ITestamente eNdala 2022
EyoMqungu 3–9. Genesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5: “Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba”


“EyoMqungu 3–9. Genesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5: “Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba.” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMqungu 3–9. Genesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
umfanekiso womhlaba nenyanga

EyoMqungu 3–9

Genesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5

“Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba”

Nokuba ukhe wafunda malunga neNdalo ngaphambili, kusoloko kukho okungakumbi onokufunda kwizibhalo. Thandazela ukukhokelwa nguMoya oyiNgcwele ukukunceda ufumane ukuqonda okutsha.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngenxa yokuba umhlaba ojikeleze thina umhle kwaye umhle kangaka, kunzima ukuba nomfanekiso ngqondweni womhlaba xa “kwakusenyanyeni kuselubala,” “ungenanto kwaye uyinkangala” (Genesis 1:2; Abraham 4:2). Inye kuphela into esifundiswa libali leNdalo kukuba uThixo angenza into emangalisayo ngento engahlelwanga. Kuyanceda ukukhumbula xa ubomi bubonakala bunzima. UBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu bangaBadali, kwaye umsebenzi waBo wokudala nathi awugqitywanga. Banokwenza ukukhanya kukhanye ngamaxesha amnyama kubomi bethu. Banokwenza umhlaba oqinileyo phakathi kweelwandle ezinesiphango. Banokuyalela izinto, kwaye ukuba sithobela ilizwi laBo njengoko izinto zazisenza, Bona bangasiguqula sibe yindalo entle esimiselwe ukuba yiyo. Kuyinxalenye yentsingiselo yokudalwa ngokomfanekiselo kaThixo, nokufana naYe (bona Genesis 1:26). Thina sinamanda wokokuba sifane naYe: sibe ngabantu abaphakanyisiweyo, nabazukisiweyo.

Ukufumana inkcazo ngokubanzi ngencwadi yeGenesis, bona “Genesis” kwiSichazi-magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 1:1–25; Moses 2:1–25; Abraham 4:1–25

Ngaphantsi kolawulo lukaBawo waseZulwini, uYesu Krestu wadala umhlaba.

UMdala uD. Todd Christofferson uthe, “Nokuba zeziphi iinkcukacha zenkqubo yokudala, siyayazi ukuba ayenzekanga ngengozi kodwa ukuba yayilawulwa nguThixo uYise kwaye yaphunyezwa nguYesu Krestu.” (“Why Marriage, Why Family,” Liyahona, UCanzibe 2015, 51). Ngelixa kukhona okuninzi esingakwaziyo malunga nendlela owadalwa ngayo umhlaba, cingisisa nzulu ngezinto ozifundayo ngendalo kule nto ityhilwe nguThixo kwi–Genesis 1:1–25; Moses 2:1–25; kunye no–Abraham 4:1–25. Yintoni oyiphawulayo efanayo kwezi ngxelo zilandelayo? Yintoni oyibonayo ukuba yahlukile? Zeziphi iingcinga onazo ngoBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu njengokuba ufunda malunga neNdalo?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 101:32–34.

Umfanekiso
inyikima ebonisa amanqanaba ahlukeneyo endalo

Indalo, nguJoan Hibbert Durtschi

Genesis 1:27–28; 2:18–25; Moses 3:18, 21–25; Abraham 5:14–19

Umtshato phakathi kwendoda kunye nomfazi umiselwe nguThixo.

“U–Adam no-Eva babezimanyene emtshatweni ixesha kunye naphakade ngamandla [o]kubingelela okungenasiphelo” (Russell M. Nelson, “Lessons from Eve,” Ensign, EyeNkanga. 1987, 87). Kutheni le nyaniso ibalulekile ukuyazi? Cinga nzulu ngalento njengoko ufunda Genesis 1:27–28; 2:18–25; Moses 3:18, 21–25; kunye no–Abraham 5:14–19. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngomtshato ngaphakathi kwesicwangciso sikaThixo, funda kwaye ucamngce ngezixhobo ezidweliswe ngezantsi. Ingaba ezi zixhobo zikushukumisela ukuba wenze ntoni ukuphucula umtshato wakho okanye ulungiselele umtshato kwixa elizayo?

Bona kwakhona Mateyu 19:4–6; 1 KwabaseKorinte 11:11; “The Family: A Proclaimation to the World,” ChurchofJesusChrist.org.

Genesis 2:2–3; Moses 3:2–3; Abraham 5:2–3

UThixo wasikelela kwaye wawungcwalisa umhla weSabatha.

UThixo wenze umhla weSabatha ukuba ungcwele, kwaye usicela ukuba siwugcine ungcwele. UMdala uDavid A. Bednar ufundisile, “ISabatha lixesha likaThixo, ixesha elingcwele elibekelwe bucala ukuba simnqule Yena kwaye samkele kwaye sikhumbule izithembiso zaKhe ezinkulu kunye nezixabisekileyo” (“Exceeding Great and Precious Promises,” Liyahona EyeNkanga 2017, 92). Ungayisebenzisa njani le ngxelo kunye no–Genesis 2:2–3; Moses 3:2–3; okanye Abraham 5:2–3 ukucacisela umntu ukuba kutheni ukhetha ukuhlonela usuku lweSabatha? INkosi ikusikelele njani ngokugcina usuku lwaYo lungcwele?

Bona kwakhona Isaya 58:13–14; IMfundiso neMinqophiso 59:9–13.

Umfanekiso
family study icon

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 1:1–25; Moses 2:1–25; Abraham 4:1–25.Unokwenza njani ukuba ukufunda malunga neNdalo kubemnandi kusapho lwakho? Ungathatha usapho lwakho kukhangelo lwangaphandle lweentlobo zezinto ezenziwa ngexesha ngalinye lebali leNdalo, ezinje ngeenkwenkwezi, imithi, okanye izilwanyana. Unokubonisa imifanekiso yezinto ezenziweyo ngexesha ngalinye kwaye ucele amalungu osapho ukuba alungelelanise imifanekiso emva kokufunda enye yeengxelo zeNdalo kunye. Ezi zinto zendalo zisifundisa ntoni ngoBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu?

Genesis 1; Moses 2; Abraham 4.Enye indlela yokufikelela kwibali leNdalo kukumema usapho lwakho ukuba lufumane ukuba kuzizihlandlo ezingaphi kwi–Genesis 1 okanye Moses 2 apho uThixo ubiza izinto azenzileyo “zilungile.” Oku kuthetha ntoni malunga nendlela esifanele siyiphathe ngayo indalo kaThixo—kubandakanya nathi buqu? Sifunda ntoni kwindlela ezi ziganeko zibizwe ngayo ku–Abraham 4?

Genesis 1:26–27; Moses 2:26–27; Abraham 4:26–27.Kutheni kubalulekile ukuba sazi ukuba sadalwa ngokomfanekiso kaThixo? Ichaphazela njani indlela esivakalelwa ngayo ngathi, nangabanye, kunye nangoThixo?

Ukuba unabantwana abancinci, unokufuna ukufunda kunye Moses 2:27 kwaye udlale umdlalo olula: Bonisa umfanekiso obonisa uBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu, onjengo umfanekiso 90 kwi–Incwadi Yobugcisa beVangeli (2009), kwaye ucele amalungu osapho ukuba atshintshisane akhombe kwinxalenye yomzimba kaBawo Osezulwini okanye umzimba kaYesu. Ke elinye ilungu losapho linokuthi likhombe kwakwelo lungu kwimizimba yabo.

Genesis 1:28; Moses 2:28; Abraham 4:28.“Umyalelo kaThixo wokuba abantwana baKhe bandise kwaye bawusebenzise umhlaba uhleli usasebenza” (“The Family: A Proclaimation to the World,” ChurchofJesusChrist.org). Amalungu osapho angadlala indima yokuchaza iinkolelo zethu ngalo mthetho kwabo bangayaziyo le nyaniso okanye abakholwayo ngokwahlukileyo.

Genesis 1:28; Moses 2:28; Abraham 4:28.Kuthetha ntoni “ukubusa … phezu kwayo yoke into eshukuma kuwo umhlaba”? (bona kwakhona IMfindiso neMinqophiso 59:16–21). Usapho lwethu lungalwenza njani uxanduva lwethu lokukhathalela umhlaba?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiweyo: “My Heavenly Father Loves Me,” Children’s Songbook, 228–29.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Masisebenziseni izibhalo ezingcwele ebomini bethu. Emveni kokufunda umhlathi kwizibhalo ezingcwele, mema amalungu osapho ukuba awusebenzise ebomini bawo. Umzekelo, isebenza njani Moses 3:1–3 ekugcineni kwethu iSabatha veki nganye? (Bona Teaching in the Savior’s Way, 21.)

Umfanekiso
UYesu Krestu emi phakathi kwamafu

The Creation (Indalo), ngu Annie Henrie Nader

Shicilela