ITestamente eNdala 2022
Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda iTestamente eNdala


“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda iTestamente eNdala,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda iTestamente eNdala,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga

Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni

Ukufunda iTestamente eNdala

Fumana iNtsingiselo yoBuntu

Xa ucinga ngeli thuba lakho lokufunda iTestamente eNdala kulo nyaka, uziva njani? Unomdla? Awuqinisekanga? Uyoyika? Zonke ezi mvakalelo ziyaqondakala. ITestamente eNdala yenye yezona zinto ziqokelelweyo zakudala ezibhaliweyo emhlabeni, kwaye ezinokubangela ukuba zibe yimincili kwaye zoyikise. Ezi zibhalo zivela kwisiko lakudala elinokubonakala lilelangaphandle kwaye ngamanye amaxesha lingaqhelekanga okanye lingathandeki. Kwaye kwezi zibhalo sibona abantu benamava abonakala eqhelekile, kwaye siyayamkela imixholo yeVangeli engqina ubuThixo bukaYesu Krestu nangevangeli yaKhe.

Ewe, abantu abanjengo-Abraham, noSara, noHana, kunye noDaniyeli baphila ubomi obuthi, ngandlela ithile, babohluke kakhulu kobethu. Kodwa bakwabona ukonwaba kusapho kunye nokungaboni ngasonye kusapho, amaxesha okholo kunye namaxesha okungaqiniseki, kunye nempumelelo kunye nokusilela—njengathi sonke. Okubaluleke ngakumbi, babonisa ukholo, baguquka, benza iminqophiso, baba namava okomoya, kwaye zange bancame kwimigudu yabo yokuthobela uThixo.

Ukuba uyazibuza ukuba ngaba wena kunye nosapho lwakho ninokuyifumana na intsingiselo yobuqu kwiTestamente eNdala kulo nyaka, gcinani engqondweni ukuba usapho lukaLihayi noSariya lwayifumana. UNifayi wabelana ngamabali ngoMoses kunye neemfundiso ezivela ku-Isaya xa abantakwabo babefuna ukhuthazo okanye ukulungiswa okanye umbono. Xa uNifayi wathi, “Umphefumlo wam uyavuyiswa zizibhalo” (2 NIfayi 4:15), wayethetha ngezibhalo eziyinxalenye yeTestamente eNdala.

Funa uMsindisi

Ukuba uyazibuza ukuba ngaba wena kunye nosapho lwakho ninokusondela kuYesu Krestu ngokufunda iTestamente eNdala, gcinani engqondweni ukuba uMsindisi ngokwaKhe usimema ukuba senze njalo. Xa Yena waxelela iinkokheli zamaYuda, “Izibhalo ezingcwele … ziyangqina ngam” (Yohane 5:39), Yena wayethetha ngezibhalo esizibiza ngokuba yiTestamente eNdala. Ukufumana uMsindisi kule nto uyifundayo, kusekufuneka ukuba ucingisise ngomonde kwaye ufune isikhokelo sokomoya. Ngamanye amaxesha okubhekiswa kuYe kubonakala kucace gca, njengakwisibhengezo sika-Isaya “Sazalelwa umntwana, sinikwe unyana: … igama lakhe liya kubizwa … uMthetheleli woXolo” (Isaya 9:6). Kwezinye iindawo, uMsindisi umelwa ngokuzithoba, ngokusebenzisa imiqondiso kunye nezinto ezifana ngazo, umzekelo, kwinkcazo yamadini ezilwanyana (bona Levitikus 1:3–4) okanye ingxelo kaYosefu ebaxolela abantakwabo aze abasindise kwindlala.

Ukuba ufuna ukholo olukhulu kuMsindisi njengokuba ufunda iTestamente eNdala, uya kulufumana. Mhlawumbi le ingayinjongo yokufunda kwakho kulo nyaka. Thandaza ukuba uMoya ukukhokelele ekufumaneni nasekugxiliseni kwimihlathi, nakumabali, kunye nakwiziprofetho eziza kukusondeza kuYesu Krestu.

Umfanekiso
izibhalo zomprofethi zakudala

UMprofethi weTestamente eNdala, Judith A. Mehr

Kugcinwe ngoButhixo

Musa ukulindela ukuba iTestamente eNdala ibonise imbali eqinisekileyo yoluntu nechanekileyo. Ayisiyo le nto ababhali bokuqala kunye nabahlanganisi babezama ukuyenza. Eyona nkxalabo yabo yayikukufundisa into ngoThixo—malunga nesicwangciso saKhe sabantwana baKhe, malunga nokuba kuthetha ntoni ukuba ngabantu baKhe bomnqophiso, kwaye nangendlela yokufumana inkululeko xa singaphili ngeminqophiso yethu. Ngamanye amaxesha bakwenza ngokubalisa ngeziganeko zembali njengoko babeziqonda—kubandakanywa namabali aphuma kubaprofeti abakhulu. IGenesis ingumzekelo woku, njengeencwadi ezifana noYoshuwa, AbaGwebi, nooKumkani bokuqala nabesibini. Kodwa abanye ababhali beTestamente eNdala babengajolisanga kwimbali nakanye. Endaweni yoko, bafundisa ngemisebenzi yobugcisa enje ngemibongo kunye noncwadi. IiNdumiso kunye neMizekeliso zilingene kolu luhlu. Kwaye ke kukho amazwi axabisekileyo abaprofeti, ukusuka ku-Isaya ukuya kuMalaki, owayethetha ngelizwi likaThixo kuSirayeli wamandulo—kwaye, ngommangaliso weBhayibhile, asathetha nathi nanamhlanje.

Ingaba bonke aba baprofeti, neembongi, kunye nabaqokeleli babeyazi ukuba amazwi abo aya kufundwa ngabantu kwihlabathi liphela kwiminyaka engamawaka ngamawaka kamva? Asazi. Kodwa siyamangaliswa kukuba kwenzeke le nto kanye. Izizwe zavuka zawa, izixeko zathinjwa, ookumkani baphila bade bafa; kodwa yona iTestamente eNdala yabahlula bonke, kwizizukulwana ngezizukulwana, ukusuka komnye umbhali kuye komnye, nokusuka ekuguquleleni ukuya kokunye. Ewe ezinye izinto zalahleka okanye zalungiswa, kwaye nangona kunjalo ngandlela ithile olukhulu zalondolozwa ngokungummangaliso.1

Ezi zizinto nje ezimbalwa onokuzigcina engqondweni xa ufunda iTestamente eNdala kulo nyaka. Mhlawumbi uThixo uzigcinile ezi zibhalo zamandulo kuba Yena ekwazi wena kunye noku uthi udlule kuko. Mhlawumbi Yena ukulungiselele umyalezo wokomoya ngala mazwi, into eza kukusondeza kuYe kwaye wakhe ukholo lwakho kwisicwangciso saKhe kunye noNyana waKhe oyiNtanda. Mhlawumbi Yena uya kukukhokelela kumhlathi okanye ekuqondeni okuya kukusikelela umntu omaziyo—kumyalezo onokuwabelana nomhlobo wakho, nelungu losapho, okanye nomntu ohamba naye onguNgcwele. Zininzi izinto ezinokwenzeka. Ngaba ayiyonto eyenza imincili ukucinga ngayo?

Iincwadi kwiTestamente eNdala

Uninzi lweenguqulelo zobuKrestu zeTestamente eNdala, iincwadi zilungelelaniswe ngokwahlukileyo kwindlela ezazicwangciswe ngayo xa zihlanganiswa okokuqala kwingqokelela enye. Ngelixa iBhayibhile yesiHebhere izisa iincwadi kwiindidi ezintathu—umthetho, abaprofeti kunye nemibhalo—uninzi lweeBhayibhile zamaKrestu zicwangcisa ezi ncwadi zibe ngamanqanaba amane: umthetho (iGenesis–Deteronomi), imbali (uYoshuwa–uEstere), iincwadi zemibongo (uYobhiINgoma kaSolomon), kunye nabaprofeti (u-Isaya–Malaki).

Kutheni ezi ndidi zibalulekile? Kuba ukwazi ukuba luhlobo luni lwencwadi oyifundayo kunokukunceda uyiqonde ukuba uyifunda njani.

Nantsi into ekufuneka uyikhumbule xa uqala ukufunda “umthetho,” okanye iincwadi ezintlanu zokuqala zeTestamente eNdala. Ezi ncwadi, zibhekiswe kuMoses, kusenokwenzeka ukuba zadlula ezandleni zababhali abaninzi kunye nabaqulunqi kwixesha elide. Kukwanjalo, iincwadi zikaMoses zililizwi eliphenjelelweyo likaThixo, nangona zinjalo—njengawo nawuphi na umsebenzi kaThixo odluliselwa ebantwinibasemhlabeni—zixhomekeke ebantwini abangagqibelelekanga (bona Moses 1:41; IziVumo zoKholo 1:8). Amazwi kaMoronayi, ebhekisa kwiNcwadi kaMormoni engcwele awanceda ukuyiqokelela, aluncedo apha: “Ukuba kukho iziphosiso ziimpazamo zabantu; ngako oko, musa ukugweba izinto zikaThixo” (iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni). Ngamanye amagama, incwadi yesibhalo akufuneki ikhululeke kwimpazamo zabantu ukuze ibe ililizwi likaThixo.

Isikhumbuzo

  1. UMongameli uM. Russell Ballard uthe: “Asikuko nokuba ngethuba okanye kwenzeka nje ukuba sibe nayo le Bhayibhile namhlanje. Abantu abalungileyo bachukunyiswa nguMoya ukuba babhale phantsi izinto ezingcwele abazibonileyo kunye namazwi aphenjelelweyo abawevayo nabawathethayo. Abanye abantu abazinikeleyo bacelwa ukuba bakhusele kwaye bagcine la maxwebhu” (“The Miracle of the Holy Bible,” Liyahona, UCanzibe 2007, 80).

Shicilela