ITestamente eNdala 2022
Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda Imibongo kwiTestamente eNdala


“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda Imibongo kwiTestamente eNdala,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda Imibongo kwiTestamente eNdala,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga

Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni

Ukufunda Imibongo kwiTestamente eNdala

Kwiincwadi zeTestamente eNdala eziza phambi kwencwadi kaYobhi, sifumana ubuninzi bamabali—iingxelo zamabali ezichaza iziganeko zembali ezivela kwimbono yokomoya. UNowa wokha ityeya, uMoses wakhulula uSirayeli, uHana wathandazela ukubanonyana, kunye nanjalo njalo. Ekuqaleni koYobhi, sifumana isimbo esahlukileyo sokubhala, njengoko ababhali beTestamente eNdala baye bajikela kulwimi lwemibongo ukuvakalisa iimvakalelo ezinzulu okanye iziprofeto ezibaluleke kakhulu ngendlela ekhumbulekayo.

Sesiyibonile imizekelo embalwa yemibongo inkcenkceshelwe kuzo zonke iincwadi zembali zeTestamente eNdala. Kwaye ukusuka kwincwadi kaYobhi ukuya phambili, siya kubona uninzi lwayo. Iincwadi zikaYobhi, IiNdumiso, nemiZekeliso phantse zonke zibe yimibongo, njengokufana neenxalenye zemibhalo yabaprofeti abafana no-Isaya, noYeremiya, kunye no-Amos. Ngenxa yokuba ukufunda imibongo kwahlukile ekufundeni ibali, ukuyiqonda kusoloko kufuna indlela eyahlukileyo. Nazi ezinye iingcinga ezingenza ukufunda kwakho kwemibongo yeTestamente eNdala kube nentsingiselo engakumbi.

Ukwazi Imibongo yesiHebhere

Okokuqala, kusenokunceda ukugcina engqondweni ukuba imibongo yesiHebhere ekwiTestamente eNdala ayisekelwanga phezu kwesingqi, njengezinye iintlobo zemibongo. Nangona isingqi, udlaliso lwamagama, kunye nophinda-phindo lwezandi ziziimpawu eziqhelekileyo zemibongo yesiHebhere samandulo, iintsingiselo zazo aziguquleki kwezinye iilwimi kakuhle. Uphawu olunye oya kuluqaphela, ngokunjalo, luphinda-phindo lweengcinga nezimvo, ngamanye amaxesha olubizwa “ukufana.” Lo mqolo ophuma ku-Isaya uqulethe umzekelo nje olula:

  • Nxiba amandla akho, Ziyon;

  • nxiba iingubo zakho zokuhomba , Yerusalem (Isaya 52:1).

INdumiso yama-29 yona inemigca emininzi efanayo—nanku umzekelo omnye:

  • Izwi likaYehova linamandla;

  • izwi likaYehova linobungangamela (IiNdumiso 29:4).

Nanku umzekelo apho ekwazini ukuba umgca wesibini uyafana nowokuqala kwenza lo mhlathi uqondeke ngokulula.

  • Kananjalo mna ndininike ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke,

  • nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke (Amos 4:6).

Kule mizekelo, uluvo luyaphindaphindwa ngomahluko nje omncinane. Le nkqubo ingagxininisa uluvo oluphindaphindiwe xeshikweni isebenzisa umahluko ukuluchaza ngokupheleleyo okanye ukuluphuhlisa ngokupheleleyo.

Kwezinye iindawo, amabinzana awafanayo asebenzisa ulwimi olufanayo ukugqithisa izimvo ezahlukeneyo, njengakulo mzekelo:

  • Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu:

  • ilizwi elidubulayo linyusa umsindo (ImiZekeliso 15:1).

Oku kufana akwenzekanga ngempazamo. Ababhali bakwenza ngabomu. Kwakubavumela ukuba bavakalise iimvakalelo zokomoya okanye iinyaniso ngendlela eyayikhangeleka kubo inamandla kwaye intle. Ngoko ke xa uqaphela ukufana okukwizibhalo zeTestamente eNdala, zibuze ukuba kukunceda njani ukuba uqonde umyalezo wombhali. Umzekelo, ingaba yintoni u-Isaya awayezama ukuyitsho ngokuxhulumanisa “amandla” kunye “neengubo zokuhomba” kwakunye “neZiyon” kunye “neYerusalem”? (Isaya 52:1). Yintoni esinokuyenza ngebinzana “impendulo ethambileyo” ukuba besisazi ukuba “ilizwi elidubulayo” sisichaso salo? (ImiZekeliso 15:1).

Umfanekiso
indoda ibhala kwincwadi esongwayo

He Restoreth My Soul, nguWalter Rane (Uyawubuyisa Umphefumlo Wam)

Imibongo yesiHebhere njengoMhlobo Omtsha

Kusenokuba luncedo kuwe ukuthelekisa ukufunda imibongo kwakunye nokuhlangana nomntu omtsha. Umzekelo, usenokuthelekisa ukufunda imibongo yeTestamente eNdala kunye nokuhlangana nomntu omtsha ovela kwilizwe elikude nakwinkcubeko yelinye ilizwe ongathethi ulwimi olufanayo nolu siluthethayo—kwaye oneminyaka engaphezulu kweminyaka engamawaka amabini ngobudala. Lo mntu mhlawumbi uya kutsho izinto esingaziqondiyo ekuqaleni, kodwa oko akuthethi ukuba akananto ixabisekileyo anokusixelela yona. Ngomonde kunye nangemfesane, umhlobo wethu omtsha ekugqibeleni angaba ngumhlobo othandekayo. Sidinga nje ukuba sichithe ixesha elithile kunye, sizame ukubona izinto ngakwicala lakhe lembono. Sisenokufumana nasezintliziyweni zethu ukuba siyaqondana kakuhle.

Ngoko ke ixesha lokuqala lokufunda umhlathi ovela ku-Isaya, ngokomzekelo, lithathe njengokuzazisa kwakho kokuqala kumhlobo omtsha. Zibuze oku, “Luthini uluvo lwam ngokubanzi?” Ingaba lo mhlathi ukwenza uzive kanjani—nkqu nokokuba awuqondi kwamagama onke? Wufunde kwakhona, amaxesha aliqela ukuba kuyenzeka. Abanye abantu bafumana intsingiselelo eyongezelelweyo ngokufundela imihlathi phezulu. Qaphela amagama awathile u-Isaya awawakhethayo, ngakumbi amagama awakuzobela umfanekiso engqondweni. Ingaba le mifanekiso ikwenza uzive njani? Icebisa ntoni le mifanekiso malunga nendlela awayeziva ngayo u-Isaya? Njengoko ufunda amazwi weembongi zeTestamente eNdala ngakumbi, uya kufumana ngakumbi ukuba babekhetha amazwi wabo ngabomu kunye neenkqubo zabo ukuvakalisa umyalezo onzulu wokomoya.

Imibongo ingabangabahlobo abamangalisayo ngenxa yokuba isinceda ukuba siqonde iimvakalelo zethu kunye namava wethu. Imibongo yeTestamente eNdala imnandi ngakumbi, kuba isinceda siqonde iimvakalelo zethu ezibalulekileyo kunye namava wethu abalulekileyo—lawo anento yokwenza nobudlelwane bethu noThixo.

Njengoko ufunda imibongo kwiTestamente eNdala, khumbula ukuba ufundo lwezibhalo ezingcwele luxabiseke kakhulu xa lukhokelela kuYesu Krestu. Khangela iimpawu, nemifanekiso, kunye neenyaniso ezakha ukholo lwakho kuYe. Mamela kuchukumiso loMoya oyiNgcwele njengoko ufunda.

Uncwadi loBulumko

Icandelo elinye lemibongo yeTestamente eNdala leli abafundiswa balibiza “uncwadi lobulumko.” UYobhi, ImiZekeliso, iNtshumayeli ziwela phantsi kweli candelo. Xeshikweni iindumiso zivakalisa iimvakalelo zokudumisa, zokuzila, nezokunqula, uncwadi lobulumko luqwalasele kwingcebiso engaphelelwa xesha okanye kwimibuzo enzulu, neyobulumko. Incwadi kaYobhi, ngokomzekelo, ihlola ubulungisa bukaThixo kunye nezizathu ezibangela ukuhlupheka kwabantu. ImiZekeliso inika ingcebiso ngendlela yokuphila kakuhle, kuquka neentetho zobulumko eziqokelelweyo kwaye zaze zagqithiswa phantsi kwizizukulwana ngezizukulwana. Kwaye iNtshumayeli ibangela ukuba kubuzwe injongo yobomi bayo buqu—xa yonke into ibonakala ngathi iyadlula kamsinya kwaye iyazenzekela, siyifumana phi intsingiselo yokwenene? Usenokucinga ngoncwadi lobulumko njengeencoko ezinovelwano nabacebisi abaphembelelekileyo abafuna ukwabelana ngoqwalaselo malunga noThixo kunye nehlabathi Yena alidalileyo—kwaye mhlawumbi bakuncede uqonde ezi zinto ngokungcono kancinane kunangaphambili.

Shicilela