ITestamente eNdala 2022
EyoMnga 27–EyoMqungu 2. Moses 1; Abraham 3: “Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam”


“EyoMnga 27 – EyoMqungu 2. Moses 1; Abraham 3: “Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam”’ Uze, uNdilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMnga 27 – EyoMqungu 2. Moses 1; Abraham 3,” Uze, uNdilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho 2022

Umfanekiso
umfanekiso weenkwenkwezi esithubeni

EyoMnga 27–EyoMqungu 2

Moses 1; Abraham 3

“Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam”

Njengoko ufunda izinto ezathethwa nguThixo kuMoses naku-Abraham, cingisisa ngento anokuba uyithetha kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

IBhayibhile iqala ngegama elithi “ekuqalekeni uThixo wadala izulu nomhlaba” (Genesis 1:1). Kodwa yintoni eyayilapho ngaphambili kwesi “siqalo”? Kwaye kutheni uThixo wadala konke oku? NgoMprofeti uJoseph Smith, Nkosi isikhanyisile ngale mibuzo.

Umzekelo, wasinika ingxelo yombono apho u-Abraham wabona ubukho bethu njengemimoya “phambi kokuba ihlabathi libekho;” (bona Abraham 3:22–28). INkosi isinike inguqulelo ephenjelelweyo okanye uhlaziyo lwezahluko ezintandathu zokuqala zeGenesis, ebizwa ngokuba yincwadi kaMoses—engaqali ngo “ekuqalekeni.” Endaweni yoko, iqala ngamava uMoses awanikeza umxholo webali elaziwayo leNdalo. Ngokudibeneyo, ezi zibhalo zemihla yokugqibela ziyindawo elungileyo yokuqalisa ukufunda iTestamente eNdala kuba zijongana neminye imibuzo esisiseko enokubeka ufundo lwethu: Ngubani uThixo? Singobani thina? Yintoni umsebenzi kaThixo, kwaye yintoni indawo yethu kuwo? Izahluko zokuqala zeGenesis zinokubonwa njengempendulo yeNkosi kwisicelo sikaMoses: “Yiba nenceba kumkhonzi wakho, Thixo, kwaye undixelele malunga nomhlaba, nabemi bawo, kunye namazulu” (Moses 1:36).

Umfanekiso
Learn More image
Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Moses 1

Njengomntwana kaThixo, ndinekamva lobuthixo.

UMongameli Dieter F. Uchtdorf ufundisile, “Uninzi lokudideka esibanako kobu bomi buvela kukungaqondi ukuba singoobani” (“The Heavenly Reflection in the Water” [Church Educational System fireside for young adults, EyeNkanga. 1, 2009], ChurchofJesusChrist.org). UBawo oseZulwini uyayazi le nto, kwaye ke noSathana. Umyalezo wokuqala kaThixo kuMoses uquka iinyani “ungunyana wam” kwaye “ukwimfano yowam oKuphela koZelweyo;” (Moses 1:4, 6). Ngokwahlukileyo, uSathana wabiza uMoses “njengonyana womntu” (Moses 1:12). Buya kuba buhluke njani ubomi bakho kunye nezigqibo zakho ukuba ucinga ngesiqu sakho njengoSathana, njengo “nyana [okanye intombi] yomntu”? Ukwazi nokukhumbula ukuba ungumntwana kaThixo kubusikelela njani ubomi bakho?

Yeyiphi imiqolo okanye amabinzana ku Moses 1 ekunika uxabiso lwakho lobuthixo?

Umfanekiso
UYesu Krestu phakathi kweenkwenkwezi

Christ and the Creation (UKrestu kunye neNdalo) ngu Robert T. Barrett

Moses 1:12–26

Ndingamelana nempembelelo kaSathana.

Njengoko Moses1 ebonisa ngokucacileyo, amava anamandla okomoya akasikhuphi esilingweni. Ngapha koko, elinye lamaqhinga kaSathana kukusilinga ukuba sithandabuze loo mava okanye ukuba oko sikufunde kuwo. Xa ufunda ngempendulo kaMoses kuSathana ngaphakathi kwemiqolo 12–26, yintoni oyifundayo enokukunceda uhlale unyanisekile kubungqina obubufumeneyo? Yintoni ekuncedayo ukuba uxhathise ezinye izilingo zikaSathana? (bona, umzekelo, imiqolo 15 kunye 18).

Ngokusekelwe koko ukufundayo, unokwenza isicwangciso sokuxhathisa isilingo. Umzekelo, unokuyigqiba ingxelo ethi “Xa ndilingwa , ndiza .”

Bona kwakhona Mateyu 4:1–11; Hilamani 5:12; Gary E. Stevenson, “Deceive Me Not,” Liyahona, EyeNkanga. 2019, 93–96; “I Am a Son of God” (umboniso bhanyabhanya), ChurchofJesusChrist.org.

Moses 1:27–39; Abraham 3

Umsebenzi kaThixo kunye nozuko kukundinceda ukuba ndizuze ubomi obungunaphakade.

Emva kokubona umbono kwindalo kaThixo, uMoses wacela isicelo seNkosi: “Ndixelele … kutheni ezi zinto zinje” (Moses 1:30). Yintoni ekuchukumisayo malunga nokuphendula kweNkosi ku Moses 1:31–39?

UAbraham wayenembono naye, ebhalwe ku–Abraham 3. Yntoni ongayifumana kwimiqolo 22–26 enokunceda ukuphendula isicelo sikaMoses?

Cinga ngokudwelisa ezinye iinyani ezifundwe nguMoses no-Abraham kwimibono yabo: iinyani ngoThixo, ngabo, nangeenjongo zendalo kaThixo. Ezi nyaniso ziyichaphazela njani indlela ozijonga ngayo kunye nehlabathi elikujikelezileyo?

Bona futhi uDieter F. Uchtdorf, “You Matter to Him,” Liyahona, Nov. 2011, 19–22; Izihloko zeVangeli, “Premortality,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Abraham 3:22–23

Ingaba abanye ngaphandle kukaAbraham “bakhethwa ngaphambili [kokuba] bazalwe”?

“Kwilizwe lemimoya ngaphambili kokuphila, uThixo wamisela imimoya ethile ukuba izalisekise uthumo oluthile ebomini bayo. Oku kubizwa ngokuba kukumiselwa kwangaphambili. … Imfundiso yokumiselwa kusengaphambili isebenza kuwo onke amalungu eBandla, kungekuphela nje kuMsindisi nakubaprofeti baKhe” (Izihloko Zevangeli, “Foreordination,” topics.ChurchofJesusChrist.org).

Sizifumene njani iincwadi zikaMoses noAbraham?

Incwadi kaMoses yinxalenye yokuqala yeenguqulelo eziphenjelelweyo zikaJoseph Smith zokuguqulela iBhayibhile. Incwadi ka-Abraham yatyhilwa kuJoseph Smith ngexesha awayesebenza ngalo ne-papyri yaseYiphutha. Ezi ncwadi, ezifunyanwa namhlanje kwiPerile yeXabiso eliKhulu, zinika ulwazi oluninzi malunga noMoses, nango-Abraham, nangabanye abaprofeti abangafumaneki kwiTestamente eNdala. Ukuze ufunde ngakumbi malunga nokuba sizifumene njani ezi ncwadi, bona “Joseph Smith Transation of the Bible” (Izihloko Zembali yeCawa, ChurchofJesusChrist.org/study/history/topics) kunye “Translation and Historicity of the Book of Abraham” (Izihloko Zevangeli, topics.ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Moses 1:2–6; Abraham 3:11–12.Ungamema amalungu osapho akhangele amabinzana kwingoma “I Am a Child of God” (Children’s Songbook, 2–3) ahambisa kunye neenyaniso ezifundiswa kwezi zibhalo zingcwele.

Moses 1:4, 30–39.Ingaba usapho lwakho lungakonwabela ukujonga eminye “yomsebenzi wezandla [zikaThixo]”? (umqolo 4). Mhlawumbi ungafunda le miqolo kwiphakhi okanye phantsi kweenkwenkwezi ebusuku. Unokuthetha ke ngesizathu sokuba uThixo adale umhlaba, nokuba sithatha inxaxheba njani “umsebenzi künye (lwaKhe) nozuko.” (umqolo 39).

Moses 1:18.Zeziphi iingcebiso esingazaba ukuncedana “sigwebe phakathi” koThixo noSathane? (Bona futhi Moronayi 7:12–18; IMfundiso neMinqophiso 50:23–24,)

Abraham 3:24–26.Unokunika amalungu osapho umsebenzi owonwabisayo kodwa ocel’ umngeni obavumela ukuba babonise ukuba banako ukulandela imiyalelo, njengokusonga inqwelo-moya yephepha okanye ukulandela iresiphi. Ingaba lo msebenzi uhambelana njani nenjongo yobomi bethu bokufa njengoko kuchaziwe kule miqolo?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiweyo: “I Am a Child of God,” Children’s Songbook, 2–3.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela iinyani zevangeli. Kwizibhalo, ngamanye amaxesha iinyaniso zevangeli zichazwa ngqo; ngamanye amaxesha zichazwa ngomzekelo okanye ibali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo?”

Umfanekiso
UMoses uyalela uSathana ukuba emke

Moses Overcomes Satan (Moses woyisa uSathana), ngu Joseph Brickey

Shicilela