IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMnga 6–12. IZivumo zoKholo neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2: “Siyakholwa”


“EyoMnga 6–12. IZivumo zoKholo neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2: ‘Siyakholwa,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMnga 6–12. IZivumo zoKholo neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2 Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
umthungo obonisa izandla zemibala yezikhumba emininzi

To All Worthy Male Members, by Emma Allebes

EyoMnga 6–12

IZivumo zoKholo kunye neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2

“Siyakholwa”

Njengoko ufunda IZivumo zoKholo kunye neZibhengezo EziseMthethweni 1 kwaye 2, ucingisise ngefuthe ezikhe zabanalo eBandleni. Yintoni ekuchukumisayo ngeenyaniso ezizifundisayo?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Eminyakeni engama 200 ukusukela kuMbono wokuQala kaJoseph Smith, uThixo uye waqhubeka ukunika “isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” kwiinkokheli zeBandla laKhe (IMfundiso neMinqophiso 42:61). Ngamanye amaxesha, eso sityhilelo sibhekiswa kwiinkokheli zeBandla ukwenza iinguqu kwimigaqo-nkqubo nakwizinto ezenziwayo zeBandla, “ngokunxulumene njengoko iNkosi iya kuthanda, okufanele iinceba zayo ngokunxulumene kwiimeko zabantwana babantu” (IMfundiso neMinqophiso 46:15). IZibhengezo EziseMthethweni 1 kunye 2 zibonisa olu hlobo lwesityhilelo—esinye sakhokelela kwisiphelo sokwenza umtshato wesithembu, saze esinye senza iintsikelelo zobubingeleli, kuquka neentsikelelo zasetempileni, ukuba zifumaneke kubantu bazo zonke iintlanga. Iinguqu ezifana nezi ziyinxalenye yoko kuthetha “eliyinyani neliphilayo ibandla” IMfundiso neMinqophiso 1:30), elinomprofeti wokwenene nophilayo.

Kodwa zikwakhona izinto ezingaguqukiyo—iinyaniso ezisisiseko, nezanaphakade. Kwaye ngamanye amaxesha injongo yesityhilelo kukuthumela ukukhanya okongezelelweyo kwezi nyaniso, isinceda sizibone ngokucacileyo ngakumbi. IZivumo zoKholo—iingxelo ezimfutshane ezi 13 zikaJoseph Smith ezo abaNgcwele beMihla yokuGqibela bakholelwa kuzo—zibonakala zisebenza kule njongo icacisayo. Zombini iintlobo zesityhilelo zikhokela kwaye zisikelela iBandla, iBandla elisekelwe ngobuqilima phezu kwenyani yanaphakade kanti ziyakwazi ukukhula nokutshintsha njengoko iNkosi isandisa ukuqonda kwethu ukusinceda sihlangabezane imiceli mngeni yanamhlanje. Ngamanye amazwi, “Sikholwa kuko konke akutyhilileyo uThixo, konke akutyhila ngoku, kwaye sikholwa kukuba usaya kutyhila izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo. (Izivumo zoKholo 1:9).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Izivumo zoKholo

IZivumo zoKholo ziqulathe iinyaniso zesiseko zevangeli ebuyisiweyo.

Enye indlela ongafunda ngayo IZivumo zoKholo kukwenza uluhlu lweenyaniso ezifumaneka kuzo ngasinye kwakunye nokufumana izibhalo ezingcwele eziphathelele kwezi nyaniso. Ingaba ezi zibhalo zingcwele zikutyebisa kanjani ukuqonda kwakho kweenyaniso ezikwiZivumo zoKholo?

Bona futhi ISikhokelo KwiziBhalo, “Izivumo zoKholo,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

Izivumo zoKholo 1:9; IziBhengezo Ezisemthethweni 1 and 2

IBandla likaYesu Krestu likhokelwa sisityhilelo.

“Sikholwa ukuba [uThixo] usaya kutyhila izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo” (Izivumo zoKholo 1:9), nkqu na xa ezo zinto zithetha ukuguqula imigaqo-nkqubo kunye nezinto ezenziwa eBandleni. Ngalo mgaqo engqondweni, jonga kwakhona IziBhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2, kwaye ukhangele amagama kunye namabinzana awomeleza ukholo lwakho kwisityhilelo esiqhubekayo. Yeyiphi eminye imizekelo yesityhilelo esiqhubekayo kumprofeti weNkosi ongacinga ngayo? Ingaba ezi zityhilelo zibuchaphazele kanjani ubomi bakho? Ingaba ziwuqhubele phambili kanjani umsebenzi wobukumkani bukaBawo oseZulwini?

Bona futhi Amosi 3:7; 2 Nifayi 28:30.

Isibhengezo EsiseMthethweni 1

Umsebenzi kaThixo kumele uqhubekele phambili.

Kwizicatshulwa ezivela kwiiNtetho Ezintathu zikaMongameli Wilford Woodruff ngokubhekisele kwiManifesto” (ekupheleni kwesiBhengezo 1), zizathu zini umprofeti awazinika zeNkosi zokuphelisa isenzo somtshato wesithembu? Yintoni efundiswa koku malunga nomsebenzi kaThixo?

Umfanekiso
umfanekiso kaWilford Woodruff

Wilford Woodruff, by H. E. Peterson

Isibhengezo Esisemthethweni 2

Singathembela eNkosini, nkqu na xa singenakuqonda okugqibeleleyo.

Izibhalo ezingcwele zisifundisa ukuba sithembele eNkosini (bona ImiZekeliso 3:5), kwaye kuko oko amalungu amaninzi ezizukulwana zamaAfrika akwenzayo xa iBandla lalibambe ukumiselwa kobubingeleli kunye nemimiselo yasetempileni kubo. Nangona babengaqondi ukuba kwakutheni lomgaqo-nkqubo wawukhona—kwaye babeviswa ubuhlungu ziinkcazelo ezazifundiswa ngeloxesha, iBandla elingayixhasiyo namhlanje—amalungu amaninzi awayezinikele wezizukulwana zamaAfrika aye athemba iNkosi kwaye ahlala enyanisekile ubomi bawo bonke. Njengoko ufunda Isibhengezo Esisemthethweni 2, cingisisa nzulu malunga nokuba ufunde kanjani ukuthembela eNkosini nkqu na xa ungenakuqonda okugqibeleleyo.

Ukufunda ngokholo lwamalungu antsundu weBandla kungaba yimpembelelo kuwe.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Izivumo zoKholo.Cingisisa ngendlela usapho lwakho olunokuthi luzenze ngayo “izifundo ezincinci” ukwenzela Izivumo zoKholo. Umzekelo, kwiveki yonke, ilungu ngalinye losapho lingakhetha isivumo ngasinye kwaye lifumane isibhalo, umfanekiso, iculo, okanye iculo labantwana okanye labelane ngamava walo buqu.

Okanye amalungu osapho angatshintshisana ebuzana imibuzo malunga neBandla kunye neenkolo zethu kwaye aphendule loo mibuzo ngeso sivumo sokholo.

Izibhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2.Izibhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2 zisinceda ukuba siqonde indima yesityhilelo sanamhlanje eBandleni. Njengoko usapho lwakho lufunda kunye, cingisisa ngokuxoxa nokuba umprofeti usikhokela kanjani “ngempembelelo kaThixo” (Isibhengezo Esisemthethweni 1). Ingaba ezi zibhengezo zimbini zilomeleza njani ukholo kuThixo ophilayo othi akhokele iBandla laKhe yena buqu? Sisibona kanjani isandla saKhe emsebenzini weBandla namhlanje? Nisenokugqiba kwelokuba nihlole kunye ezinye zezixhobo “kwiiNgcinga Zokuzifundela Izibhalo Wedwa” ngasentla.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Landelela izimemo zokwenza intshukumo. “Xa ulandelela isimemo sokwenza intshukumo, ubonisa [amalungu osapho lwakho] ukuba uyabakhathalela kunye nangendlela ivangeli esikelela ngayo ubomi babo. Kwaye ubanika amathuba wokwabelana ngamava wabo” (Teaching in the Savior’s Way, 35).

Shicilela