IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMqungu 25–31. IMfundiso neMinqophiso 6–9: “Lo nguMoya weSityhilelo”


“EyoMqungu 25–31. IMfundiso neMinqophiso 6–9: ‘Lo nguMoya weSityhilelo’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMqungu 25–31. IMfundiso neMinqophiso 6–9,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021

Umfanekiso
umbhali ebhala ephepheni

EyoMqungu 25–31.

IMfundiso neMinqophiso 6-9

“Lo nguMoya weSityhilelo”

INkosi isityhilela iinyaniso ezingqondweni nasezintliziyweni (bona IMfundiso neMinqophiso 8:2–3). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 6–9, shicilela imizwa oyifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwixesha lasekwindla kunyaka ka-1828, umfundisi-ntsapho wesikolo owayeselula owayebizwa u-Oliver Cowdery wathatha umsebenzi wokufundisa eManchester, New York, kwaye wayehlala nosapho lukaLucy kunye noJoseph Smith Sr. U-Oliver wayevile ngonyana wabo uJoseph, owayehlala eHarmony, ePennsylvania, kwaye u-Oliver owayezibona njengomkhangeli wenyaniso, wayefuna ukwazi ngakumbi. AbakwaSmith bachaza ngotyelelo lweengelosi, isibhalo samandulo, kunye nesipho sokuguqulela ngamandla kaThixo. U-Oliver waba nomdla. Ingaba kwakuyinyani? ULucy noJoseph Sr. bamnika icebiso elisebenza nakubani na ofuna inyaniso: thandaza kwaye ucele kwiNkosi.

U-Oliver wenza njalo, kwaye iNkosi yaphendula, ithetha uxolo kunye nesiqinisekiso engqondweni ka-Oliver. Isityhilelo, u-Oliver wafumanisa , ukuba sisenokwenzelwa wena—into awayeza kuyifunda ngokunzulu ngakumbi kwiinyanga ezilandelayo. Isityhilelo ayisiso sabaprofethi kuphela;sesakhe wonke ubani osinqwenelayo kwaye osikhangelayo. U-Oliver wayengekazi yonke into, kodwa wayesazi ngokwaneleyo ukuba athabathe inyathelo elilandelayo. INkosi yayisenza into ebalulekileyo ngoJoseph Smith, kwaye u-Oliver wayefuna ukuba yinxalenye yayo.

Ngenkcukacha ethe vetshe malunga nembali ngasemva kweMfundiso neMinqophiso 6–9, bona Saints,1:58–64;“Days of Harmony” (umboniso bhanyabhanya, ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 6 ; 8-9

UBawo oseZulwini uthetha nam “ngoMoya wenyaniso”

Kwintwasahlobo kunyaka ka-1829 u-Oliver Cowdery wathabatha uhambo oluya eHarmony kwaye wavolontiya ukuba ngumbhali kaJoseph Smith njengoko wayeguqulela iNcwadi kaMormoni. U-Oliver ngoku wayeyibonela kufuphi inkqubo etyhilelayo yenguqulelo. La mava amvuyisa, kwaye wayezibuza ukuba wayengenakusikeleleka na ngesipho sokuguqulela. INkosi yamvumela ukuba alinge ukuguqulela, kodwa ukufumana isityhilelo kwakukutsha ku-Oliver, kwaye ilinge lakhe alizange lihambe kakuhle. Yena kwakusekuninzi ekwakufuneka ekufundile, kwaye IMfundiso neMinqophiso 6, 8, kunye 9 ibonakalisa ukuba iNkosi yayinomdla wokumfundisa.

Njengokuba ufunda la macandelo, qaphela oko iNkosi yakufundisayo malunga nesityhilelo somntu yedwa. Ingaba amazwi aKhe ahambelana kanjani namava othe wena waba nawo—okanye wena ongathanda ukuba nawo?

Ngokomzekelo, yintoni IMfundiso neMinqophiso 6:5–7;8:1;9:7–8 eyicebisayo malunga noko iNkosi ikufunayo ngaphambi kokuba Yona ityhile intando yaYo?

Yintoni oyifunda kwiMfundiso neMinqophiso 6:14–17, 22–24;8:2–3;9:7–9 malunga neendlela ezahlukileyo isityhilelo esinokuza ngazo?

Ingaba ikhona enye into oyifundayo malunga nesityhilelo kulamacandelo?

Ukuze ufunde ngakumbi malunga nesityhilelo, bona uRussell M. Nelson, “Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2018, 93–96; Julie B. Beck, “ And upon the Handmaids in Those Days Will I Pour Out My Spirit,” Ensign okanye Liyahona, May 2010, 10–12. Ngenkcukacha ethe vetshe malunga “nesipho sika-Aron” esichazwa kwicandelo 8, bona “Oliver Cowdery’s Gift,” Revelations in Context, 15–19.

IMfundiso NemiNqophiso 6:18–21, 29–37

Khangelani kuKrestu kuyo yonke ingcinga.

Nangona uJoseph wayesele ehlangene “neemeko ezinzima” xa wayesenza umsebenzi weNkosi (IMfundiso NemiNqophiso 6:18), yena no-Oliver kunokwenzeka ukuba babengenafifi lokuba zaziyakuba nzima kanjani na ezo meko kwiminyaka eliqela elandelayo. Kodwa iNkosi yayisazi, kwaye Yona iyazazi iimbandezelo ezikwikamva lakho nawe. Ingcebiso yaYo kuJoseph kunye no-Oliver kwiMfundiso NemiNqophiso 6:18–21, 29–37 ingakunceda nawe. Inoba baziva njani uJoseph no-Oliver emva kokuva la mazwi? Yintoni oyifumana kulemiqolo ekunceda ukuba uthembe iNkosi? Ungakhangela ngakumbi kanjani kuKrestu ebomini bakho?

Umfanekiso
U-Oliver Cowdery

U-Oliver Cowdery, nguLewis A. Ramsey

IMfundiso neMinqophiso 6–7; 9:3, 7–14

“Kwananjengokuba unqwenela okwam oko kuya kuba njalo kuwe.”

Qaphela ukuba avela amatyeli amangaphi amagama anjengo “umnqweno” okanye “iminqweno” kumacandelo 6 kunye no 7. Yintoni oyifundayo kulamacandelo malunga nokubaluleka uThixo akubeka kwiminqweno yakho? Zibuze nawe umbuzo weNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 7:1: “Unqwenela ntoni?”

Omnye weminqweno yobulungisa ka-Oliver Cowdery—wokuguqulela njengoko uJoseph Smith wenza—awuzange uzalisekiswe. Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 9:3, 7–14, yeyiphi imizwa oyifumanayo enokukunceda xa iminqweno yakho yobulungisa ingazalisekiswa?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 11:8; Dallin H. Oaks, “Desire,”Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2011, 42–45.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 6:7, 13Ungalunceda kanjani usapho lwakho luqondisise ukuba “ubutyebi” bokwenene bufumaneka kubomi obungunaphakade? (umqolo 7). Ubungamema amalungu osapho enze imali yemposiso kwaye abhale okanye azobe kuyo ezinye zeentsikelelo ezininzi usapho lwakho oluzifumeneyo ngenxa yevangeli ebuyiselweyo.

IMfundiso neMinqophiso 6:15, 22–23; 8:2–3; 9:7–9.Ukufunda le miqolo malunga nendlela uThixo athetha ngayo nabantwana baKhe kusenokuba lithuba elihle lokwaba nosapho lwakho ukuba uthethe kanjani kuwe Yena.

IMfundiso neMinqophiso 6:33–37.Amalungu osapho angabelana ngeendlela anako “ukwenza okulungileyo,” naxa eziva esoyika. Kunganceda ukubukela wonke okanye inxalenye yomyalezo kaMdala Ronald A. Rasband “Be Not TroubledEnsign okanye Liyahona, Nkanga 2018, 18–21). Kuthetha ukuthini “khangelani [kuKrestu] kuyo yonke ingcinga”? (umqolo 36). Yeyiphi eminye yemizekelo yabantu abaguqukela eNkosini ukuze boyise intandabuzo kunye noloyiko? (Bona, umzekelo, Estere 4;Alma 26:23–31).

IMfundiso neMinqophiso 8:10.Oku kusenokuba lithuba elihle lokwabelana ngokuba ukholo kuYesu Krestu lukomeleze njani wena nosapho lwakho. Kutheni kubalulekile ukuba thina “sicele siselukholweni”? Zeziphi iintsikelelo ozibonileyo ekukhangeleni iimpendulo okanye uncedo ngokholo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Dare to Do Right,” Children’s Songbook, 158.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi wembuyiselo

Amazwi weMbuyiselo

Inguqulelo yeNcwadi kaMormoni

KuTshazimpuzi 1829, inyanga apho amacandelo 6–9 eMfundiso neMinqophiso afunyanwa ngayo, owona msebenzi ongundoqo kaJoseph Smith yayikukuguqulela iNcwadi kaMormoni. Xa wayecelwa kamva ukuba abalise indlela lo mqulu owawuguqulelwe ngayo, uJoseph wathi “kwakungenzelwanga ukuxelela ihlabathi zonke iinkcukacha.”1 Yena wayesoloko esithi nje ngokulula ukuba waguqulelwa “ngesipho, nangamandla kaThixo.”2

Thina asazi nkcukacha zininzi malunga nenkqubo emangalisayo yenguqulelo, kodwa siyazi ukuba uJoseph Smith wayeyimboni, eyancedwa zizixhobo uThixo awayezilungiselele: amatye amabini angenambala ayebizwa ngokuba yiYurim neTumim kunye nelinye ilitye elalibizwa ngokuba lilitye lemboni. 3

Ezi ngxelo zilandelayo, zisuka kumangqina enkqubo yenguqulelo, zixhasa ubungqina bukaJoseph.

Umfanekiso
Ibhokisi yeenkuni kaHyrum Smith eyayiphethe amacwecwe wegolide

Kukholelwa ukuba le bhokisi, eyayi yekaHyrum Smith, yayisetyenziswa ukufihla amacwecwe wegolide okwethutyana.

U-Emma Smith

Umfanekiso
U-Emma Smith

“Xa umyeni wam wayeguqulela iNcwadi kaMormoni, mna ndabhala inxalenye yayo, njengoko wayebiza isivakalisi ngasinye, igama ngegama, kwaye xa wayefika kumagama okwenene awayengakwazi ukuwabiza, okanye amagama amade, wayewapela, kwaye xeshikweni ndandiwabhala, ukuba ndandenze impazamo yokuwapela, wayendimisa kwaye alungise upelo lwam nangona kwakungakwazeki ukuba abone ukuba ndandiwabhala njani ngeloxesha. Nkqu negama Sara wayengakwazi ukulibiza ekuqaleni, kodwa kwakumele ukuba alipele, ndize ndimbizele lona.”4

Amacwecwe ayesoloko ebekwe phezu kwetafile ngaphandle kwelinge lokuwafihla, esongelwe ngelaphu letafile elincinci lelineni, endandimnike lona ukuba awasongele ngalo. Mna ndakhe ndawampampatha amacwecwe, njengoko ayebekwe phezu kwetafile, ndiwava indlela ayeyiyo nokumila kwawo. Ayekhangeleka epakishene okukwephepha elomeleleyo, kwaye ayekhenkceza oku kwesandi sentsimbi xa amacala ayeshukunyiswa ngeentupha, njengoko umntu ngamanye amaxesha etyhila amaphepha encwadi. …

Inkolelo yam kukuba iNcwadi kaMormoni yeyemvelo yobunyulu- andinakwantandabuzo tu ngoko. Ndanelisekile ukuba akukho mntu owayenokuyalela ukubhalwa kweengqangi zenguqulelo ngaphandle kokuba wayephenjelelwe; ngoba, xa ndandisebenza njengombhali wakhe, [uJoseph] wayendibizela iyure emva kweyure; kwaye xa ebuyela emva kwezidlo, okanye emva kweziphazamiso, wayeqalisa kanye apho wayeyeke khona, ngaphandle kokubona iingqangi zenguqulelo okanye abenenxalenye yazo ifundelwe yena. Le yayinto yesiqhelo yokwenza kuye. Kwakungazo kulindeleka ukuba indoda efundileyo ikwazi ukwenza oku; kwaye, kumntu ongazi nto nongafundanga njengokuba wayenjalo, ngokulula nje kwakungenakwenzeka.”5

Umfanekiso
U-Emma Smith encedisa kwinguqulelo

Umboniso ka-Emma noJoseph Smith ngu Michael T. Malm

U-Oliver Cowdery

Umfanekiso
U-Oliver Cowdery

“Mna ndandibhala ngosiba lwam iNcwadi kaMormoni yonke (ngaphandle nje kwamaphetshana ambalwa) njengoko ayesiwa emlonyeni womprofethi, njengoko wayeyiguqulela ngesipho nangamandla kaThixo, ngoncedo lweYurim neTumim, okanye, njengoko zibizwa yilencwadi iziguquleli ezingcwele. Mna ndazibonela ngala wam amehlo, kwaye ndawabamba ezandleni zam, amacwecwe egolide lawo yayiguqulwe kuwo. Ndazibona nazo iziguquleli.”6

Izikhumbuzo

  1. Imizuzu, 25-26 EyeDwarha 1831,” Incwadi yeMizuzu-2,-3, josephsmithpapers.org.

  2. Kwi “Church History,”Times and Seasons,Mar. 1, 1842, 707; see alsoTeachings of Presidents of the Church: Joseph Smith(2007),441

  3. Ngenkcukacha ezithe vetshe, bona “Book of Mormon Translation,” Gospel Topics, topics.ChurchofJesusChrist.org; Richard E. Turley Jr., Robin S. Jensen, and Mark Ashurst-McGee, “Joseph the Seer,”Ensign, Oct. 2015. 48-55.

  4. In Edmund C. Briggs, “A Visit to Nauvoo in 1856,”Journal of History,vol. 9, no .4 (Oct. 1916), 454; quoted in Russell M. Nelson, “A Treasured Testament,”Ensign, July 1993, 62.

  5. In “Last Testimony of Sister Emma,” Saints’ Herald, Oct. 1, 1879, 290; spelling modernized.

  6. In Reuben Miller journal, Oct. 21, 1848, Church History Library, Salt Lake City; spelling, punctuation, and capitalization modernized.

Umfanekiso
UJoseph Smith no-Oliver Cowdery beguqulela amacwecwe wegolide

UJoseph Smith no-Oliver Cowdery bafunda okuninzi kwinkqubo yokuguqulela amacwecwe wegolide.

Shicilela