IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMnga 13–19. USapho: ISibhengezo kwiHlabathi: “USapho luseMbindini kwiCebo loMdali”


“EyoMnga 13–19. USapho: ISibhengezo kwiHlabathi: ‘USapho luseMbindini kwiCebo loMdali,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMnga 13–19. USapho: ISibhengezo kwiHlabathi,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso

EyoMnga 13–19

USapho: ISibhengezo kwiHlabathi

“USapho luseMbindini kwiCebo loMdali”

UMongameli uDallin H. Oaks wathi: “Ndiyakholwa isimo sethu kunye nentsebenziso yesibhengezo sosapho [ziluvavanyo] kwesi sizukulwana. Ndithandazela bonke abaNgcwele beMihla yokuGqibela ukuba bame luqilima kolu vavanyo” (“The Plan and the Proclamation,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga 2017, 31). Cinga ngokunzulu la mazwi njengoko ufunda isibhengezo sosapho kule veki.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nkqu nangaphambili kokuba sizalwe, sasiyinxalenye yosapho—usapho lwaBazali bethu baseZulwini. Xa kwakufika ixesha lokuba sishiye ubukho baBo, kumele ukuba kwakuthuthuzela ukukwazi ukuba emhlabeni, iintsapho zaziya kuba yinxalenye yecebo likaThixo. Inkqubo esemhlabeni imele ilinganise inkqubo egqibeleleyo yasezulwini.

Akunaziqinisekiso zokuba iintsapho zasemhlabeni ziya gqibeleleka okanye zisebenze. Kodwa njengoko uMongameli Henry B. Eyring wafundisa, iintsapho “zinika abantwana bakaThixo ithuba elibalaseleyo lokwamkeleka ehlabathini ngothando qha olusondela koloo sasiluva ezulwini—uthando lomzali” (“Gathering the Family of God,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2017, 20). Ukukwazi ukuba iintsapho azigqibelelekanga kwaye ziphantsi kohlaselo lotshaba, uThixo waye wathumela uNyana waKhe oyiNtanda ukuba asikhulule kwaye aphilise iintsapho zethu. Kwaye Yena wathumela abaprofeti bemihla yokugqibela ukuba bakhusele kwaye bomeleze iintsapho. Ukuba silandela abaprofeti kwaye sibeka ukholo lwethu kuMsindisi, nangona iintsapho zasemhlabeni zingafikeleli kwiintsapho ezigqibeleleyo, kukhona ithemba ngeentsapho—emhlabeni kunye nasezulwini.

Umfanekiso

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

“Usapho lusembindini wecebo loMdali.”

“USapho: ISibhengezo kwiHlabathi” ngokucacileyo kumalunga neentsapho. Kodwa ngokulinganayo kumalunga necebo likaThixo losindiso. Enye indlela yokufunda isibhengezo kukukhangela ukuba kusifundisa ntoni malunga nobomi bethu bangaphambili, ngobomi basemhlabeni, kunye nangobomi obuzayo. Yintoni oyifundayo xa ufunda isibhengezo ngale ndlela? Ingaba oku kukunceda njani uqonde ukuba kutheni umtshato kunye nosapho zibalulekile kwicebo likaThixo?

“Ulonwabo ebomini bosapho lungaphunyezwa ngakumbi xa lusekelwe phezu kweemfundiso zeNkosi uYesu Krestu.”

Cinga ngomhlathi wesithandathu kunye nowesixhenxe wesibhengezo sosapho njengenkqubo “yolonwabo ebomini bosapho.” Njengoko ufunda le mihlathi, khangela imigaqo “yemitshato neentsapho eziphumeleleyo.” Ngoko ke ucinge ngobudlelwane bosapho obungathanda ukubomeleza. Yintoni oziva uphembelelekile ukuba uyenze? Ingaba uya kuyibandakanya njani iNkosi kwiinzame zakho?

“Ndiya kuziphendulela phambili koThixo” ngendlela endiphatha ngayo usapho lwam.

Isibhengezo sosapho siquka iintsikelelo ezimangalisayo uBawo oseZulwini azithembisa kwabo balandela ingcebiso yaKhe. Sona siquka izilumkiso ezingqongqo kwabo bangenzi njalo. Cingisisa ngokwenza uluhlu lweentsikelelo kunye nolwezilumkiso ozifumanayo.

Uyenza kanjani intshukumo kwingcebiso kaThixo ekwisibhengezo? Ukuba ubunoma phambili kaThixo namhlanje, yintoni ubunokuzithemba ukuxoxa ngayo naYe malunga nobudlelwane bosapho lwakho? Yintoni obuya kudinga ukuba uyiphucule?

Bona futhi Alma 5:15–22; IMfundiso neMinqophiso 42:22–25; 93:39–44.

Umfanekiso

Abazali kumele bakhulise abantwana babo ngothando nangobulungisa.

Ingaba ndingazifumana iintsikelelo ezithenjisiweyo ukuba imeko yosapho lwam lungaphantsi kunolo lugqibelelekileyo?

UMdala D. Todd Christofferson wafundisa: “Ukubhengeza iinyaniso ezisiseko ezinxulumene nomtshato nosapho ayikokubetha ngoyaba okanye ukunciphisa amadini neempumelelo zabo ukugqibeleleka kwabo kungeyobunyani banamhlanje. … Wonke ubani uneziphiwo; wonke ubani uneetalente; wonke ubani angabanegalelo kwicebo eliqhubekayo nelobuthixo kwisizukulwana ngasinye. Okuninzi okulungileyo, okuninzi okubalulekileyo—nkqu nangamanye amaxesha konke oko kuyimfuneko okwangoku—kungaphunyezwa nakwiimeko ezingaphantsi kokugqibeleleka. … Ngokuzithemba siyangqina ukuba iNtlawulelo kaYesu Krestu yayikulindele, kwaye nasekupheleni, iya kubuyekeza yonke intswelo kunye nelahleko yabo baguqukela kuYe. Akekho umntu obekelwe ukuba afumane okuncinane kunoko uBawo akuphethele abantwana baKhe” (“Why Marriage, Why Family,” Ensign or Liahona, May 2015, 52).

Umfanekiso

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

“Icebo lobuthixo lolonwabo.” Ukunceda usapho lwakho lubone ukubaluleka kweentsapho kwicebo likaBawo oseZulwini, usenokubhala ubomi bangaphambili, ubomi basemhlabeni, kunye nobomi emva kokufa kumacandelo amathathu ecuntswaneni lephepha. Khangelani isibhengezo kunye, kwaye nibhale ephepheni oko nikufunda malunga nenxalenye nganye yecebo likaThixo. Kutheni iintsapho zibaluleke kangaka kuThixo?

“Iintsapho [zinga] manyaniswa ngonaphakade.” Khangela kwisibhengezo sosapho iinyaniso owathi umfana omncinane embonisweni bhanyabhanya waziqonda kwaye nezathi zamnceda ukuba abenokholo.

“Ulonwabo ebomini bosapho.” Ukuxoxa ngokuba ningalufumana njani “ulonwabo ebomini bosapho [lwakho],” ningacula kunye iculo elimalunga neentsapho. Yintoni esiyifunda kwiculo kunye nakwisibhengezo sosapho eya kuthi izise ulonwabo olungakumbi kusapho lwethu? Singaqinisekisa njani usapho lwethu “lusekelwe phezu kweemfundiso zeNkosi uYesu Krestu”? Cingisisa ngokukhetha imfundiso enye enifuna ukusebenza kuyo kule veki.

“Yomeleza usapho njengecandelo elisisiseko loluntu.” Ingaba uSathana uzama kanjani ukwenza buthathaka iintsapho ehlabathini? Singayenza njani eyethu indima ekomelezeni iintsapho?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fumana uthando lukaThixo. Umongameli uM. Russell Ballard wafundisa, “Ivangeli yivangeli yothando—ukuthanda uThixo kunye nokuthandana”(God’s Love for His Children ,” Ensign, Canzibe 1988, 59). Njengoko ufunda isibhengezo sosapho, cingisisa ngokuphawula ubungqina bothando lukaThixo obunentsingiselo engakumbi kuwe.

Shicilela