IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeNkanga 29–EyoMnga 5. IMfundiso neMinqophiso 137–138: “UMbono wokuKhululwa kwabaFileyo”


“EyeNkanga 29–EyoMnga 5. IMfundiso neMinqophiso 137–138: ‘UMbono wokuKhululwa kwabaFileyo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeNkanga 29–EyoMnga 5. IMfundiso neMinqophiso 137–138,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
abantu kwilizwe loomoya

UJoseph ubona uyise, unina, kunye nomntakwabo kubukumkani baselestiyali (Joseph Smith’s Vision of the Celestial Kingdom, Robert Barrett).

EyoMnga 29–EyoMnga 5

IMfundiso neMinqophiso 137–138

“UMbono wokuKhululwa kwabaFileyo”

UMongameli uM. Russell Ballard wafundisa: “Ndiyanimema ukuba nifunde ngokucokisekileyo kwaye ngokucingisisiweyo [IMfundiso neMinqophiso 138]. Njengoko nisenza njalo, yanga iNkosi inganisikelela ukuba niqonde ngokupheleleyo kwaye nibenombulelo ngothando lukaThixo kunye nangecebo laKhe losindiso kunye nolonwabo lwabantwana baKhe ” (“The Vision of the Redemption of the Dead,” Ensign or Liahona, Nov. 2018, 73).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Izityhilelo ezibhalwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 137 kunye 138 zohlulwa ngeminyaka engaphaya kwama–80 kunye neemayile ezingama–1500. Icandelo 137 lafunyanwa nguMprofeti uJoseph Smith ngo–1836 kwiTempile yaseKirtland engagqitywanga, kwaye icandelo 138 lafunyanwa nguJoseph F. Smith, Umongameli wesithandathu weBandla, ngo–1918 kwisiXeko saseSalt Lake. Kodwa ngokwemfundiso, le mibono mibini iyahambiselana. Yomibini iphendula imibuzo ngekamva labantwana bakaThixo kubomi obuzayo. Kwaye yomibini ithatha intsingiselo enzulu eyongezelelweyo xa sicingisisa ngamava obomi babaprofeti abayifumanayo.

Umbono kaJoseph Smith wamnceda aqonde ngekamva lanaphakade lomntakwabo oyintanda uAlvin, owayesweleke kwiminyaka emithandathu phambi kobuyiso lwegunya lokubhaptiza. Imibuzo emalunga nosindiso lwanaphakade lukaAlvin yayihleli kuJoseph sukela ngoko. Umbono kaJoseph F. Smith watyhila iinyaniso ezizukileyo ngelizwe loomoya—ngokuqinisekileyo isityhilelo esithuthuzelayo kulowo owayekhala kabuhlungu ngokufa kwamalungu amaninzi asondeleyo osapho. UJoseph F. Smith walahlekelwa ngutata wakhe, uHyrum Smith, kubudala besi–5 kunye nomama wakhe, uMary Fielding Smith, kubudala be–13. Ngelixa lombono wakhe ngo–1918 wayesele ekhalele ukufa kwabantwana bakhe abali–13.

Imibuzo emininzi abantu abanayo malunga nobomi emveni kokufa iphendulwa kwezi zityhilelo. Icandelo 137 liphosa ukukhanya kokuqala kuloo mibuzo, kwaye icandelo 138 livula ikhethini ngokubanzi. Omabini, angqina “ngothando olukhulu nolumangalisayo [o]lwenziwa lwabonakala nguYise noNyana” (IMfundiso neMinqophiso 138:3).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 137

Yonke imiphefumlo iya kubanethuba lokukhetha ubuqaqawuli beselestiyali.

Ingqiqo eyayixhaphakile kumaKrestu ngo–1836 yayikokuba ukuba umntu usweleke engazanga abhaptizwe—njengoko kwenzeka kumntakwabo Joseph Smith—loo mntu wayengenakuya ezulwini. Kodwa uJoseph wabona uAlvin kumbono wobukumkani beselestiyali. Njengoko ufunda icandelo 137, cingisisa okufundayo ngoBawo oseZulwini, ngecebo laKhe losindiso, kunye nangobukumkani beselestiyali.

IMfundiso neMinqophiso 138:1–11, 25-30

Ukufunda nokucingisisa nzulu ngezibhalo ezingcwele kundilungiselela ukufumana isityhilelo.

Ngamanye amaxesha isityhilelo siyeza nangona singasikhangeli. Kodwa kumathuba amaninzi, siyeza kuba sisikhangela ngokukhuthala kwaye sizilungiselele sona. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 138:1–11, 25–30, qaphela oko uMongameli Joseph F. Smith wayekwenza ngexesha “amehlo okuqonda [kwakhe] avuleka” ukuqonda ngcono ubizo olukhululayo loMsindisi. Emveni koko ucingisise ngendlela ongalandela ngayo umzekelo kaMongameli Smith. Umzekelo, zeziphi iinguqu ongazenza kufundo lwakho lwezibhalo ezingcwele ukuvumela “[uku]zikisa ngokuphathelele kwizibhalo” okongezelelekileyo kunye noku “phathele[la] kwidini elikhulu lokusihlawulela [loMsindisi]”? (imiqolo 1–2 ).

Cingisisa ngendlela olungiselelwe ngayo amava owafumanayo okanye lawo oseza kuwafumana kwixesha elizayo.

Umfanekiso
umfanekiso kaJoseph F. Smith

Joseph F. Smith, by Albert E. Salzbrenner

IMfundiso neMinqophiso 138:25–60

Umsebenzi wosindiso uyenzeka kuwo omabini amacala esigqubuthelo.

UMongameli Russell M. Nelson wafundisa, “Umyalezo wethu kwihlabathi ulula kwaye unyanisekile: simema bonke abantwana bakaThixo kuwo omabini amacala esigqubuthelo baze kuye uMsindisi, bafumane iintsikelelo zetempile engcwele, bafumane ulonwabo olunenyameko, kwaye balungele ubomi obungunaphakade” (“Let Us All Press On,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2018, 118–19). Cinga nzulu ngale ngxelo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 138:25–60. Ungacingisisa nangale mibuzo:

  • Yintoni oyifundayo kule miqolo emalunga nendlela umsebenzi wosindiso ophunyezwa ngayo kwilizwe lemimoya? Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba lo msebenzi uyenzeka? Ingaba le miqolo ilomeleza njani ukholo lwakho kwiNtlawulelo yoMsindisi?

  • Yintoni le miqolo eyifundisayo ngabo bathatha inxaxheba emsebenzini wosindiso kwilizwe lemimoya? Kutheni kubalulekile ukuqonda ukuba umsebenzi wosindiso uyenziwa kuwo omabini amacala esigqubuthelo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 137:1–5.Mema usapho lwakho luzobe indlela olucinga ubukumnkani beselestiyali bunokukhangeleka ngayo ngokwale miqolo. Yintoni eniyifumanayo kule miqolo eninceda nilangazelele ukuphila apho? Yintoni esiyenzayo ngoku ukulungiselela ukuphila kubukumkani beselestiyali kunye noBawo oseZulwini noYesu Krestu?

IMfundiso neMinqophiso 137:5–10. Mhlawumbi ningathetha ngomntu enimaziyo owasweleka ngaphandle kokufumana ithuba lokubhaptizwa. Yintoni IMfundiso neMinqophiso 137:5–10 esifundisa yona malunga naloo mntu?

IMfundiso neMinqophiso 138:12–24.Yintoni iMfundiso neMinqophiso 138:12-24 esifundisayo ngabantu uMsindisi awabatyelela kwilizwe loomoya? Zeziphi iintsikelelo abazifumanayo? Yintoni esiyifundayo kumzekelo wabo?

IMfundiso neMinqophiso 138:38–55.Le miqolo icacisa ngabo uMongameli Joseph F. Smith wababonayo kwilizwe lemimoya kunye neenkcukacha ezimfutshane ngabo. Mhlawumbi usapho lwakho lungenza uluhlu lwezinyanya ezikwilizwe lemimoya, kunye neenkcukacha ngobomi bazo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufunda Kwethu

Ukuzikisa ngokuphathelele kwizibhalo. UMongameli David O. McKay wabiza ukucamngca “elinye … leengcango ezingcwele esidlula kuzo ukuyokungena kubukho beNkosi” (Teachings of Presidents of the Church: David O. McKay [2003], 32).

Umfanekiso
UYesu Krestu kwilizwe loomoya

The Commissioned, by Harold I. Hopkinson. UYesu Krestu wagunyazisa imimoya enobulungisa ukuyo kushumayela ivangeli kwilizwe loomoya.

Shicilela