ITestamente eNdala 2022
EyoMqungu 17–23. Genesis 5; Moses 6: “Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu”


“EyoMqungu 17–23. Genesis 5; Moses 6: ‘Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMqungu 17–23. Genesis 5; Moses 6,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022

Umfanekiso
U–Adam no–Eva ngaphandle koMyezo wase-Eden

Better than Paradise (Ngcono kuneParadesi) nguKendal Ray Johnson

EyoMqungu 17–23

Genesis 5; Moses 6

“Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu”

Njengoko ufunda kwaye ucinga nzulu ngeGenesis 5 kunye noMoses 6, bhala phantsi iimvakalelo zokomoya ozifumanayo. Yeyiphi imiyalezo oyifumana ixabisekileyo kuwe nakusapho lwakho?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Uninzi lweGenesis 5 luluhlu lwezizukulwana phakathi kuka-Adam no-Eva noNowa. Sifunda amagama amaninzi, kodwa asifundi okuninzi ngabo. Emva koko sifunda ngo-Enoki, ezizukulwaneni ezintandathu ukusuka ku-Adam, ochazwa ngalo mgca ubangel’ umdla kodwa ungacacanga: “Kwaye uEnoki wahamba noThixo: akabikho; kuba uThixo wamthabatha” (Genesis 5:24). Ngokuqinisekileyo kukho ibali emva kwaloo nto. Kodwa ngaphandle kwenkcazo engaphezulu, uluhlu lwezizukulwane luyaqhubeka.

Ngombulelo, Moses 6 utyhila iinkcukacha zebali lika-Enoki—kwaye libali ngokwenene. Sifunda ngokuthobeka kuka-Enoki, ukungazithembi kwakhe, amandla uThixo awabonayo kuye, nomsebenzi omkhulu awawenzayo njengomprofeti kaThixo. Sikwafumana umfanekiso ocacileyo wosapho luka-Adam no-Eva njengoko lwaluqhubeka kwizizukulwana ngezizukulwana. Sifunda “ngobukhosi obukhulu” bukaSathana kodwa nangabazali ababefundisa abantwana “ngeendlela zikaThixo” kunye “nabashumayeli bobulungisa” ababethetha kwaye beprofeta” (Moses 6:15, 21, 23). Eyona ixabisekileyo yile nto siyifundayo ngemfundiso aba bafundisi nabashumayeli bayifundisileyo: ukholo, ukuguquka, ubhaptizo, kunye nokufumana uMoya oyiNgcwele (bona Moses 6:50–52). Le mfundiso, njengobubingeleli obuhamba nayo, “obabukho ekuqalekeni, [kwaye] buya kubakho esiphelweni sehlabathi kananjalo” (Moses 6:7).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Moses 6:26–36

Umprofeti ungumboni.

Njengoko ufunda Moses 6:26–36, ufunda ntoni ngamehlo, ngobumnyama, kwakunye nangokubona? Ngexesha likaEnoki, ngubani “ongenakubona ekude”? Kutheni le nto aba bantu babengayiboni inyani? Yintoni awayibonayo uEnoki? Yintoni eyakhe ukholo lwakho lokuba abaprofeti banamhlanje bangababoni? (bona umqolo 36).

Moses 6:26–47

UThixo usibizela ukuba senze umsebenzi waKhe nangaphandle kokunqongophala kwethu.

Ayonto ingaqhelekanga ukuziva unxunguphele ngento iNkosi isibize ukuba siyenze. N–oEnoki wayeziva ngaloo ndlela xa iNkosi yambizayo ukuba abe ngumprofeti. Xa ufunda Moses 6:26–36, jonga ukuba kwakutheni ukuze uEnoki azive egutyungelwe kunye nento eyayithethwa yiNkosi ukumnika inkalipho. Kwimiqolo 37–47, jonga iindlela iNkosi yamxhasa njazo uEnoki kwaye yamnika amandla okwenza umsebenzi waYo (bona kwakhona Moses 7:13). Usenokuthelekisa amava ka-Enoki naleyo yabanye abaprofeti ababezive bengabalulekanga, abanjengoMoses (bona Eksodus 4:10–16), noYeremiya (bona Yeremiya 1:4–10), noNifayi (bona 2 Nifayi 33:1–4), kunye noMoronayi (bona Etere 12:23–29). Ingaba ucinga ukuba uThixo ufuna ukuba ufunde ntoni kwezi zibhalo malunga nomsebenzi Yena akunike wona?

Bona futhi Yakobi, 4:6–8.

Moses 6:48–68

Imfundiso kaKrestu isembindini kwisicwangciso sikaThixo sokusindisa.

Ngenxa yokuba sinencwadi kaMoses, siyayazi ukuba uThixo ebefundisa abantwana baKhe indlela yokufumana uxolelo nenkululeko ukusukela kwasekuqaleni. Kwizibhalo ezingcwele, ezi mfundiso ngamanye amaxesha zibizwa ngokuba yimfundiso kaKrestu (bona 2 Nifayi 31:13–21). Xa ufunda Moses 6:48–68, khangela into ekufuneka siyazi kwaye siyenze ukuze sihlangulwe. Ungakufumanisa kuluncedo ukubhala esakho isishwankathelo soko kufundiswe ngu–Enoki. Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba ezi nyaniso bezifundiswa ukususela ngemihla ka-Adam no-Eva? Yintoni oziva ushukunyiselwa ukuba uyenze ngenxa yokufunda ezi mfundiso?

Moses 6:51–62

“Nifundise ezi zinto ngokukhululekileyo ebantwaneni benu.”

U–Adam no––Eva bafundiswa iinyaniso ezixabisekileyo zevangeli kaYesu Krestu. Kodwa amazwi eNkosi kuMoses 6:27–28 ayicacisa ukuba kwizizukulwana ezingaphambi kukaEnoki, abantu abaninzi bebengasaziphili ezo nyaniso. INkosi yayifuna uEnoki ukuba abuyisele iinyaniso ezazilahlekile—kunye nomyalelo wokuqala owanikwa uAdam wokokuba: “Nifundise ezi zinto ngokukhululekileyo ebantwaneni benu” (Moses 6:58). Njengoko ufunda Moses 6:51–62, ufunda ntoni ngoYesu Krestu? Yintoni oyifumanisa inokubaluleka ngokukhethekileyo kwisizukulwana esikhulayo? Yintoni onokuyenza ukunceda ukudlulisa ezi nyaniso kwizizukulwana ezizayo?

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo ezingcwele

Abazali kufuneka bafundise abantwana babo ivangeli.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano waNgorhatya Wosapho

Genesis 5; Moses 6:5–25, 46.Ukufunda “ngencwadi yenkumbulo” eyayigcinwe lusapho luka-Adam no-Eva kungakhuthaza usapho lwakho ukuba luzenzele incwadi yenkumbulo. Xoxani njengosapho oko ningathanda ukukubandakanya. Mhlawumbi nineefoto, amabali, okanye amaxwebhu kwimbali yosapho lwenu. Unokukhetha ukufaka izinto ezenzekayo kusapho lwakho ngoku. Izizukulwana ezizayo ziya kufumana ntoni exabisekileyo? Unokuxoxa ngokuba amabinzana athi “ngomoya wempembelelo” (Moses 6:5) kunye “ngokomfuziselo onikwe ngomnwe kaThixo;” (Moses 6:46) angakhokela imizamo yakho. Cinga ngokugcina ulwazi kwincwadi yakho yesikhumbuzo kwi FamilySearch.org.

Moses 6:53–62.Siza kuwuphendula njani umbuzo ka-Adam ofumaneka kuMoses 6:53? Ziimpendulo zini esizifumana kwimiqolo 57–62?

Moses 6:59.Kuthetha ntoni “ukuzalwa kwakhona kubukumkani bamazulu”? Yintoni esinokuyenza ukuqhubeka nokuzalwa kwakhona ebomini bethu bonke? Ngoncedo, bona Alma 5:7–14, 26.

Moses 6:61.Yintoni esiyifundayo malunga noMoya OyiNgcwele kulo mqolo?

Moses 6:63.Zeziphi ezinye zezinto “ezinikela ubungqina ngo[Krestu]”? (bona kwakhona 2 Nifayi 11:4). Cinga ngokumema amalungu osapho ukuba abelane ngento awayibonayo “ezulwini phezulu” okanye “emhlabeni” ewanceda ukuba afunde ngoYesu Krestu. Umzekelo, imithi, amatye, okanye ilanga lisikhumbuza njani ngoMsindisi? Zisifundisa ntoni izihloko ezithi “amanzi aphilayo” kunye “nesonka sobomi” ngaYe? (Yohane 4:10–14; 6:35).

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “I’ll Go Where You Want Me to Go,” Hymns, no. 270.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela iimpawu. Kwizibhalo, izinto okanye iziganeko zinokumela okanye zifanekise iinyaniso zokomoya. Ezi phawu zinokuphucula ukuqonda kwakho ngemfundiso. Umzekelo, ufunda ntoni kwiimpawu zamehlo kunye nodongwe kuMoses 6:35?

Umfanekiso
U–Adam no–Eva kunye nabantwana

Adam and Eve Teaching Their Children (U–Adam no–Eva bafundisa Abantwana Babo), ngu Del Parson

Shicilela