IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeNkanga 15–21. IMfundiso neMinqophiso 133–134: “Lungiselelani Ukuza koMyeni”


“EyeNkanga 15–21. IMfundiso neMinqophiso 133–134: ‘Lungiselelani Ukuza koMyeni,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 2020)

“EyeNkanga 15–21. IMfundiso neMinqophiso 133-134,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
iintombi ezintlanu ezizingqondi

The Bridegroom Cometh, by Elizabeth Gibbons

EyeNkanga 15–21

IMfundiso neMinqophiso 133–134

“Lungiselelani Ukuza koMyeni

UMongameli Henry B. Eyring wafundisa oku: “Ukubuyiswa kwevangeli kwaqala ngombuzo othobekileyo owacingisiswa nzulu kwikhaya elithobekileyo, kwaye kusenokuqhubeka emakhayeni wethu” (“A Home Where the Spirit of the Lord Dwells,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2019, 25).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa iBandla lalineenyanga ezi-19 ubudala, uMprofeti uJoseph Smith kunye neenkokheli zeBandla baye babeka izicwangciso zamabhongo zokuqulunqela izityhilelo zikaThixo zemihla yokugqibela kumqulu omnye kwaye bashicilele iikopi ezi-10,000—baphindaphinde ngokubini umqulu wokuqala woshicilelo weNcwadi kaMormoni. Ngelishwa, amaxabiso aphezulu aye aphazamisa ezo zicwangciso, kwaye izaphuli-mthetho zaye zahlasela ushicilelo lweBandla xeshikweni ushicilelo lwalusenziwa. Zaye zachitha amaphepha awayengadityaniswanga, kwaye nangona abaNgcwele abakhaliphiliyo baye bawakhusela amanye wawo, akukho kopi zipheleleyo zeNcwadi yeMithetho ezaziwa ukuba zaye zasinda.

Oku sikwazi ngoku njenge candelo 133 leMfundiso neMinqophiso kwakumele ukuba sisihlomelo kwiNcwadi yeMithetho, esifana nendawo yokukhwaza ekupheleni kwezityhilelo ezipapashiweyo zeNkosi. Sona silumkisa ngomhla ozayo wesigwebo kwaye siphinda sikhwaze ubizo olufumaneka kuso sonke isityhilelo: balekani kwezehlabathi, njengoko lifaniswa neBhabheli; yakhani iZiyon; lungiselelani ukuBuya kwesiBini; kwaye nisasaze umyalezo “kuso isizwe ngasinye, nesalamane, nolwimi, nabantu”(umqolo 37). Xeshikweni izicwangciso zoqobo zeNcwadi yeMithetho zazingazange zizalisekiswe, esi sityhilelo sisisikhumbuzo kunye nobungqina bokuba umsebenzi weNkosi awunokuthintelwa, “kuba iya kuyityhila ingalo yayo engcwele … , kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso lukaThixo wazo” (umqolo 3).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 133

Iinyaniso ezikwiMfundiso neMinqophiso zingandilungiselela ukuba ndenze umsebenzi kaThixo.

Iincwadi ngamanye amaxesha ziphela ngesiphetho esithi siphinde sichaze okanye sishwankathele amanqaku wencwadi awahamba phambili. Icandelo 133 kwasekuqaleni kwakumele ukuba libe sisiphetho seNcwadi yeMithetho, kwaye kusenokuxabiseka ukuba ufunde eli candelo ngaloo nto engqondweni yakho. Ngawaphi amanqaku iNkosi ewagxininisayo ngomsebenzi waYo? Yintoni imiqolo 57–62 ekufundisa yona ngendima iNkosi efuna wena uyidlale emsebenzini waYo?

IMfundiso neMinqophiso 133:1–19

INkosi ifuna ndilungiselele uKubuya kwaYo kwesiBini.

Omabini icandelo 1, intshayelelo yeNkosi kwiMfundiso neMinqophiso, kunye candelo 133, isihlomelo sasekuqaleni kwincwadi, aqala ngesicelo esivela eNkosini: “Phulaphulani,Owu nina bantu bebandla lam” (IMfundiso neMinqophiso 1:1; 133:1). Kuthetha ukuthini ukuphulaphula? (bona Isikhokelo kwiziBhalo, “Phulaphula,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Zimemo zini okanye mithetho yini iNkosi efuna ukuba uyiphulaphule kwiMfundiso neMinqophiso 133:1–19? Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze ukulungiselela ngokungcono ukuza kwaKhe? Uya kubanceda njani abo bakungqongileyo ukuba balungiselele?

Bona futhi Mateyu 25:1–13.

IMfundiso neMinqophiso 133:19–56

Ukubuya kweSibini kuya kuba luvuyo kwabo bangamalungisa.

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 133:19–32 malunga neziganeko ezihambelana nokuBuya kweSibini koMsindisi, usenokucinga nokuba iinkcazelo zezi ziganeko ukuba zicebisa ntoni kuwe ngoMsindisi nomsebenzi waKhe. Loluphi usetyenziso lwasemoyeni mhlawumbi onokulufumana kwezi nkcazelo?

Njengoko ufunda inkcazelo ekubuyeni koMsindisi kwimiqolo 32–56, yintoni ekubangela ukuba ujonge phambili kuloo mhla umkhulu? Ngawaphi amagama okanye amabinzana awachaza uthando lweNkosi ebantwini baYo? Cingisisa ngokubhala amava angawakho “ngobubele obuthandekayo beNkosi [yakho], nako konke ekunikele phezu [kwakho] ngokokulunga kwayo” (umqolo 52).

IMfundiso neMinqophiso 134

“Oorhulumente bamiselwa nguThixo ukunceda uluntu.”

Ubudlelwane babaNgcwele bamandulo norhulumente babumaxongo. Xa abaNgcwele babekhutshwa ngetshova eJackson County, Missouri, ngo-1833, abazange bafumane nkxaso okanye mbuyekezo kurhulumente wasekuhlaleni okanye kazwelonke nangona bababhenela uncedo. Kwangeloo xesha, abanye abantu ababengaphandle kweBandla baye batolika iimfundiso ngeZiyon ukuba zazithetha abaNgcwele bala igunya loorhulumente basemhlabeni . IMfundiso neMinqophiso 134 yaye yabhalwa, njengenxalenye, yokucacisa isikhundla seBandla koorhulumente.

Amalungu eBandla kumele azive kanjani malunga noorhulumente? Njengoko ufunda icandelo 134, cingisisa ngokwenza uluhlu olubini: olunye lwemigaqo oyifundayo ngorhulumente ize olunye lube malunga noxanduva lwabemi. Ingaba ezi ngcebiso bezinokubanceda kanjani abaNgcwele bamandulo? Ingaba zisebenza kanjani apho uhlala khona?

Bona futhi Izivumo zoKholo 1:11–12.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 133:4–14. Inkcaso yasemoyeni kaZiyon yiBhabheli—isixeko samandulo eso kwizibhalo zonke ngokupheleleyo sibonisa ubungendawo kunye nobukhoboka basemoyeni (bona D. Todd Christofferson, “Come to Zion,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga 2008, 37; Isikhokelo KwiziBhalo, “Bhabheli, Bhabhilon,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Ingaba ikhona into ethile ekufuneka niyenze njengosapho, ngokwasemoyeni yokokuba, “phumani ngaphandle kweBhabheli” (umqolo 5) kwaye “yiyani …phambili …eZiyon”? (umqolo 9).

IMfundiso neMinqophiso 133:20–33.Njengoko nifunda le miqolo kunye, usapho lwakho lungazoba imifanekiso yoko lucinga ukuba ukuBuya kweSibini ukuba kuya kufana nako. Ningadlala okanye nicule iculo elimalunga noKubuya kweSibini kwaye nixoxe ngoko usapho lwakho lungakwenza ukulungiselela ukuBuya kwaKhe.

IMfundiso neMinqophiso 133:37–39.Ingaba usapho lwakho lungakonwabela ukufunda le miqolo “ngelizwi elikhulu”? (umqolo 38). Kuthetha ntoni ukwabelana ivangeli ngelizwi elikhulu? Ziinyaniso zini esingabelana ngazo?

IMfundiso neMinqophiso 134:1–2.Ukunceda usapho lwakho luqonde ukubaluleka korhulumente, beninokuxoxa ngemibuzo efana nale: Ingaba usapho lwethu lusikeleleka njani ngokuthobela imithetho? Ilizwe lethu lisekeleleka kanjani ngokubanemithetho? Ningenza imibala okanye umfanekiso weflegi yelizwe lenu okanye nichenkceleze isivumo sokholo seshumi elinanye kunye neleshumi elinesibini.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fundisa imfundiso ecacileyo kunye nelula. INkosi ichaza ivangeli yaYo ngamagama awafana nala “ngokucacileyo” “nangokulula” (IMfundiso neMinqophiso 133:57). Yintoni la magama ayicebisayo kuwe malunga nokufundisa ivangeli kusapho lwakho?

Umfanekiso
UKrestu enxibe ingubo ebomvu

Christ in His Red Robe (UKrestu Enxibe Ingubo Ebomvu), by Minerva Teichert

Shicilela