ITestamente eNdala 2022
EyeThupha 8–14. IiNdumiso 1–2; 8; 19–33; 40; 46: “UYehova nguMalusi Wam”


“EyeThupha 8–14. IiNdumiso 1–2; 8; 19–33; 40; 46: ‘UYehova nguMalusi Wam,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeThupha 8–14. IiNdumiso 1–2; 8; 19–33; 40; 46, ” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
UYesu ehamba nezimvu

The Lord Is My Shepherd, nguYongsung Kim, havenlight.com (UYehova nguMalusi Wam)

EyeThupha 8–14

IiNdumiso 1–2; 8; 19–33; 4046

“UYehova nguMalusi Wam”

Ungazivi ulinganiselwe ekukhetheni iiNdumiso okanye imigaqo ephakanyisiweyo kwesi sishwankathelo. Vumela uMoya ukukhokelele kwiinyaniso ezikunceda uzive usondele eNkosini.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Asazi ngokuqinisekileyo ukuba ngubani owabhala iiNdumiso. Ezinye zibhekiswa kuKumkani uDavide, kodwa kuninzi lwazo, ababhali bahlala bengaziwa. Kodwa emva kokufunda iiNdumiso, sinokuziva ngathi siyazazi iintliziyo zaBadumisi, nokuba asiwazi amagama abo. Into esiyaziyo kukuba iiNdumiso zaziyinxalenye ebalulekileyo yonqulo phakathi kwamaSirayeli, kwaye siyazi ukuba uMsindisi wayezicaphula rhoqo. KwiiNdumiso, sifumana ifestile yokuphakathi emphefumlweni wabantu bakaThixo bamandulo. Sibona indlela ababeziva ngayo ngoThixo, izinto ezazibaxhalabisa, kunye nendlela ababefumana ngayo uxolo. Njengamakholwa namhlanje, kwihlabathi liphela, sisawasebenzisa la magama kunqulo lwethu kuThixo. Ababhali beeNdumiso kubonakala ngathi babenefestile kweyethu imiphefumlo kwaye kubonakala ngathi bafumana indlela yokuchaza indlela esivakalelwa ngayo ngoThixo, izinto ezisixhalabisayo, kunye nendlela esilufumana ngayo uxolo.

Ngoshwankathelo lwencwadi yeeNdumiso, bona “IiNdumiso ” kwiSichazi-magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IiNdumiso 1; 23; 26–2846

IiNdumiso zisifundisa ukuthembela kwiNkosi.

Usenokuqaphela xa ufunda iiNdumiso ukuba kukaninzi kanjani ababhali bevakalisa ngoloyiko, nangosizi, okanye ngexhala. Ziqhelekile iimvakalelo ezinjalo, nakubantu bokholo. Kodwa eyona nto eyenza ukuba iiNdumiso ziphembelele zizisombululo ezinikeza ngazo, kuquka nokuthembela ngokupheleleyo eNkosini. Cingisisa ngale miyalezo iphembelelayo njengoko ufunda IiNdumiso 1; 23; 26–2846. Khangela oku kulandelayo, kwaye ubhale phantsi oko ukufumanayo:

  • Izimemo zokuthemba iNkosi:

  • Amagama awachaza iNkosi:

  • Amagama awachaza uxolo, nokomelela, kunye nezinye iintsikelelo Yona ebonelela ngazo:

  • Amagama awachaza abo bathembile Yona:

IiNdumiso 222

IiNdumiso zalathisa iingqondo zethu kubomi nakulungiselelo lukaYesu Krestu.

IiNdumiso eziliqela zalatha kubomi basemhlabeni bukaYesu Krestu. AmaKrestu kumaxesha eTestamente eNtsha alubonile olu nxibelelwano nawo—umzekelo, ayebona kuyo IiNdumiso 2 oko kwakubhekisa kwizilingo zikaYesu phambi koKumkani uHerode noPontiyo Pilato (bona IZenzo 4:24–30). Cingisisa ngokufunda IiNdumiso 2 kunye no-22 kwakunye no-Mateyu 27:35–46; Luka 23:34–35; kunye noYohane 19: 23–24. Khangela unxibelelwano phakathi kwamagama akwezi ndumiso kunye nobomi boMsindisi, kwaye uqhubeke nokukhangela unxibelelwano olufanayo njengoko ufunda incwadi yeeNdumiso kwezi veki zimbalwa zilandelayo.

Khawufane ucinge ukuba wawungumYuda ngexesha likaYesu owayeqhelene neeNdumiso kwaye wabona unxibelelwano kubomi boMsindisi. Ingaba olu lwazi lwalungaba yintsikelelo kanjani kuwe?

Bona futhi IiNdumiso 31:5; 34:20; 41:9; Luka 24:44; AmaHebhere 2:9–12.

IiNdumiso 8; 1933

“Lizele ihlabathi yinceba kaYehova.”

Ukufunda IiNdumiso 8; 19; kunye no-33 kunokukuphembelela ukuba uqwalasele indalo eninzi emangalisayo yeNkosi. Nika ingqalelo kwiingcinga kunye neemvakalelo zakho njengoko usenza. Ingaba indalo yeNkosi “ilibalisa njani uzuko lukaThixo” kuwe? (IiNdumiso 19:1).

IiNdumiso 19:7–1129

Ilizwi leNkosi linamandla, “livuyisa intliziyo.”

KwiiNdumiso, amagama afana nobungqina, imimiselo, umyalelo, kunye nemigwebo anokubhekisa kwilizwi leNkosi. Gcina loo nto engqondweni njengoko ufunda IiNdumiso 19:7–11. Ibonisa ntoni le miqolo kuwe ngelizwi leNkosi? Ingaba IiNdumiso 29 zikufundisa malunga nelizwi laYo? Emaveni akho, ingaba izwi okanye ilizwi leNkosi lalingqamane njani nezi nkcazelo?

Umfanekiso
ITempile yaseConcepción Chile

Kufuneka sicoceke ngokomoya kwaye sibenyulu ukuze singene kubukho beNkosi.

IiNdumiso 24; 26–27

Ukungena kubukho beNkosi kufuna ubunyulu.

Ngenxa yokuba itempile yaseYerusalem yayakhiwe phezu kwenduli, ibinzana elithi “intaba kaYehova” (IiNdumiso 24:3) linokubhekisa kwitempile okanye kubukho bukaThixo. Yongeza ntoni le nto ekuqondeni kwakho kwe-IiNdumiso 24? Kuthetha ntoni kuwe ukuba “ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu”? (IiNdumiso 24:4).

IiNdumiso 26 kunye no-27 zikufundisa ntoni malunga nendlu yeNkosi?

Bona futhi IiNdumiso 15.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IiNdumiso 22.Ngelixa elinye ilungu losapho lifunda le ndumiso, amanye anokukhangela izinto ezifanayo kuMateyu 27:35–46. Emva koko anokwabelana ngeemvakalelo zawo malunga noYesu Krestu nangedini laKhe awalenzela thina.

IiNdumiso 23.IiNdumiso 23 yayiyimpembelelo yamaculo aliqela, awafana nala “The Lord Is My Shepherd” kunye no “The Lord My Pasture Will Prepare” (Hymns, nos. 108, 109). Mhlawumbi usapho lwakho lungathanda ukucula elinye lalamaculo kwaye luqaphele amagama awakwindumiso awasenokuba aphembelela amazwi awo. Okanye angakonwabela ukuzoba imifanekiso yento awayifumene kwindumiso okanye kwiculo kwaye avumele amalungu osapho ukuba aqajisele imiqolo okanye amazwi awahamba nemifanekiso. Ingaba uMsindisi unjengomalusi kanjani kuthi?

IiNdumiso 24:3–5.Ukugxininisa ukubaluleka kokuba nezandla ezicocekileyo kunye nentliziyo esulungekileyo, ninokufunda IiNdumiso 24:3–5 ngelixa amalungu osapho ehlamba izandla zawo. Ziintoni ezinokumelwa zizandla kule ndumiso? Ingaba izekelisa ntoni intliziyo? Yintoni esinokuyenza ukucoca izandla zethu kunye nokucoca iintliziyo zethu?

IiNdumiso 30:5, 11.IiNdumiso 30:5 iqulethe isithembiso sokuba “ngokuhlwa kulalisa ukulila, kusasa kubakho ukumemelela.” INkosi iluguqule njani usizi lwethu lwaba luvuyo? Amanye amalungu osapho angakonwabela ukulinganisa into umqolo 11 owuyicacisayo.

IiNdumiso 33.Qaphela ukuba igama konke lisetyenziswa kangaphi kule ndumiso. Sifunda ntoni ngeNkosi ngokusetyenziswa okuphindaphindiweyo kweli gama, ngakumbi kuyo imiqolo 13–15?

IiNdumiso 46:10.Nisenokwenza into kunye efuna ukuba amalungu osapho “athi cwaka.” Ukuhlala sizolile kungasinceda njani ukuba simazi uThixo? Ngawaphi amathuba esinawo okuzola size simazi uThixo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.-

Iculo elicetyiswayo: “The Lord Is My Shepherd,” Hymns, no. 108.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yila ngobuchule. Izibhalo ezifana neeNdumiso zihlala ziphembelela abantu ukuba badumise iNkosi ngeendlela eziyilwe ngobuchule. Ukuba uziva uchukunyiswa ukuba uvakalise ukuzinikela kwakho ngomculo, ngemibongo, ngobugcisa obubonwayo, okanye ngenye indlela, thatha amanyathelo ngezo mvakalelo. Cingisisa ngokwabelana ngento oyenzayo ukunceda abanye bakhe ukholo kuBawo oseZulwini nakuYesu Krestu.

Umfanekiso
UYesu uthwele igusha emagxeni

The Good Shepherd, nguKen Spencer (UMalusi Olungileyo)

Shicilela