IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeNkanga 1–7. IMfundiso neMinqophiso 125–128: “ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo”


“EyeNkanga 1–7. IMfundiso neMinqophiso 125–128: ‘ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeNkanga 1–7. IMfundiso neMinqophiso 125–128,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
usapho bekunye nezinyanya kwilizwe loomoya

Us with Them and Them with Us, by Caitlin Connolly

EyeNkanga 1–7

IMfundiso neMinqophiso 125–128

“ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo”

Khumbula ukubhala iimvakalelo zakho njengokuba ufunda IMfundiso neMinqophiso 125–128 ukuze ubenako ukubuya uzijonge kwaye wabelane ngazo nabanye.

Bhala Iimvakalelo Zakho

KweyeThupha ngo–1840, uJane Neyman owayesentlungwini wayemamele uMprofeti uJoseph ethetha kumngcwabo womhlobo wakhe uSeymour Brunson. Unyana kaJane osebutsheni ebuvisayo uCyrus wayesandula ukusweleka kananjalo. Ukongeza kwintlungu yakhe yayikoko kokuba uCyus wayengazange abhaptizwe, kwaye uJane wayexhalele ukuba oku kwakuya kuthetha ntoni ngomphefumlo wakhe wanaphakade. UJoseph wayesazi ukuba wayeziva njani; naye wayekhe wazibuza into efanayo malunga nomntakwabo oyintanda uAlvin, owathi wadlula kananjalo ngaphambili kokuba abhaptizwe. Ngoko ke uMprofeti wagqiba kwelokuba abelane noJane, naye wonke ubani owayesemngcwabeni, into iNkosi eyayimtyhilele yona malunga nabo basweleka ngaphandle kokufumana imimiselo yevangeli—kwaye noko sinokukwenza ukuze sibancede.

Imfundiso yobhaptizelo lwabafileyo yaye yabonwabisa abaNgcwele; iingcinga zabo zaguqukela kwangoko nangoko kubazali abangasekhoyo, oomakhulu nootatomkhulu, kunye namanye amalungu osapho. Ngoku lalikhona ithemba kubo! UJoseph wabelana ngovuyo lwabo, kwaye wasebenzisa ulwimi lovuyo, nolunodlwabevu ukuvakalisa oko iNkosi yayimfundise kona malunga nosindiso lwabafileyo: “Mazikhwaze uvuyo iintaba, nani nonke ziintanda khwazani kakhulu; nani nonke ziilwandle namazwe awomileyo xelani imimangaliso kaKumkani wenu waNaphakade!” (IMfundiso neMinqophiso 128:23).

Bona Saints, 1:415–27; “Letters on Baptism for the Dead,” Revelations in Context, 272–76.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 126

INkosi ifuna ndikhathalele usapho lwam.

Emva kokubuyela ekhaya ukusuka kwimisebenzi yevangeli yakutshanje eliqela kwelaseNgilane, uBrigham Young waye wafumana olunye ubizo olubalulekileyo oluvela eNkosini—uku “khathalela ngokukodwa usapho [lwakhe]” (umqolo 3), olwaluthe lweva ubunzima xeshikweni wayengekho. Njengoko ucingisisa ngendlela yokwenza le nezinye iingcebiso kwi candelo 126 zisebenza ngayo kuwe, thathela ingqalelo la mazwi aphuma kuMongameli uBonnie L. Oscarson, owayesakuba nguMongameli Jikelele waMantombazana Amancinane:

“Khumbula ukuba ezinye imfuno ezibalulekileyo ingabazezo ziphambili kwakho. Qalani inkonzo yenu emakhayeni enu nangaphakathi kweentsapho zenu. Obu bubudlelwane obungaba obo banaphakade. Nkqu nokuba—kwaye mhlawumbi ingakumbi ukuba—imeko yosapho lwakho inganeno kokugqibeleleyo, ningafumana iindlela zokukhonza, zokuphakamisa, kunye nokomeleza. Qala apho ukhoyo, bathande njengoko benjalo, kwaye lungiselela usapho ofuna ukubanalo kwilixa elizayo” (“The Needs before Us,” Ensign okanye Liahona, Nov. 2017, 27).

IMfundiso neMinqophiso 127:2–4

INkosi iyalwazi uvuyo lwam neentsizi zam.

Izityholo zobuxoki kunye nesigrogriso sokubanjwa zanyanzela kwakhona uJoseph Smith ukuba aye kuzifihla kweyeThupha ngo-1842. Kodwa ngoku amazwi awayewabhalele abaNgcwele ngeli xesha (ngoku IMfundiso neMinqophiso 127azele lithemba novuyo. Yintoni le miqolo 2-4 ekufundisa yona malunga noThixo? malunga nendlela ongajongana nayo nezilingo zakho?

Cingisisa ngokubhala indlela iNkosi ekuxhasa ngayo “emanzini anzulu” obomi bakho.

IMfundiso neMinqophiso 127:5–8; 128:1–8

“Nakuphina enikubhalayo emhlabeni kuya kubhalwa nasezulwini”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 127:5–8;; 128:1–8, khangela izizathu zokuba kutheni iNkosi yanika uJoseph Smith imiyalelo ethe ngqo ngokubhala ubhaptizelo lwabafileyo. Ingaba oku kukufundisa ntoni malunga neNkosi kunye nomsebenzi waYo?

Umfanekiso
inkwekwana kunye namakhadi anamagama osapho

Ukwenzela izinyanya zethu inkonzo yasetempileni kubophelela iintliziyo zethu kuzo.

IMfundiso neMinqophiso 128:5–25

Usindiso lwezinyanya zam lubalulekile kusisndiso lwam.

Kucacile koko uThixo akuthyilileyo ngokusebenzisa uJoseph Smith ukuba kutheni izinyanya zethu ezingazange zibhaptizwe kobu ubomi zidinga uncedo lwethu ukuze zisindiswe. Kutheni ucinga ukuba usindiso lwezinyanya zethu “luyimfuneko kwaye lubalulekile kusindiso lwethu ”? (Bona IMfundiso neMinqophiso 128:15–18; amagama akekeleyo ongeziwe).

Umqolo 5 ufundisa ukuba ummiselo wobhaptizelo lwabafileyo “wawulungisiwe phambi kwesiseko sehlabathi.” Yintoni le nyaniso ekufundisa yona malunga noThixo kunye necebo lwaKhe?

UJoseph Smith wayesebenzisa amabinzana awafana “namandla abophayo,” “unxibelelwano oludibanisayo,” kunye “nomanyano olupheleleyo” xa wayefundisa ngemimiselo yobubingeleli nobhaptizelo lwabafileyo. Khangela la kunye namabinzana afana nawo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 128:5–25. Zeziphi ezinye zezinto ezangathi, ngoYesu Krestu, zibenokubotshwa kunye ngenxa yemimiselo yobubingeleli ukwenzela abafileyo? Kutheni “ecace” iligama elikulungeleyo ukuchaza imfundiso yosindiso lwabafileyo? (bona imiqolo 9–11).

Yintoni ekonwabisayo ngamazwi kaJoseph Smith kwi miqolo 19–25? Ingaba le miqolo iyichaphazela njani indlela oziva ngayo ngenkonzo yasetempileni oyenzela izinyanya zakho? ngoYesu Krestu?  

Bona futhi 1 AbaseKorinte 15:29; ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 126.Ukufunda le ngcebiso kuBrigham Young kungakhuthaza usapho lwakho ukuba luthethe malunga nokuba ningalichitha njani ixesha elininzi “lokukhathelelana ngokukodwa” (umqolo 3).

IMfundiso neMinqophiso 128:15–18.Zeziphi ezinye iintsikelelo zokusindisa nokugqibelelisa zomsebenzi wembali yosapho?

IMfundiso neMinqophiso 128:18.Cingisisa ngokwenza ikhonkco lephepha lamagama amalungu osapho nawezinyanya kwikhonkco ngalinye ukubonisa ukuba imbali yosapho nomsebenzi wasetempileni zidala njani “unxibelelwano oludibanisayo” olusinxibelelanisa nezinyanya zethu. Mhlawumbi ningenza uphando kule veki ukufumana amalungu ongezelelweyo osapho kwaye nibone ikhonkco lenu likhule lalide kangakanani.

IMfundiso neMinqophiso 128:19–23.Mhlawumbi amalungu osapho anako ukukhangela kule miqolo amagama abonisa uvuyo lukaJoseph Smith malunga nevangeli kaYesu Krestu kunye nosindiso lwabafileyo. Amalungu osapho angabelana ngamava awenze anovuyo malunga nalo msebenzi.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi wembuyiselo

Amazwi weMbuyiselo

UBhaptizelo lwabaFileyo, “IsiHloko esiTsha nesiZukileyo”

Umfanekiso
umzobo wequla lokubhaptizela kwiTempile yaseNauvoo

Lo mzobo ubonisa iqula lokubhaptizela leTempile yaseNauvoo lizinze phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini.

UPhebe noWilford Woodruff

UPhebe Woodruff wayehlala kufuphi naseNauvoo xa uJoseph Smith wayeqalisa ukufundisa ngobhaptizelo lwabafileyo. Waye wabhalela umyeni wakhe ngayo, uWilford, owayencedisa emsebenzini wevangeli eNgilane:

“UMzalwane uJoseph … ufunde ngesityhilelo sokuba abo bakweli bandla banokubhaptizelelwa nasiphina isizalwana sabo esingasekhoyo kwaye ebesingafumenanga ithuba lokuva ngale vangeli, nkqu nabantwana babo, abazali, abantakwabo, noodade, oomamkhulu nootatomkhulu, oomalule, noomalumekazi. … Ngokukhawuleza nje ukuba bebhaptizelwe abahlobo babo bayakhululwa kwintolongo kwaye banokubabanga kuvuko lwabafileyo kwaye babazise ebukumkanini beselestiyali—le mfundiso yamkelwe kakuhle libandla kwaye liqhubela phambili ngobuninzi, abanye baya kubhaptizwa kangangezihlandlo ezili-16 … ngosuku olunye.”1

UWilford Woodruff kamva waye wathi ngalo mgaqo: “Ngomzuzu endathi ndeva ngawo umoya wam waye waxhuma luvuyo. … Ndaye ndaqhubela phambili kwaye ndabhaptizelwa zonke izizalwane zam ezingasekhoyo endandisazikhumbulayo. … Ndaziva ngathi ndingathi haleluya xa isityhilelo sasiphuma sisityhilela ubhaptizelo lwabafileyo. Ndeva ukuba sasinelungelo lokuvuyela iintsikelelo zeZulu.”2

UVilate Kimball

NjengoDade uWoodruff, uVilate Kimball weva ngobhaptizelo lwabafileyo ngelixa umyeni wakhe, uHeber, wayengekho eyo kushumayela ivangeli. Yena wambhalela:

“UMongameli uSmith uvule isihloko esitsha nesizukileyo … esithe sabangela imvuselelo enkulu ebandleni. Oko kukuthi, kubhaptizelelwa abafileyo. UPawulosi uthetha ngayo, kwa baseKorinte bokuqala isahluko 15 umqolo wama-29. UJoseph ufumene ingcaciso epheleleyo ngako ngeSityhilelo. … Lilungelo elilodwa lalenkonzo ukubhaptizelelwa zonke izihlobo zabo ezithe zasweleka ngaphambi kokuba le Vangeli ivele; nkqu nokubuyela emva kooTat’omkhulu nooMam’okhulu babo. … Ngokwenza njalo, sisebenza njengee-arhente zabo; kwaye sibanike ithuba lokuza ngaphambili kuvuko lokuqala. Yena uthi baya kubanayo iVangeli ishunyayelwa kubo … kodwa ayikho into efana nokubhaptizwa kwemimoya. … Ukusukela kwalo myalelo ushunyayelwe apha, amanzi ebesoloko esengxakini. Ngelixa lenkomfa kwakukhona ngamanye amaxesha athile ukusuka kwisibhozo ukuya kwishumi laBadala emlanjeni ngexesha elinye bebhaptiza. … Ndifuna ukubhaptizelelwa uMama wam. Ndicingile ukuba ndilinde ude ubuye ekhaya, kodwa kwixesha elidlulileyo apho uJoseph ebethetha ngesi sihloko, waye wacebisa wonke umntu ukuba aphakame kwaye enze intshukumo, kwaye bakhulule abahlobo babo ebukhobokeni ngokukhawuleza okudibene nokungxama. Ngoko ke ndicinga ukuba ndiza kuqhubela phambili kule veki, njengoko kukho inani labamelwane eliqhubela phambili. Abanye sele babhaptizwa kangangezihlandlo ezininzi. … Ngoko ke uyabona ukuba likhona ithuba kubo bonke. Ingaba le ayiyona imfundiso ezukileyo?”3

UPhebe Chase

Emveni kokuba iqula lokubhaptizela laligqityiwe kwiTempile yaseNauvoo, ubhaptizelo lwabafileyo lwenziwa apho endaweni yokwenzelwa emlanjeni. UPhebe Chase, umhlali waseNauvoo, wabhalela unina malunga netempile, echaza iqula lokubhaptizela njengendawo apho “singabhaptizelelwa abafileyo bethu kwaye sibengabasindisi eNtabeni iZiyon.” Yena waye waqhubeka ecacisa ukuba kweli qula, “Ndibhaptizilelwe utata wam endimthandayo nabo bonke abanye babahlobo bam abangasekhoyo. … Ngoku ndifuna ukwazi ukuba ngoobani amagama kayihlo nonyoko khona ukuze ndibenako ukubakhulula, kuba ndiyanqwenela ukukhulula abaFileyo. … INkosi ithethile kwakhona kwaye ibuyise ucwangco lwamandulo.”4

USally Randall

Ngokubhalela abahlobo bakhe nosapho lwakhe malunga nobhaptizelo lwabafileyo, uSally Randall waye wakhumbula ukusweleka konyana wakhe uGeorge:

“Owu elo xesha lezilingo kum kwaye kubonakala ngathi andinako ukuxolelaniswa nalo, kodwa … utata wakhe sele embhaptizelelwe kwaye olunjani lona uzuko lwento eyiyo ukuba sikholelwe kwaye sifumane inzaliseko yevangeli njengoko ishunyayelwa ngoku kwaye sinokubhaptizelelwa bonke abahlobo bethu abangasekhoyo kwaye sibasindise ukubuyela emva njengoko sinokufamana ulwazi ngabo.

“Ndifuna undibhalele amagama anikezelweyo alo lonke unxibelelwano lwethu olungasekhoyo ukubuyela emva kootatomkhulu noomakhulu nakweliphi na inqanaba. Ndizimisele ukwenza oko ndinako ukusindisa abahlobo bam kwaye ndingavuya kakhulu ukuba abanye benu banokuza kwaye bandincedise kuba ngumsebenzi omkhulu ukuba umntu omnye awenze eyedwa. … Ndilindele ukuba uya kucinga ukuba le yimfundiso engaqhelekanga kodwa uya kuyifumanisa ukuba iyinyani.”5

Izikhumbuzo

  1. Incwadana yembalelwano kaPhebe Woodruff kuWilford Woodruff, EyeDwarha 6, 1840, Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

  2. Wilford Woodruff, “Remarks,” Deseret News, May 27, 1857, 91; izilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

  3. Incwadana yembalelwano kaVillate Kimball kuHeber C. Kimball, EyeDwarha 11. 1840, Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

  4. Incwadana yembalelwano kaPhebe Chase ku-Anna Jones Pratt, kungekho mhla , Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje. Xa abaNgcwele babeqala ukwenza ubhaptizelo lwabafileyo, umntu ngamnye kumaxesha athile wayebhaptizelwa emele izinyanya zakhe zezini zozibi. Kwathi kamva kwathyilwa ukuba amadoda abhaptizelelwe amadoda kwaye abafazi babhaptizelelwe abafazi.

  5. Incwadana yembalelano kaSally Randall, uTshazimpuzi 21, 1844, Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

Umfanekiso
iqula lokubhaptizela kwiTempile yaseOgden Utah

Iqula lokubhaptizela kwiTempile yaseOgden Utah lizinze phezu kwemiqolo yeenkunzi zeenkomo ezilushumi elinambini.

Shicilela