IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeDwarha 18–24. IMfundiso neMinqophiso 121–123: “Owu Thixo, Uphina Wena?”


“EyeDwarha 18–24. IMfundiso neMinqophiso 121–123: ‘Owu Thixo, Uphina Wena?’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeDwarha 18–24. IMfundiso neMinqophiso 121–123,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
INtolongo yaseLiberty

Liberty Jail Spring, by Al Rounds

EyeDwarha 18–24

IMfundiso neMinqophiso 121–123

“Awu Thixo, Uphina Wena?”

Amava akho ekufundeni izibhalo aya kutyeba ukuba imbono yakho kukutyhila inyaniso. Qala ngomthandazo, mamela uMoya, kwaye ubhale iimvakalelo zakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Umgangatho osezantsi wentolongo yedolophu eLiberty, Missouri, wawusaziwa njengomhadi. Iindonga zaziluqilima, umgangatho wamatye phantsi wawubanda kwaye ungcolile, ukutya—oko kwakukhona—kwakubolile, kwaye ukukhanya kuphela okwakungena kwiifestile ezimxinwa ezithintelwe ngeentsimbi kufuphi nophahla. Umhadi kulapho uJoseph Smith kunye nabambalwa babazalwane bakhe baye bachitha ukuvalelwa kwabo khona—iinyanga ezine ezibandayo kakhulu zobusika buka-1838–39—belindele ityala lokuvukela lilizwe laseMissouri. Ngeli lixa, uJoseph wayesoloko efumana iindaba ngentlupheko yabaNgcwele. Uxolo kunye nethemba ngekamva laseFar West zaye zahlala iinyanga ezimbalwa, kwaye ngoku abaNgcwele babengenamakhaya kwakhona, baye baqhutyelwa entlango ukuba bayo kukhangela enye indawo yokuqalela phantsi kwakhona—kweli xesha noMprofeti wabo esentolongweni

Akumangalisi kutheni uJoseph Smith waye wakhala, “Awu Thixo, uphina wena?” Iimpendulo awaye wazifumana, “ulwazi luvela ezulwini” olwehla “luthululwa phantsi” kuloo ntolongo ilusizana, kuyabonakalisa ukuba nangona kungavakali rhoqo kunjalo, uThixo akekho kude. Akukho mandla “anokubamba amazulu,” uMprofeti waye wakufunda oko. “UThixo uya kuba [nabaNgcwele baKhe abanyanisekileyo] ngonaphakade kanaphakade. ” (IMfundiso neMinqophiso 121:1, 33; 122:9.)

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 121:1–10, 23–33122

Ubunzima “bungaba ngawoncedo [lwam].”

Xa thina okanye abo sibathandayo besembindini wentlupheko, kuqhelekile ukuba sicinge ukuba uThixo uyazi ngathi kusini na. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 121:1–6, cinga ngamaxesha xa wawunemibuzo okanye iimvakalelo ezifana nezikaJoseph Smith. Yintoni oyifumana kwimpendulo yeNkosi enokunceda xa unaloo mibuzo okanye unezo mvakalelo? Ngokomzekelo, kwimiqolo 7–10, 26–33, phawula iintsikelelo Yona ezithembisayo kwabo “banyamezela [iinkxwaleko] kakuhle.” Njengoko ufunda icandelo 122, cingisisa ngokuba iNkosi ifuna wena ububone njani ubunzima.

IMfundiso neMinqophiso 121:34–46

Singafikelela “emandleni ezulu.”

Kwinto eyayibonakala ngathi yimeko engenamandla kwiNtolongo yaseLiberty, uJoseph waye wanikwa isityhilelo esimalunga namandla—hayi awezopolitiko okanye amandla womkhosi awayesetyenziswa phezu kwabaNgcwele kodwa “amandla ezulu.” Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 121:34–46, yintoni oyifunda malunga namandla kaThixo? Ingaba ahluke kanjani emandleni wehlabathi? Ngokomzekelo, jonga emazwini iNkosi ewasebenzisayo kwimiqolo 41–43 ukuchaza “amandla okanye impembelelo.” Yintoni eyifundisayo malunga nokuba uThixo uwagcina njani “amandla okanye impembelelo” yaKhe? Mhlawumbi le miqolo ingakuphembelela ukuba ucinge nzulu ngobomi bakho kwakunye nokuba ungenza ntoni ukuba ube yimpembelelo yokulungileyo ebudlelwaneni bakho nabanye.

IMfundiso neMinqophiso 122

UYesu Krestu uhlele ngezantsi kwezinto zonke.

UJoseph Smith wayevalelwe ngobugwenxa ngaphezu kweenyanga ezine xeshikweni abahlobo bakhe nosapho lwakhe babekhutshelwa ngaphandle emakhayeni abo. Umsebenzi awayethe wanikela ubomi bakhe kuwo wawubonakala ubhidlika. Yintoni oyifunda malunga noYesu Krestu emazwini waKhe kuJoseph kwicandelo 122? Yintoni oyifundayo malunga noJoseph? Yintoni oyifundayo malunga nawe buqu?

Bona futhi Alma 7:11–13; 36:3; IMfundiso neMinqophiso 88:6.

Umfanekiso
UYesu emhlabeni eGetsemane

Not My Will, But Thine, by Walter Rane.

IMfundiso neMinqophiso 123

“Masenzeni izinto zonke ngokuchwayita ezilele emandleni ethu.”

KweyoKwindla 1839, kwakubonakala ngathi kwakungekho kuninzi abaNgcwele ababenokwenza ukuguqula imeko yabo yembandezelo. Kodwa kwiincwadi zakhe zembalelwano ezivela kwiNtolongo yaseLiberty, uJoseph wabaxelela oko bebenokhona ukukwenza: “[hlanganisani] ulwazi lwawo onke amanqaku” kwaye “nime ngokuzolileyo, ngokuqiniseka kokugqibela, ekuboneni usindiso lukaThixo” (IMfundiso neMinqophiso 123:1, 17). Njengoko ucingisisa ngenkohliso “nobuqhetseba babantu emhlabeni namhlanje, cinga ngokuba zeziphi izinto ezilele emandleni [akho] ukuba uzenze (imiqolo 12, 17). Kutheni kubalulekile ukwenza izinto “ngokuchwayita? (umqolo 17). Ngubani omaziyo “ogcinwe engayazi inyaniso” (umqolo 12), kwaye ungamnceda kanjani lo mntu ukuba ayifumane?

Uninzi lweengxelo awathi uJoseph walucela kule ncwadi yembalelwano lwalungeniswe kurhulumente kwaye lwapapashwa kuthotho lwamanqaku ali-11 kwiphephandaba laseNauvoo, Times and Seasons (AmaXesha namaXesha Onyaka).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 121:1–10.“Umhadi” owawuseNtolongweni yaseLiberty wuwuyi-14 nge 14.5 iinyawo (4.2 nge 4.4 yeemitha). Ungalunceda kanjani usapho lwakho lubenomfanekiso ngqondweni wokuba bekuyo kuba njani ukuvalelwa kwisithuba esincinane kangaka iinyanga ezine ezibandayo? Nisenokufumana ezinye iinkcukacha malunga neemeko zaseNtolongweni yaseLiberty “kwiSahluko 46: Joseph Smith in Liberty Jail” (Doctrine and Covenants Stories, 172–74). Ningafunda “Amazwi weMbuyiselo: INtolongo yaseLiberty” ekupheleni kwesi sishwankathelo okanye nibukele umboniso bhanyabhanya obonisa ixesha likaJoseph Smith kwiNtolongo yaseLiberty embonisweni. Ingaba olu lwazi luyichaphazela njani indlela esiziva ngayo ngemigaqo ekwiMfundiso neMinqophiso 121:1–10?

IMfundiso neMinqophiso 121:34–36, 41–45.Mhlawumbi umzekeliso unganceda usapho lwakho luqonde “amandla ezulu.” Ngokomzekelo, ningathelekisa amandla kaThixo emandleni wombane; yintoni engathintela isixhobo sombane ekufumaneni amandla? Yintoni lo mzekeliso, kunye nemiqolo 34–36, 41–45, esifundisa yona malunga nendlela esingakhulisa ngayo amandla wethu asemoyeni? Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngamabali awavela ebomini boMsindisi obungumzekelo wezi mpawu.

IMfundiso neMinqophiso 122:7–9.Mhlawumbi amalungu osapho abengonwabela ukwenza iimpawana eziquka le miqolo ethi iwaphembelele. Ezi mpawu zingaxhonywa ekhayeni lenu. Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba “uNyana woMntu uhlele ngezantsi” kuzo zonke izinto?

IMfundiso neMinqophiso 123:12.Singabanceda njani abantu “bazi … apho bangafumana” inyaniso?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Hymns, no. 129.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi wembuyiselo

Amazwi weMbuyiselo

INtolongo yaseLiberty

Xeshikweni wayevalelwe eLiberty, Missouri, uJoseph Smith waye wafumana iincwadi zembalelwano zimazisa ngemeko emaxongo abaNgcwele beMihla yokuGqibela yokuba babekhutshelwa ngaphandle kwelizwe ngokomyalelo werhuluneli. Incwadi yembalelwano ebuhlungu yayivela kwinkosikazi yakhe uEmma. Amazwi wakhe, kunye neencwadi zembalelwano zikaJoseph ephendula, zivakalisa zombini ukuhlupheka kunye nokholo lwabo ngelixa leli xesha linzima embalini yeBandla.

Incwadi yembalelwano evela kuEmma Smith, eyoKwindla 7, 1839

“Myeni Othandekayo

“Ngokubanethuba lokuthumela ngomhlobo, ndenza ilinge lokubhala, kodwa andizukulinga ukubhala iimvakalelo zam kwaphela, kuba imeko okuyo, iindonga, iintsimbi, izikhonkwane, imilambo ejikelezayo, imijelo ebalekayo, iinduli ezinyukayo, iintlambo ezitshonelayo nemimandla esasazekileyo esahlulayo, nokungabinabulungisa obukhohlakeleyo obathi kuqala bakuphosela entolongweni kwaye nangoku busakugcine apho, kunye nezinye iingcamango ezininzi, kubeka iimvakalelo ngaphaya kwenkcazelo.

“Ukuba bekungekho ngenxa yobumsulwa besazela, kunye nongenelelo oluthe ngqo lwenceba yobuthixo, ndiqinisekile kakhulu ukuba bendingasokuze ndikwazi ukunyamezela ezi ziqendu zentlupheko endithe ndagqitha kuzo … ; kodwa ndisaphila kwaye ndisazimisele ukuhlupheka ngakumbi ukuba kuyintando yeZulu elinobubele yokuba ndisokolele wena.

“Sonke sisaphila okwangoku ngaphandle kukaFredrick ogulayo ngamandla.

UAlexander omncinane osezingalweni zam ngoku ngomnye wabafana abancinane omhle owakhe wambona ebomini bakho. Uqinile kwaye ngoncedo lwesitulo uyagijima ejikeleza endlwini. …

“Akekho omnye ubani kodwa uThixo owazi iingcinga zengqondo yam neemvakalelo zentliziyo yam xa ndandishiya indlu nekhaya lethu, kwaye phantse yonke into ebesinayo ngaphandle nje kwaBantwana bethu abancinane, kwaye ndiye ndathatha uhambo lwam oluphuma kwiLizwe laseMissouri, ndikushiya uvalelwe kuloo ntolongo yobulolo. Kodwa inkumbulo ingaphezulu kwendalo nje yoluntu endifanele ukuyithwala. …

“… Ndiyathemba zikhona iintsuku ezingcono eziseza kuthi. … [] Ndohlala ndingowakho ngothando.

“Emma Smith”1

Incwadi yembalelwano evela kuJoseph Smith isingise kuEmma Smith, Tshazimpuzi 4, 1839

“Mfazi—othandekayo—nonothando.

“Ngobusuku bangoLwesine ndiye ndahlala phantsi njengoko ilanga lalitshona, njengoko sikrobe kwiintango zale ntolongo yobulolo, ndikubhalela, ukuze ndibenokukwazisa ngemeko yam. Ndiyakholwa ngoku kungangeenyanga ezintlanu neentsuku ezintandathu2 kusukela oko ndingaphantsi kweliso elibukhali likanogada imini nobusuku, ngaphakathi kweendonga, kweentango, kunye neminyango encwinayo yeentsimbi yale ntolongo ebulolo, nemnyama, kunye nengcolileyo. Ngeemvakalelo zomphefumlo ezaziwa kuphela nguThixo ndikubhalela le ncwadi. Iingcamango zengqondo ngaphantsi kwezi meko zibhavumela usiba, okanye ulwimi, okanye Iingelosi, ukuchazela, okanye ukuzobela, umntu ongazange abenamava woku thina sithe sabanamava wako. … Soyamela engalweni kaYehova, kwaye akekho omnye, kwinkululeko yethu, kwaye ukuba yena akayenzi, ayisokuze yenziwe, usenokuqinisekiswa, kuba igazi lethu linxanelwe kakhulu kweli lizwe; hayi kuba sinetyala lokuthile. … Emma Wam Othandekayo, ndihlala ndikucinga wena nabantwana. … Ndifuna ukubona uFrederick omncinane, uJoseph, uJulia, uAlexander, uJoana, kunye nomajor omdala [inja yosapho]. … Bendingakuvuyela ukuhamba apha ndinganxibanga zihlangu, ngenkqayi, kwaye ndinganxibanga ngokupheleleyo, ukuzo kunibona kwaye ndicinga ukuba kungaba lulonwabo olukhulu, kwaye andisoze ndikubone ngathi bubunzima. … Ndiyinyamezele yonke ingcinezelo yam ngenkalipho, njengawo onke la madoda akunye nam; kwaye akukabikho namnye kuthi othe wenza intshukumo yokunikezela. Ndifuna wena ukuba [ungavumeli] [abantwana bethu] bandilibale. Baxelele ukuba uTata uyabathanda ngothando olugqibeleleyo, kwaye yena wenza konke anako ukubaleka kweli qela lezigebengu aze kubo. … Baxelele ukuba uTata uthi kumele babengabantwana abalungileyo, kwaye bacingele umama wabo. …

“Owenu,

“Joseph Smith Jr.”3

Izikhumbuzo

  1. Letter from Emma Smith, 7 March 1839,” Letterbook 2, 37, josephsmithpapers.org; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

  2. UJoseph Smith namaqabane wakhe babebanjwe kweyeDwarha 31, 1838, kwaye babegcinwe ngaphantsi kokhuselo olunzima imini nobusuku. Emva kwetyala lokuqala eRichmond, Missouri, baye bathathwa basiwa kwiNtolongo yaseLiberty kweyoMnga 1.

  3. Letter to Emma Smith, 4 April 1839,” 1–3, josephsmithpapers.org; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

Umfanekiso
UJoseph Smith eseNtolongweni yaseLiberty

Xeshikweni uJoseph Smith wayesezintlungwini eNtlongweni yaseLiberty, iNkosi yaye yamthuthuzela kwaye yamtyhilela iinyaniso ezinkulu.

Shicilela