ITestamente eNdala 2022
EyeThupha 15–21. IiNdumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86: “Ndinixelele Oko Akwenzele Umphefumlo Wam”


“EyeThupha 15–21. IiNdumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86: ‘Ndinixelele Oko Akwenzele Umphefumlo Wam,’” Uze, Undilandle—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeThupha 15–21. IiNdumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYesu ebambe isibane

Saving That Which Was Lost, nguMichael T. Malm (Ukusindisa Oko Kulahlekileyo)

EyeThupha 15–21

IiNdumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86

“Ndinixelele Oko Akwenzele Umphefumlo Wam”

Esi sishwankathelo siqaqambisa ezinye izihloko zeemfundiso ezithethwa kwezi ndumiso. Njengoko ufunda, amagama athile, nemifanekiso ethile, okanye iingcinga ezithile zisenokubaluleka kuwe. Yintoni oyiva ukuba iNkosi izama ukukufundisa?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ababhali beeNdumiso babelana ngeemvakalelo zabo zobuqu kwizibongo zabo. Baye babhala ngokuziva betyhafile, ngokoyika, kwakunye nangokuzisola. Ngamanye amaxesha, baye babonakale ngathi baziva beshiyiwe nguThixo, kwaye ezinye iindumiso zivakalisa iimvakalelo zodandatheko okanye zokuphelelwa lithemba. Ukuba wawukhe wabanazo iimvakalelo ezilolu hlobo, ukufunda iiNdumiso kungakunceda wazi ukuba ayinguwe wedwa qha. Kodwa uya kukwafumana iindumiso ezingakukhuthaza xa uneemvakalelo ezinjalo, kuba abadumisi babedumisela iNkosi ngenxa yokulunga kwaYo, babemangaliswa ngamandla aYo, kwaye babevuya encebeni yaYo. Babesazi ukuba ihlabathi ligutyungelwe bububi kunye nesono kodwa iNkosi “ulungile wena, uxolela” (IiNdumiso 86:5). Babeqonda ukuba ukubanokholo eNkosini akuthethi ukuba awungekhe usokole ngexhala, nesono, okanye ngoloyiko. Kuthetha ukuba wena uyazi ukuba unokuguqukela kuBani na xa udinga oko.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IiNdumiso 49; 62:5–12

Ukukhululwa kuza ngoYesu Krestu kuphela.

IiNdumiso 49 inomyalezo wabo “nina zityebi,nani mahlwempu kunye” (umqolo 2). Yintoni ubungayitsho ukuba lo myalezo uyiyo? Yintoni oyiva ukuba IiNdumiso 62:5–12 iyongeza kuloo myalezo?

Ukufunda ezi ndumiso kusenokukuchumisa ukuba ucinge nzulu ngeendlela abanye abantu ababeka ngazo ithemba labo kwezinye izinto kunokuba balibekele inkululo kuThixo (bona IiNdumiso 49:6–7). Ingaba ubomi bakho buphenjelelwa kanjani bubungqina bokokuba “uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo”? (umqolo 15).

Bona futhi ImiZekeliso 28:6; Alma 34:8–17.

IiNdumiso 51; 85–86

Ngenxa yenceba yoMsindisi, ndingaxolelwa izono zam.

Izibongozo zenceba kwi-IiNdumiso 51 zibhekiswa kuKumkani uDavide, owayenetyala lokukrexeza kunye nokubulala (bona 2 Samuweli 11). Nkqu naxa izono zethu zingekho ngqongqo kangako, singahlobana nemfuno yenceba evakaliswa kule ndumiso. Singafunda okuthile malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuguquka. Umzekelo, ngawaphi amagama okanye amabinzana kwi-IiNdumiso 51 awakufundisa malunga nempatho esiyidingayo ukuze siguquke? Yintoni oyifundayo malunga nesiphumo seNtlawulelo yoMsindisi ongabanaso ebomini bakho?

Usenokubuza imibuzo efanayo njengoko ufunda IiNdumiso 85–86. Ungakhangela amabinzana awachaza iNkosi. Ingaba la mabinzana alomeleza njani ukholo lwakho lokokuba Yona iya kukuxolela? (bona, umzekelo, IiNdumiso 86:5, 13, 15).

Bona futhi Alma 36.

IiNdumiso 51:13–15; 66:16–17; 71:15–24

Ubungqina bam bukaYesu Krestu bungabanceda abanye beze kuYe.

Cinga nzulu ngendlela wena owazuza ngayo obakho ubungqina bukaYesu Krestu kunye namandla waKhe ahlawulelayo. Ngoko ke, njengoko ufunda IiNdumiso 51:13–15; 66:16–17; 71:15–24, cinga ngokuba ungamema abanye njani ukuba “yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo” (IiNdumiso 66:5). Kuthetha ukuthini kuwe “ukuxela ubulungisa [baKhe] imini yonke”? (IiNdumiso 71:24). Ingaba uya kubaxelela njani abanye ukuba “oko akwenzele umphefumlo [wakho]”? (IiNdumiso 66:16).

Bona futhi Mozaya 28:1–4; Alma 26.

Umfanekiso
abafana ababini abancinane bencokola

Singabelana nabanye ngobungqina bethu boko iNkosi ithe yasenzela kona.

IiNdumiso 63; 69; 77–78

INkosi iya kundinceda ngexesha lam lemfuno engxamisekileyo.

Iindumiso eziliqela zichaza, ngolwimi olucacile gca, ukuba kuvakala njani ukubaqelele noThixo kwakunye nokufuna ngamandla uncedo lwaKhe. Usenokucingisisa ngokukhangela ezi nkcazelo kwi-IiNdumiso 63:1, 8; 69:1–8, 18–21; 77:1–9. Yintoni oyifumana kwi-IiNdumiso 63; 69; 77–78 eyathi yanika aba badumisi ingqinisekiso kwakhona?

Xa unxunguphele, kukunceda kanjani ukuba “ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova” kunye “nemisebenzi yaKhe ebalulekileyo yamandulo”? (IiNdumiso 77:11). Eminye yaloo misebenzi ebalulekileyo ichazwa kwi-IiNdumiso 78. Njengoko ufunda ngayo, cinga nzulu ngoko kukunceda [woyame] ngoThixo” (umqolo 7). Ngawaphi amava awaphuma kwimbali yosapho lwakho awakuphembelelayo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IiNdumiso 51:17.Cingisisa nendlela ongafundisa ngayo usapho lwakho malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuba nentliziyo eyaphukileyo. Ngokomzekelo, amalungu osapho angatshintshisana ngokuvula into ethile eneqokobhe eliqinileyo, efana neqanda okanye amantongomane. Ingaba iintliziyo zethu ngamanye amaxesha zifana kanjani nelo qokobhe? Singayivulela kanjani iNkosi iintliziyo zethu? Ukufunda IiNdumiso 51 kunye kusenokusibonelela ngeengcinga ezithile.

IiNdumiso 61:2–3.Amalungu osapho asenokonwabela ukuzoba imifanekiso yeempawu ezikule miqolo kwaye axoxe ngokokuba uYesu Krestu ufana kanjani “neliwa,” eliphezulu “nehlathi [lethu],” kunye “nenqaba ende.”

IiNdumiso 71:17; 78:5–7.Yintoni iNkosi efuna ukuba ‘niwazise … oonyana benu”? (IiNdumiso 78:5). Mhlawumbi ilungu ngalinye losapho lingabelana ngomzekelo “wemisebenzi ebalulekileyo” yeNkosi, efana nebali lezibhalo ezingcwele, amava, okanye ubungqina bobuqu, awanceda “ayame ngoThixo” (IiNdumiso 71:17; 78:7).

IiNdumiso 72.IiNdumiso 72 yayibhalwe nguDavide ngonyana wakhe uSolomon, kodwa uninzi lwayo lungasebenza nakuYesu Krestu. Njengoko usapho lwakho lufunda le ndumiso, lungabamba luphakamise umfanekiso woMsindisi xa lufumana imiqolo elukhumbuza ngoYesu Krestu. Ingaba singanceda njani sizalisekise umnqweno wokokuba “lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe”? (IiNdumiso 72:19; bona futhi IMfundiso neMinqophiso 65:2).

IiNdumiso 85:11. Lo mqolo ungaphembelela ingxoxo emalunga neziganeko zeMbuyiselo yevangeli—indlela iNcwadi kaMormoni eyinyaniso ngayo “[yantshula] emhlabeni” kwakunye nendlela izithunywa zasezulwini zehlile “emazuwlini” (bona futhi Moses 7:62). ­

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwiCome, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Need Thee Every Hour,” Hymns, no. 98.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa okwahluka-hlukeneyo. “Khangela iindlela ongongeza ngazo okwahluka-hlukeneyo kwiinzame zakho zokufundisa ivangeli. Ukwenza njalo kuya kongeza ubutyebi kunye nobuhle emaveni. … Cingisisa ngendlela ongasebenzisa ngayo umculo, amabali, imifanekiso, kunye nezinye iintlobo zobugcisa ezingamema ngayo uMoya (Teaching in the Savior’s Way, 22).

Umfanekiso
indoda iguqe phambi koYesu

Doubt Not, Thomas, nguJ. Kirk Richards (Ungathandabuzi, Tomas)

Shicilela