ITestamente eNdala 2022
EyeThupha 1–7. Yobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–40; 42: “Ndolindela kuYe”


“EyeThupha 1–7. Yobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–40; 42: ‘Ndolindela kuYe,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho:iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeThupha 1–7. Yobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–40; 42,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
amadoda amathathu ethetha nendoda emhlabeni

The Judgments of Job, nguJoseph Brickey (Izigwebo zikaYobhi)

EyeThupha 1–7

Yobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–4042

“Ndolindela kuYe”

Njengokuba ufunda ngoYobhi, uMoya uya kukukhokela ufumane iinyaniso ezibalulekileyo ezihambelana nawe. Bhala phantsi oko ukufumeneyo, kwaye ucingisise ngendlela ezi nyaniso ezisebenza ngayo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kungokwemvelo ukuzibuza ukuba kutheni izinto ezimbi zisehlela abantu abalungileyo—okanye ngako oko, kutheni izinto ezintle zisenzeka kubantu abangalunganga. Kutheni le nto uThixo, onobulungisa, ekuvumela oko? Imibuzo efana nale iphononongwa ngamava kaYobhi, omnye wabo bantu balungileyo ewathi kwenzeka kubo izinto ezimbi. Ngenxa yezilingo zikaYobhi, abahlobo bakhe babezibuza ukuba wayelungile na emveni kwako konke. UYobhi waqinisekisa ubulungisa bakhe kwaye wazibuza ukuba ingaba uThixo unobulungisa emveni kwako konke. Kodwa nangona wayebandezelekile kwaye ezibuza, uYobhi wayigcina ingqibelelo yakhe kunye nokholo lwakhe kuYesu Krestu. Kwincwadi kaYobhi, ukholo luyabuzwa kwaye luyavavanywa kodwa alulahlwa ngokupheleleyo. Oko akuthethi ukuba yonke imibuzo iyaphendulwa. Kodwa incwadi kaYobhi ifundisa ukuba ide iphendulwe, imibuzo kunye nokholo zinokuhlala kunye, nokuba kwenzeka ntoni okwangoku, singathi ngeNkosi yethu, “Ndolindela kuYe” Yobhi 13:15).

Ngesishwankathelo ngencwadi kaYobhi, bona “Yobhi” kwiSikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
Learn More image
Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yobhi 1–3; 12–13

Ukuthemba kwam uBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu kungandinceda ukuba ndihlale ndithembekile kuzo zonke iimeko.

Izahluko zokuqala zikaYobhi zenzelwe ukugxininisa indima kaSathana njengotshaba okanye umtyholi wethu, hayi ukuchaza indlela uThixo noSathana abasebenzisana ngayo. Njengoko ufunda amabango kaSathana malunga noYobhi (bona Yobhi 1:9–11; 2:4–5), usenokucinga ngokuba kungathethwa okufanayo na ngawe. Usenokuzibuza, Zeziphi izizathu endinazo zokuhlala ndithembekile kuThixo? Cingisisa ngezilingo awazinikwayo uYobhi neempendulo zakhe (bona Yobhi 1:20–22; 2:9–10). Ufunda ntoni kuye enokukunceda uphendule kwimicelimngeni yakho?

Nangona uYobhi wayezama ukuhlala ethembekile, izilingo nentlupheko yakhe zaye zaqhubekeka (qaphela izililo zakhe kwisahluko 3). Enyanisweni, ukubandezeleka kwakhe kwakubonakala kusanda, kwaye abahlobo bakhe bacebisa ukuba uThixo wayemohlwaya (bona Yobhi 4–5; 8; 11). Njengoko ufunda inxalenye yempendulo kaYobhi kwizahluko 12–13, cinga ngento uYobhi awayeyazi ngoThixo eyamenza ukuba aqhubeke nokuthembela, nangona wayebandezelekile kwaye enemibuzo engaphendulwanga. Yintoni oyaziyo ngoThixo ekunceda ujongane nemicelimngeni? Uye wazazi njani ezi nyani, kwaye zilomeleze njani ukholo lwakho?

Yobhi 19

UYesu Krestu unguMkhululi wam.

Ngamanye amaxesha ezona nyaniso zibalulekileyo sizityhilelwa phakathi kweyona ntlungu yethu inzulu. Cinga nzulu ngezilingo uYobhi awazichaza kuYobhi 19:1–22 kunye neenyaniso awayezibhengeza kuYobhi 19:23–27. Emva koko ucinge nzulu ngokuba uyazi njani ukuba uMkhululi wakho uyaphila. Lwenza mahluko mni olu lwazi xa uhlangabezana nezilingo ezinzima?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 121:1–12; 122.

Umfanekiso
indoda ejonge phezulu

Job, nguGary L. Kapp (Yobhi)

Yobhi 21–24

“Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.”

Njengoko ufunda ngakumbi ngengxoxo-mpikiswano phakathi kukaYobhi nabahlobo bakhe malunga nezizathu zokubandezeleka kukaYobhi, usenokucinga ngendlela owawuza kuwuphendula ngayo umbuzo osembindini wengxoxo yabo: Kutheni le nto amalungisa eva ubunzima ngamanye amaxesha kwaye abangendawo ngamanye amaxesha bangohlwaywa? Cinga ngale nto njengoko ufunda Yobhi 21–24. Wazi ntoni ngoBawo waseZulwini kunye necebo laKhe elinokunceda ukunika iimpendulo? Bona, umzekelo, 2 Nifayi 2:11–13; Mozaya 23:21–23; 24:10–16; Abraham 3:22–26.

Yobhi 38; 40; 42

Umbono kaThixo umkhulu kunowam.

Ekhathazekile zizityholo zabahlobo bakhe (bona Yobhi 16:1–5; 19:1–3), uYobhi waphinda-phinda ekhala kuThixo efuna ingcaciso yentlupheko yakhe (bona Yobhi 19:6–7; 23:1–931). UMdala uNeal A. Maxwell uqaphele ukuba “xa siphelelwa ngumonde ngokuqonda ixesha likaThixo,” njengoko uYobhi wayebonakala enjalo, “siyacebisa ngokwenene ukuba siyayazi eyona nto ilungileyo. Into engaqhelekanga, andithi—thina esinxiba iiwotshi esihlahlei sifuna ukucebisa llowo Yena ojongana neewotshi kunye neekhalenda” (“Hope through the Atonement of Jesus Christ,” Ensign, Nkanga 1998, 63). Cingisisa la magama njengoko ufunda impendulo kaThixo kuYobhi kwizahluko 38 kunye no-40. Zeziphi iinyaniso Yena awayezifundisa uYobhi? Kutheni le nto ezi nyaniso zibalulekile kuthi ukuba sizazi njengoko sisokola nobunzima kunye nemibuzo kobu bumagade ahlabayo? Yintoni ekuchazayo ngempendulo kaYobhi kuYobhi 42:1–6?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Yobhi 1:20–22.Ukuqonda indlela awayevakalelwa ngayo uYobhi, njengoko kuchaziwe kule miqolo, usapho lwakho lungafunda “uYobhi” kuwo Amabali eTestamente eNdala okanye lulinganise Yobhi 1:13–22. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaYobhi?

Yobhi 14:14.Besingawuphendula njani umbuzo kaYobhi kulo mqolo? Angasinceda njani Alma 11:42–44?

Yobhi 16:1–5.Ingaba sikhe sifane nabahlobo bakaYobhi, ababegweba kwaye bemgxeka uYobhi xa wayefuna intuthuzelo? (bona Yobhi 16:1–4; bona futhi Yohane 7:24). Amazwi ethu anokubomeleza njani abanye abasentlungwini? (bona Yobhi 16:5).

Yobhi 19:23–27.Emva kokufunda le miqolo, amalungu osapho angabelana ngokwazi kwabo ukuba uMkhululi wethu uyaphila. Ningasebenzisana kunye ukubeka amazwi wenu obungqina (okanye imizobo yabantwana yoMsindisi) encwadini, efana nencwadana yembali yosapho (bona umqolo 23). Ningacula ingoma engqina ngoMsindisi, efana no–“I Know That My Redeemer Lives” (Hymns, no. 136), kwaye nabelane ngamabinzana aqinisa ukholo lwenu kuYe.

Yobhi 23:8–11.Kuthetha ukuthini “ukuphuma” kwiimvavanyo zethu “njengegolide”? Ngubani esimaziyo othe wenza le nto? Abantwana bangakonwabela ukwenza into ethile ngamagama aphuma kumqolo 10 awabhalwe kuwo. Nisenakho nokuxoxa ngendlela uYesu Krestu awoyisa ngayo uvavanyo lwaKhe (bona Luka 22:41–44; IMfundiso neMinqophiso 19:16–19).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.-

Iculo elicetyiswayo: “My Redeemer Lives,” Hymns, no. 135.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khawufan ’ucinge. Ukuqonda okunentsingiselo kunokuza njengoko sizama ukuzifaka kwizibhalo ezingcwele. Umzekelo, ukuzibeka kwimeko kaYobhi kunokukunceda ucinge ngobuhlobo bakho noBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu.

Umfanekiso
amadoda athetha nendoda phantsi

Job and His Friends, ngu-Ilya Repin (UYobhi naBahlobo Bakhe)

Shicilela