ITestamente eNdala 2022
EyoMqungu 10–16. Genesis 3–4; Moses 4–5: Ukuwa kuka-Adam no-Eva


“EyoMqungu 10–16. Genesis 3–4; Moses 4–5: Ukuwa kuka-Adam no-Eva” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMqungu 10–16. Genesis 3–4; Moses 4–5:” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022

Umfanekiso
U–Adam no–Eva bahamba kunye

U–Adam no–Eva, nguDouglas M. Fryer

EyoMqungu 10–16

Genesis 3–4; Moses 4–5

Ukuwa kuka-Adam no-Eva

Xa ufunda Genesis 3–4 kunye noMoses 4–5, qwalasela into iNkosi ezama ukukufundisa yona. Bhala ezi nyaniso kunye neempembelelo zakho zokomoya, kwaye uzetyise kuzo iveki yonke.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ekuqaleni, ibali lokuwa kuka-Adam no-Eva linokubonakala ngathi liyintlekele. U–Adam no–Eva bakhutshelwa ngaphandle kumyezo wase-Eden. Baphoswa kwihlabathi apho intlungu, nosizi, kunye nokufa zisoloko zikhona (bona Genesis 3:16–19). Kwaye bahlukaniswa kuBawo wabo waseZulwini. Kodwa ngenxa ye nyaniso ebuyisiweyo ngoMprofeti uJoseph Smith kwincwadi kaMoses, siyazi ukuba ibali lika-Adam no-Eva lelinye lethemba—kwaye nenxalenye ebalulekileyo yesicwangciso sikaThixo sabantwana baKhe.

Umyezo wase-Eden wawumhle. Kodwa uAdam noEva babefuna enye into ngaphandle kwendalo entle eyayibangqongile. Babedinga—kwaye sonke siyalidinga—ithuba lokukhula. Ukuhamba emyezweni wase-Eden yayilinyathelo lokuqala eliya ekubuyeleni kuThixo kwaye ekugqibeleni babe njengaYe. Oko kwakuthetha ukujongana nenkcaso, ukwenza iimpazamo, ukufunda ukuguquka, kunye nokuthembela kuMsindisi, oNtlawulelo yakhe enokuthi yenze ukuqhubela phambili kunye “novuyo lokukhululwa kwethu,” (Moses 5:11). Ke xa ufunda ngokuwa kuka-Adam no-Eva, musa ukujonga intlekele ebonakalayo kodwa kwizinto ezinokubakho—hayi kwiparadesi uAdam noEva abaphulukana nayo kodwa kubuqaqawuli okhetho lwabo lusivumela ukuba sibufumane.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 3:1–7; Moses 4; 5:4–12

Ukuwa kwakuyinxalenye eyimfuneko yesicwangciso sikaThixo sokukhulula abantwana baKhe.

Ukuwa kuka-Adam no-Eva kuzisa ukufa emzimbeni nasemoyeni kwihlabathi. Kwazisa nobunzima, nosizi, kunye nesono. Zonke ezi zinto zibonakala njengezizathu zokugxeka uKuwa. Kodwa uKuwa kwakuyinxalenye yecebo likaBawo waseZulwini lokukhulula nokukhulisa abantwana baKhe “ngedini loKuphela koZelweyo kaYise,.” (Moses 5:7). Njengoko ufunda Genesis 3:1–7; Moses 4; 5:4–12, zeziphi iinyaniso ozifumanayo ezinokukunceda ukuba uqonde uKuwa kunye nendlela iNtlawulelo lukaKrestu ekohlula ngayo? Imibuzo efana nale inganceda:

  • Ukuwa kwabachaphazela njani uAdam noEva? Kundichaphazela njani mna?

  • Kwakutheni ukuze uAdam noEva benze amadini? Ayefuzisela ntoni loo madini? Ndingafunda ntoni kumagama engelosi kule miqolo?

  • Kutheni le nto uAdam no-Eva “bonwaba” emva koKuwa kwabo? Ndifunda ntoni kule ngxelo malunga necebo likaThixo lokundikhulula ngoYesu Krestu?

Ngenxa yeNcwadi kaMormoni kunye nezinye izityhilelo zomhla wokugqibela, sinembono eyahlukileyo ngoKuwa. Umzekelo, qwalasela into efundiswe ngumprofeti uLihayi kusapho lwakhe ngoAdam noEva 2 Nifayi 2:15–27. Iimfundiso zikaLihayi zikucacisa njani okwenzekileyo kuMyezo wase-Eden kwaye zisinceda njani ukuba siqonde ukuba kutheni ibalulekile?

Bona kwakhona 1 KwabaseKorinte 15:20–22; Mozaya 3:19; Alma 12:21–37; IMfundiso neMinqophiso 29:39–43; Izivumo zoKholo 1:3; Dallin H. Oaks, “The Great Plan,” Liyahona, Canzibe 2020, 93–96; Dallin H. Oaks, “Opposition in All Things,” Liyahona, Canzibe 2016, 114–17; Jeffrey R. Holland, “Where Justice, Love, and Mercy Meet,” Liyahona, Canzibe 2015, 104–6.

Umfanekiso
U–Eva ebambe iziqhamo

Ukushiya i-Eden, nguAnnie Henrie Nader

Genesis 3:16; Moses 4:22

Ithetha ukuthini into yokuba uAdam wayeya “kulawula” uEva?

Lo mhlathi wezibhalo ezingcwele ngamanye amaxesha uye uqondwe kakubi ukuba uthetha ukuba indoda inezizathu zokuphatha umfazi wayo ngokungenanceba. Kule mihla yethu, abaprofeti beNkosi bafundise ukuba ngelixa umyeni kufuneka ongamele ekhayeni ngokulunga, kufanele abone umfazi wakhe njengeqabane elilinganayo (bona “USapho: Isibhengezo Kwihlabathi” [ChurchofJesusChrist.org]). UMdala uDale G. Renlund kunye noDadewethu uRuth Lybbert Renlund bacacisa ukuba umyeni olungileyo “uya kufuna ukulungiselela; uya kuyivuma impazamo acele uxolelo; uya kukhawuleza ukubulela; uya kuthathela ingqalelo ukhetho lwamalungu osapho; uya kuva ubunzima bomsebenzi wokubonelela ‘ngeemfuno zobomi kunye nokukhuselwa’ kusapho lwakhe; uya kuphatha umfazi wakhe ngembeko enkulu kunye nangentlonelo. … Uya kulusikelela usapho lwakhe” (The Melchizedek Priesthood: Understanding the Doctrine, Living the Principles [2018], 23).

Moses 5:4–9, 16–26

UThixo uya kwamkela amadini am ukuba ndiwanikela ngentliziyo evumayo nethobelayo.

U–Adam no–Eva bafunda ukuba amadini ezilwanyana ayefanekisela idini lokucamagushela likaKrestu, kwaye bakwenza “kwaziwa ngoonyana babo neentombi zabo” (Moses 5:12). Njengoko ufunda Moses 5:4–9, 16–26, qwalasela isimo sengqondo esahlukileyo soonyana babo bobabini, uKayin no-Abheli, malunga nale minikelo. Kwakutheni ukuze iNkosi yamkele idini lika-Abheli kodwa ingamamkeli elikaKayin?

Hlobo luni lwamadini iNkosi ewacela kuwe? ingaba ikhona into Moses 5:4–9, 16–26 etshintsha indlela ocinga ngayo ngaloo madini?

Bona kwakhona IiNdumiso 4:5; 2 KwabaseKorinte 9:7; Omnayi 1:26; 3 Nifayi 9:19–20; Moronayi 7:6–11; IMfundiso neMinqophiso 97:8.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 3; Moses 4.Yintoni onukuyenza ukuze uncede usapho lwakho lwazi ngcono ngoKuwa kuka–Adam no–Eva? Usenokukopa umfanekiso osuka ku–“Adam and Eve” (ku– Amabali eTestamente eNdala) uze uwusike. Nandule nisebenze kunye nibeka imifanekiso ngendlela yocwangco njengoko nixoxa ngamava ka–Adam no–Eva. Kutheni le nto uKuwa kwakuyimfuneko kwisicwangciso sikaBawo waseZulwini? Ukubukela umboniso bhanyabhanya “The Fall” (ChurchofJesusChrist.org) kunganceda ukuphendula lo mbuzo.

Moses 4:1–4.Sifunda ntoni ngoThixo, ngoYesu Krestu nangoSathana kule miqolo? Kutheni le nto inkululeko yokukhetha ibaluleke kangaka kwisicwangciso sikaThixo kangangokuba uSathana angafuna ukuyitshabalalisa?

Moses 5:5–9.Yintoni uThixo awayalela u-Adam no-Eva bayenze ukuba abancede bacinge ngoMsindisi? Yintoni uThixo asinike yona ezosinceda ukuba sicinge ngoMsindisi?

Moses 5:16–34.Kuthetha ukuthini ukuba “ngumgcini womzalwana wethu”? Singakwazi njani ukukhathalelana ngcono njengosapho?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Choose the Right Way,” Children’s Songbook, 160–61

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa amancedo okufunda izibhalo. Xa ufunda izibhalo ezingcwele, sebenzisa imibhalo esemazantsi, Isikhokelo kwiZahloko, Isichazi-magama seBhayibhile, Isikhokelo kwiZibhalo, kwaye nolunye ufundisiso olunceda ukufumana ulwazi olongezelelekileyo.

Umfanekiso
ingelosi ityelele uAdam noEva

Ukulinganisa, nguWalter Rane

Shicilela