade ekugqibeleni, emveni kokuba uJoseph wayecelile ityeli lesithathu, iNkosi yathi ewe. Ngosizi, ingqangi yaye yalahleka xeshikweni yayiselugcinweni lukaMartin, kwaye uJoseph kunye noMartin baye bakhalinyelwa yiNkosi ngokungqongqo (bona Saints, 1:51–53).

Njengoko ufunda Imfundiso Neminqophiso 3:1-15, cingisisa ngokuba izimvo zabanye abantu zingakuchaphazela kanjani. Mhlawumbi ungaphawula kwakhona ukuba ngaphezulu kokukhalimela uJoseph Smith, iNkosi yaye yathetha amazwi anenceba. Yintoni oyifundayo kwindlela iNkosi eyathi yalungisa kwaye yakhuthaza ngayo uJoseph? Yingcebiso yini na oyifumanayo engathi ikuncede xa ulingeka ekubeni woyike abanye abantu ngaphezulu kukaThixo?

Bona futhi “The Contributions of Martin Harris,” Revelations in Context, 1–9, history.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 4

INkosi indicela ukuba ndiyisebenzele ngentliziyo yam yonke.

Icandelo 4 lisoloko lisetyenziswa kubafundisi bevangeli besigxina. Kodwa, kunikisa umdla kakhulu ukuphawula ukuba esi sityhilelo sasinikwe uJoseph Smith Sr. ekuqaleni, owayengabizelwa emsebenzini wokufundisa ivangeli kodwa wayesese “neminqweno yokusebenzela uThixo” (umqolo•3).

Enye indlela yokufunda eli candelo kukuba nomfanekiso ngqondweni wokuba walo njengenkcazelo yomsebenzi womntu ofuna ukwenza umsebenzi weNkosi. Zithini iziqinisekiso zokulungela oko? Kutheni obu buchule okanye ezi mpawu ziyimfuneko? Mhlawumbi ungakhetha ngomthandazo into enye ongayenza ngokungcono ukuze “ufanele umsebenzi” (umqolo 5).

IMfundiso neMinqophiso 5

Ndingazifumanela obam ubungqina beNcwadi kaMormoni.

Umfanekiso
UMartin Harris

Martin Harris, ngu Lewis A. Ramsey

Ukuba ubunokubizwa kwinkundla yamatyala ukuba unike ubungqina ngobunyani beNcwadi kaMormoni, bungqina buphi obuza kubunika? Umbuzo okwafanayo nalowo wawusengqondweni kaMartin Harris, xa inkosikazi yakhe, uLucy, wafaka isityholo sokuba uJoseph Smith wayekhohlisa abantu ngokuzenzisa ngathi wayeguqulela amacwecwe egolide (bona Saints, 1:56–58). Ngoko ke uMartin wacela uJoseph ukuba amnike ubungqina bokuba amacwecwe egolide ayeyinyaniso. . IMfundiso Neminqophiso 5 sisityhilelo esiyimpendulo kwisicelo sikaMartin.

Yintoni oyifunda kwiMfundiso Neminqophiso 5 malunga noku kulandelayo:

IMfundiso neMinqophiso 5:1–10

Esi sizukulwana siya kufumana ilizwi likaThixo ngoJoseph Smith.

Yintoni IMfundiso Neminqophiso 5 ekufundisa yona malunga nendima ebalulekileyo kaJoseph Smith kwelixesha lethu—nasebomini bakho? Cingisisa ngokuba wena ulifumene kanjani ilizwi likaThixo ngoMprofethi Joseph Smith. Cinga ngokushicilela kwincwadana yakho yembali okanye wabelane nomnye umntu ngombulelo wakho weenyaniso ezithe zabuyiswa okanye zacaciswa ngaye.

Bona futhi 2 Nifayi 3:6–24.

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 3:1–4.Cela ilungu losapho ukuba lihambe emgceni “ogoso” kwaye lihambe emgceni othe “tye”. Kuthetha ukuthini kusapho lwethu ukwazi ukuba “iindlela [zikaThixo] zithe tye”?

IMfundiso neMinqophiso 3:7–10.Xa umntu othile esixinzelela ukuba singathobeli uThixo, ziinyaniso zini ezikulemiqolo ezingasinceda ukuba sihlale sinyanisekile? Mhlawumbi amalungu osapho angenza umdlalwana wemeko apho umntu ahlala enyanisekile nangona kunenoxinzelelo lokungathobeli uThixo.

IMfundiso neMinqophiso 4.Njengoko usapho lwakho luxoxa malunga nokuba kuthetha ukuthini ukusebenza entsimini kaThixo, mhlawumbi lungenza umsebenzi egadini (okanye lwenze ngathi luyasebenza). Zeziphi izixhobo ezifunekayo kumsebenzi wasegadini? Yintoni uThixo ayichazayo kwicandelo 4 engathathwa ngathi zizixhobo ezifunekayo ekwenzeni umsebenzi waKhe? Usapho lwakho lungaxoxa malunga nokuba kutheni isixhobo ngasinye sibalulekile ekwenzeni umsebenzi kaThixo.

IMfundiso NeMinqophiso 5:7Yeyiphi eminye imizekelo yeenyaniso esizikholelwayo kodwa zingaziboni? Singamphendula kanjani umhlobo ofuna ubungqina bokuba iNcwadi kaMormoni iyinyaniso?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Will Be Valiant,” Children’s Songbook, 162.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Nkqaya umqolo. “Ukunkqaya isibhalo kukwakha ubuhlobo obutsha. Kufana nokufumanisa umntu omtsha ongakunceda ngexesha lemfuno, akuphe impembelelo nentuthuzelo, kwaye abengumnombo wenkuthazo kwinguquko edingekayo” (Richard•G. Scott, “The Power of Scripture,” Ensign okanye Liyahona, Nov. 2011,•6).

Umfanekiso
UJoseph Smith kunye nabazali bakhe

Umthwalo Wobunzima Wamaphepha ali-116, nguKwani Povi Winder

Shicilela