IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeNkanga 22–28. IMfundiso neMinqophiso 135–136: “Yena ‘uTywine uBizo Lwakhe neMisebenzi Yakhe ngeGazi Elilelakhe’”


“EyeNkanga 22–28. IMfundiso neMinqophiso 135-136: ‘Yena “uTywine uBizo Lwakhe neMisebenzi Yakhe ngeGazi Elilelakhe,”’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeNkanga 22–28. IMfundiso neMinqophiso 135–136,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
umphandle weNtolongo yaseCarthage

INtolongo yaseCarthage

EyeNkanga 22–28

IMfundiso neMinqophiso 135–136

Yena “uTywine uBizo Lwakhe neMisebenzi Yakhe ngeGazi Elilelakhe”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 135–36, iNkosi ingakuchukimusa ngeembono zokukunceda usebenzise oko ukufundayo. Xa oko kusenzeka, bhala phantsi oko Yona ikufundisa kona.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Injikalanga yeSilimela 27, 1844, yafumana uJoseph kunye noHyrum Smith entolongweni kwakhona, bekhatshwa nguJohn Taylor kunye noWillard Richards. Bona babekholelwa ukuba babemsulwa kulo naluphina ulwaphulo-mthetho, kodwa bazinikela ekubanjweni, benethemba lokuthintela ubundlobongela obabusenziwa kubo abaNgcwele e-Nauvoo. Eli yayingeloxesha lokuqala iintshaba zeBandla zazifake uMprofeti uJoseph entolongweni, kodwa kweli ixesha wayekhangeleka okokuba wayesazi ukuba wayengazukubuya ephila. Yena nabahlobo bakhe bazama ukuzithuthuzelana ngokufunda iNcwadi kaMormoni nangokucula amaculo. Kwaza kwavakala izithonga zompu, kwaze kwimizuzu embalwa ubomi bukaJoseph Smith kunye nomntakwabo uHyrum babufikelele esiphelweni.

Kodwa yayingesiso isiphelo somsebenzi kaThixo ababewamkele. Kwaye yayingesiso isiphelo seMbuyiselo yevangeli kaYesu Krestu. Kwakusekhona umsebenzi omninzi owawumelwe ukwenziwa kunye nesityhilelo esingakumbi esasiya kukhokela iBandla ukuya phambili. Ukubulala uMprofeti kwakungenako ukubulala umsebenzi kaThixo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 135; 136:37–39

UJoseph kunye noHyrum Smith batywina ubungqina babo ngegazi labo.

Khawukhe ubenomfanekiso-ngqondweni wokokuba wena mhlawumbi wawunokuziva njani ukuba wawuphila e-Nauvoo ngelixa uJoseph kunye noHyrum Smith babebulawa. Yeyiphi indlela owawunokuzama ngayo ukuqonda esi siganeko sibuhlungu? IMfundiso neMinqophiso 135, ekuqaleni eyaye yapapashwa kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezintathu emveni kofelo-nkolo, mhlawumbi kwaye kwanceda. Usenokuphawula amagama kunye namabinzana awayenokuzisela ukuqonda nesiqinisekiso kwakhona. Ungathini kumntu obuza oku, “Ingaba kutheni uThixo enokuvumela uMprofeti wakhe abulawe?”

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 5: 21–22; 6:29–30.

IMfundiso neMinqophiso 135:3

UJoseph Smith wenze ngokugqithisileyo esenzela usindiso lwethu kunaye nawuphina omnye umntu ngaphandle kukaYesu Krestu.

Cinga ngeentsikelelo ezize kuwe njengelungu leBandla likaYesu Krestu. Zingaphi kuzo ezize njengesiphumo sobizo oluphunyezwe nguMprofeti uJoseph Smith? IMfundiso neMinqophiso 135:3 ibalula ezinye zezinto ezinkulu uJoseph Smith awaziphumezayo kwiminyaka engama–24 eyayilandela emveni koMbono wokuQala. Ingaba ezi zinto zikuchaphazele njani wena kunye nobudlelwane bakho noBawo oseZulwini noYesu Krestu? Cingisisa ngokushicilela ubungqina bakho boMprofeti uJoseph Smith. Ngubani osenokudinga ukuva ubungqina bakho?

IMfundiso neMinqophiso 136

INkosi indinika ingcebiso “kwiihambo” zam ebomini.

Emveni kokududulwa e-Nauvoo, abaNgcwele bajongana nohambo olude oluya kwiiNtlambo iSalt Lake, kwaye amakhulu ambalwa okuqala eemayile ayecotha kwaye elusizi. UBrigham Young, owayekhokela ngoku iBandla njengoMongameli weQumrhu labaPostile AbaliShumi Elinambini, wayexhalabile malunga nokuba abaNgcwele babeya kusinda njani lonke uhambo. Waye waseka indawo yokuhlala yethutyana ebizwa ngokuba yi-Winter Quarters kwaye waye wathandazela isikhokelo. Ukuphendula, INkosi yaye yamnika isityhilelo, ngoku icandelo 136. Phakathi kwezinye izinto, esi sityhilelo saye sakhumbuza abaNgcwele “ukuba isimilo sabo kulo uhambo sasibalulekile njengendawo ababesiya kuyo” kwaye “sanceda saguqula ufuduko olwalusingise entshona silususa kwimfuneko yelishwa silusa kumava abalulekileyo okwabelana asemoyeni.”

Gcina lo mxholo engqondweni njengoko ufunda icandelo 136. Yeyiphi ingcebiso oyifumanayo enokunceda iguqule isilingo esinobunzima ebomini bakho “sibe ngamava … abalulekileyo asemoyeni”? Ungacingisisisa nangayo indlela le ngcebiso inokukunceda uphumeze intando yeNkosi ebomini bakho, njengoko yaye yanceda abaNgcwele bamandulo benze uhambo olunzima oluya eNtshona.

Umfanekiso
EWinter Quarters

Winter Quarters, by Greg Olsen

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 135:1, 3. Yintoni ekuchukumisayo ngale miqolo? Ingaba singanyaniseka njani ebungqineni bethu, nokuba asicelwanga ukuba sinikele ngobomi bethu ukwenzela bona?

IMfundiso neMinqophiso 135:3.Ukuxoxa ngokuba kuthethwa ntoni ngengxelo yokuba uJoseph Smith wenze “ngokugqithisileyo,ngaphandle koYesu kuphela, esenzela usindiso lwabantu abakulo eli hlabathi, kunaye nawuphina omnye umntu,” cingisisa ngokuphonononga kwakhona oko usapho lwakho lukufundileyo ngoJoseph Smith kulo nyaka. Ningasebenzisa imifanekiso ekwesi sixhobo ukulunceda lukhumbule oko lukufundileyo kwaye ulumeme lwabelane ngamabali okanye iimfundiso oluzithandayo. Kutheni sinombulelo ngoMprofeti uJoseph Smith kunye nangako iNkosi ekuphumezileyo ngaye?

IMfundiso neMinqophiso 136. Xa iNkosi yatyhila icandelo 136, abaNgcwele babenohambo olude, olunzima phambi kwabo, phantsi komkhomba-ndlela kaBrigham Young. Njengoko nifunda icandelo 136 kunye, cingani ngezinto ezinzima usapho lwenu olusenokujongana nazo. Yeyiphi ingcebiso esiyifumanayo kwesi sityhilelo enokusinceda sifikelele eluncedweni kunye nasemandleni eNkosi?

IMfundiso neMinqophiso 136:4.Kuthetha ukuthini “ukuhamba kuyo yonke imimiselo yeNkosi”? Ingaba imimiselo esiyifumeneyo ibuchaphazela njani ubomi bethu bemihla ngemihla?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fumana uthando lukaThixo. UMongameli uM. Russell Ballard wafundisa, “Ivangeli yivangeli yothando—ukuthanda uThixo kunye nokuthandana”(God’s Love for His Children,” Ensign, Canzibe 1988, 59). Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, cingisisa ngokushicilela okanye ngokuphawula ubungqina bothando lukaThixo.

Umfanekiso
Ihlokondiba kwiNtolongo yaseCarthage lihlasela uJoseph Smith nabanye

Greater Love Hath No Man, by Casey Childs

Shicilela