IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMnga 20–26. IKrisimesi: ISiphiwo Esingalinganisekiyo soNyana kaThixo Wezulu


“EyoMnga 20–26. IKrisimesi: ISiphiwo Esingalinganisekiyo soNyana kaThixo Wezulu,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMnga 20–26. IKrisimesi,”Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
ubugcisa bukaMariya nosana uYesu

Nativity in Copper and Umber, by J. Kirk Richards

EyoMnga 20–26

IKrisimesi

ISiphiwo Esingalinganisekiyo soNyana kaThixo Wezulu

Enye indlela yokujolisa iingcinga zakho kuMsindisi kule Krisimesi kukufunda “UKrestu Ophilayo: Ubungqina babaPostile.” Esi sishwankathelo sicebisa iindlela ongenza ngazo obu bungqina besiprofeto ukuba bube yinxalenye yokuzifundela ivangeli wedwa kunye nofundo lwevangeli losapho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngo-1838, uMprofeti Joseph Smith waye wabhengeza, “Imigaqo eyona esisiseko senkolo yethu ibubungqina babaPostile nabaProfeti, ngokuphathelele kuYesu Krestu, okokuba Yena wafa, wangcwatywa, kwaye wavuka kwakhona ngosuku lwesithathu, waze wanyukela ezulwini; kwaye zonke ezinye izinto ezinxulumene nenkolo yethu zizihlomelo kuyo” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith, 49). Eminyakeni emveni koko, uMongameli Russell M. Nelson waye waqaphela okokuba “yayile ngxelo ikwafanayo yoMprofeti eyathi yabonelela ngenkuthazo kubaprofeti, iimboni, nabatyhili-zibhalo aba 15 ukuba bakhuphe baze batyikitye ubungqina babo ukukhumbula ukuzalwa kweNkosi kwa-2,000. Obo bungqina bokwembali obubizwa ‘UKrestu Ophilayo.’ Amalungu amaninzi aye azinkqaya ezi nyaniso. Amanye awazi nobukho babo kwaphela. Njengoko ufuna ukufunda okuthe vetshe malunga noYesu Krestu, ndiyakubongoza ukuba ufunde ‘The Living Christ’” (“Drawing the Power of Jesus Christ into Our Lives,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2017, 40).

NjengabaNgcwele beMihla yokuGqibela, siyagcoba kwintsikelelo yesityhilelo esiqhubekayo kubaprofeti nakubapostile banamhlanje. Siyabulela ngamazwi wengcebiso aphembelelweyo, wesilumkiso, kunye nenkuthazo. Kodwa ngaphezu kwako konke, sisikelelwa bubungqina babo obunamandla bukaYesu Krestu—ngexesha leKrisimesi kwakunye nasenyakeni wonke. Wona angaphaya kunamazwi achukumisayo wababhali abanobuchule okanye wezithethi zasesidlangalaleni okanye iingqiqo ezivela kwiingcali zezibhalo. Wona ngamazwi wawakhethiweyo, awabiziweyo, nawagunyazisiweyo “wamangqina akhethekileyo egama likaKrestu kulo lonke ihlabathi” (IMfundiso neMinqophiso 107:23).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

“Akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu.”

Zeziphi iingcinga ezifika kuwe njengoko ufunda Luka 2:10–11 kwakunye nomhlathi wokuqala “woKrestu Ophilayo”? Yintoni ubungayitsho ekuxhaseni ingxelo ethi “akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu [ofana noYesu Krestu] phezu kwabo bonke abakhe baphila kwakunye nabo basayo kuphila emhlabeni”? Khangela iinyaniso “kuKrestu Ophilayo” ezichaza impembelelo enkulu yoMsindisi. Ingaba Yena wakuphembelela njani waze wakuzisela “uvuyo olukhulu” kanjani? (Luka 2:10).

“Wavuka engcwabeni.”

KuKrestu Ophilayo,” abaPostile bangqina ngoVuko loMsindisi, bekhankanya ukuzibonakalisa okuthathu kweNkosi evukileyo (bona umhlathi wesihlanu). Cingisisa ngokufunda le miqolo kuYohane 20–21; 3 Nifayi 11–26; kunye Imbali—kaJoseph Smith 1:14–20. Yintoni oyifunda ngoMsindisi evela emazwini nakwizenzo zaKhe ngelixa lokoo kuzibonakalisa?

“UBubingeleli baKhe neBandla laKhe zibuyisiwe.”

Ngexesha lokufunda kwakho iMfundiso neMinqophiso kulo nyaka, uye wabanethuba lokufunda ngakumbi malunga nokuba “ububingeleli boMsindisi neBandla laKhe zibuyisiwe.” Zeziphi iinyaniso ezibuyisiweyo okanye imigaqo ethe yabanentsingiselo ngakumbi kuwe? Cingisisa ngokujonga kwakhona ezinye zezibhalo ezilandelayo ezifundisa ngeMbuyiselo: IMfundiso neMinqophiso 1:17–23; 13; 20:1–12; 65; 110; 112:30–32; 124:39–42; 128:19–21. Cinga ngokunzulu malunga nokuba iinyaniso zevangeli ebuyisiweyo zikuncede kanjani ukuba wazi nokuba unqule uYesu Krestu (bona IMfundiso neMinqophiso 93:19).

“Uya kubuyela emhlabeni ngenye imini.”

IKrisimesi lixesha lokukhangela ngasemva kusuku uYesu Krestu wayezalwe ngalo kwakunye nokujonga phambili kusuku apho Yena aya kubuya ngalo kwakhona. Yintoni oyifunda malunga nokubuya kwaKhe evela kumhlathi wesibini ukuya kowokugqibela “woKrestu Ophilayo”? Kungayinto enomdla kakhulu ukuba ufunde, ucule, okanye umamele amaculo awafundisa ngokuBuya kwesiBini.

“Ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi.”

Emhlathini wokugqibela “kuKrestu Ophilayo,” phawula iimpawu kunye namagama awanikwa uMsindisi. Ezi zibhalo zilandelayo zingakunceda kanjani ucinge ngokunzulu ngokuba uYesu Krestu “ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi”: Luka 2:25–32; 1 AbaseKorinte 15:19–23; Moronayi 7:41; IMfundiso neMinqophiso 50:24; 84:44–46; 93:7–10. Ingaba Yena ukukukhanya, nobomi, kunye nethemba lakho kanjani? Zeziphi ezinye iimpawu okanye amagama oMsindisi awanentsingiselo enkulu kuwe?

Ingaba ukufunda “UKrestu Ophilayo” iluchaphazele kanjani ukholo lwakho kunye nothando lwakho kuMsindisi?

Umfanekiso
UYesu Krestu

Light of the World, by Howard Lyon

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

UKrestu Ophilayo.”Ukunceda usapho lwakho luqonde iinyaniso ezifundiswa ngoMsindisi “kuKrestu Ophilayo,” ungakhetha amanye wamabinzana kwaye nisebenzisane ukufumana okanye ukuzoba imifanekiso ebonisa loo mabinzana. Ningaqulunqela loo mifanekiso kunye namabinzana encwadini.

“Sinika ubungqina bethu.” Yintoni esiyifunda “kuKrestu Ophilayo” malunga nokuba kuthetha ukuthini ukunika ubungqina? Nisenokufuna ukubhala ubungqina benu bukaKrestu ukukhumbula ukuzalwa koMsindisi.

“Wahamba-hamba esenza okulungileyo” Ingaba usapho lwakho lungawulandela kanjani umzekelo woMsindisi wenkonzo kule Krisimesi? Ingaba uya kusasaza kanjani “uxolo namandla wobulungisa” kusapho lwakho naseluntwini? Unganceda kanjani ukuzisa “ukuphila kwabagulayo”?

“UThixo makabulelwe ngesiphiwo esingalinganisekiyo esinguNyana waKhe wezulu.” Ziziphiwo zini esithe sazifumana ngenxa kaYesu Krestu? Mhlawumbi amalungu osapho angafumana iimpendulo “kuKrestu Ophilayo” kwaye asongele izinto eziziphiwo ezimele ezo ziphiwo zivela kuMsindisi. Usapho lwakho lungavula iziphiwo ngemini yeKrisimeni okanye kwiveki yonke kwaye lufunde izibhalo ezinxulumene nesiphiwo ngasinye. Nazi ezinye izibhalo, nangona usapho lwakho lungazifumanela ezinye: Luka 2:10–14; 1 Petros 2:21; Mozaya 3:8; Alma 11:42–43; IMfundiso neMinqophiso 18:10–12. Ningacula iculo elimalunga noMsindisi, elifana no-“He Sent His Son” (Children’s Songbook, 34–35), ukufumana ezinye iziphiwo ezivela kuYe.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Hark! The Herald Angels Sing,” Hymns, no. 209.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Gxila kuMsindisi. “Ukufunda ngomthandazo ‘UKrestu Ophilayo’ kufana nokufunda ubungqina bukaMateyu, Marko, Luka, noYohane, kunye nabaprofeti beNcwadi kaMormoni. Kuya kukhulisa ukholo lwakho kuMsindisi kwaye kukuncede uhlale ugxile kuYe” (M. Russell Ballard, “Return and Receive,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2017, 65).

Shicilela