ITestamente eNdala 2022
EyeThupha 22–28. IiNdumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146–150: “Yonke Into Ephefumlayo Mayimdumise uYehova”


“EyeThupha 22–28. IiNdumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146–150: ‘Yonke Into Ephefumlayo Mayidumise uYehova,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeThupha 22–28. IiNdumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146-150,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UKrestu ngengubo ebomvu engqongwe ngabantu abaguqileyo

Every Knee Shall Bow, nguJ. Kirk Richards (Lonke Idolo Liya Kuguqa)

EyeThupha 22–28

IiNdumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146–150

“Yonke Into Ephefumlayo Mayimdumise uYehova”

IiNdumiso 119:105 ifundisa ukuba ilizwi likaThixo “likukukhanya emendweni wakho.” Njengoko ufunda iiNdumiso, shicilela amabinzana kunye nemibono ekuphembelelayo kwaye ekunceda ukhanyisele indlela yakho ebuyela kuBawo waseZulwini.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Igama lenkcubeko yesiYuda lencwadi yeeNdumiso ligama lesiHebhere elithetha “iindumiso.” Elo gama, Tehillim, likwanxulumene nesikhuzo esithi “haleluya” (esithetha “makadunyiswe uYehova” okanye “mayidunyiswe iNkosi”). Ukuba bekufanele ukhethe igama elinye ukushwankathela owona myalezo uphambili weeNdumiso, “ukudumisa” kuya kuba yinto elungileyo. Ezinye zeeNdumiso ziqulethe isimemo esingqalileyo esithi “dumisani iNkosi” (bona ngakumbi IiNdumiso 146–50), kwaye zonke zinokuphembelela imvakalelo yokunqula kunye nokudumisa. IiNdumiso zisimema ukuba sicinge ngamandla eNkosi, ngenceba yaYo, nakwizinto ezinkulu Yona ezenzileyo. Asinakuze simbhatale ngayo nayiphi na le nto, kodwa sinokumdumisa ngayo. Lo ndumiso inokuthatha iindidi ezahlukeneyo kubantu abohlukeneyo—isenokubandakanya ukucula, ukuthandaza, okanye ukunika ubungqina. Ihlala ikhokelela ekuzinikeleni okunzulu eNkosini nasekulandeleni iimfundiso zaYo. Nokuba “mdumise uYehova” kuthetha ntoni na ebomini bakho, ungafumana impembelelo engakumbi yokukwenza njengoko ufunda kwaye uucinga nzulu ngeeNdumiso.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IiNdumiso 102–3116

INkosi ingandithuthuzela ekubandezelekeni kwam.

Phawula indlela IiNdumiso 102:1–11 echaza ngayo iimvakalelo zenkxalabo kunye nokuzahlula ezihlala zikhona ngexesha lokubandezeleka. Mhlawumbi ukhe waziva iimvakalelo ezinjalo, kwaye ezi nkcazo zikunceda ukuba uwaqonde ngcono amava akho. Okanye le miqolo inokukunceda uqonde iimvakalelo zabanye ababandezelekileyo.

Njengoko ufunda IiNdumiso 102:12–28; 103116, khangela amabinzana akunika ithemba lokuba “unqule igama likaYehova” kwizilingo zakho (IiNdumiso 116:13). Ungafuna ukuphawula, ukuzikhumbuza, okanye wabelane nabanye ngamabinzana awakunika ithemba kuYe.

Bona futhi Isaya 25:8; 2 AbaseKorinte 1:3–7; AmaHebhere 2:17–18; Alma 7:11–13.

Umfanekiso
UYesu ephilisa

Healing, nguJ. Kirk Richards (Ukuphilisa)

IiNdumiso 110118

IiNdumiso zingandalathisa kuMsindisi.

IiNdumiso ziqulathe imihlathi eyalatha kubomi nakulungiselelo lukaYesu Krestu. Nantsi imizekelo embalwa:

Le miqolo ikufundisa nyaniso ziphi ngoYesu Krestu? Ingaba kukusikelela njani ukwazi ezi nyaniso?

Njengoko ufunda iiNdumiso kule veki, qhubeka nokuphawula amanye amanqaku awakufundisa ngoMsindisi. Usenokufunda okanye umamele amanye wamaculo wakho owathandayo awakunceda ukuba ucinge ngaYe.

IiNdumiso 119

Ilizwi likaThixo liya kundigcina endleleni yaKhe.

Le ndumiso iqulethe amabinzana amaninzi awathelekisa ubomi bethu nohambo olubuyela kuBawo waseZulwini. Njengoko ufunda, khangela amagama awafana nala hamba, umkhondo, indlela, iinyawo, kunye nobhadula. Cingisisa ngohambo lobomi bakho—apho ubukade ukhona, apho ukhoyo ngoku, kunye necala obhekise ngakulo. Ufunda ntoni kule ndumiso ngohambo lwakho lokubuyela ekhaya? Ngokwale ndumiso, yintoni ebonelelwe nguThixo ukukunceda uhlale kwikhondo elifanelekileyo?

Usenokuba nomdla wokwazi ukuba kwisiHebhere santlandlolo, imiqolo yokuqala esibhozo kwi-IiNdumiso 119 iqala ngonobumba wokuqala koonobumba besiHebhere. Imiqolo esibhozo elandelayo iqala ngonobumba olandelayo, njalo-njalo ukuya esiphelweni soonobumba.

Bona futhi Isaya 42:16; 2 Nifayi 31:17–21; Alma 7:19–20.

IiNdumiso 134–36

INkosi inamandla ngaphezu kwaso nasiphi na isithixo.

Qaphela izizathu ezinikwe kwi-Iindumiso 135:15–18 malunga nokuba kutheni kububudenge ukukholosa ngoothixo bobuxoki. Yintoni onokuhendwa ukuba uyithembe efana nezithixo ezichazwa kule miqolo?

Usenokwenza uluhlu lwezinto ezinamandla ezinokuzenziwa yiNkosi, njengoko kuchaziwe apha kwi-IiNdumiso 134–36. Zeziphi izinto ezinamandla Yona ekwenzele zona?

IiNdumiso 146–50

“Mdumise uYehova.”

Njengoko ufunda ezi ndumiso zokugqibela zokudumisa, cinga ngezizathu onazo zokudumisa iNkosi. Kutheni le nto kubalulekile ukuba siyidumise Yona? Zeziphi iindlela onokudumisa Yona ngazo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IiNdumiso 119:105.Mhlawumbi usapho lwakho lungenza indlela kwaye luhambe ngayo ebumnyameni, lusebenzisa isibane ukukhanyisa indlela engaphambili. Njengoko nihamba, ningabuza imibuzo enje “Yintoni ebomini bethu efana nobu bumnyama?” okanye “Ingaba ilizwi likaThixo lifana njani nokukhanya?” Ukucula iculo malunga nokukhanya kukaThixo kunganceda nigxininise imfundiso efundiswa kwi-IiNdumiso 119:105.

IiNdumiso 127–28.Kuthetha ukuthini ukuba iNkosi isincede “sakhe [indlu] yethu”? (IiNdumiso 127:1). Singambandakanya njani ngcono kwiinzame zethu zokudala ikhaya elilungileyo? Ukunceda usapho lwakho ukuba luphendule lo mbuzo, ungazoba indlu kwicuntswana lephepha uze ulisike libe ngamaceba ephazili. Ngasemva kwisiqwenga ngasinye, amalungu osapho angabhala okanye azobe iindlela zokwenza iNkosi ibe yinxalenye yekhaya lakho. Emva koko unokubeka iphazili ndawonye. Yintoni enye esiyifumanayo kwezi ndumiso esiphembelela ukuba sihambe ngeendlela zeNkosi?

IiNdumiso 139.Emva kokufunda imiqolo 1–4, amalungu osapho angathetha ngendlela awazi ngayo ukuba uThixo uwazi buqu (bona futhi imiqolo 14–15, 23–24).

IiNdumiso 146–50.Unokumema usapho lwakho ukuba lufunde imiqolo embalwa kwi-IiNdumiso 146–50 ngokuvakalayo, luzame ukudlulisa iimvakalelo zombhali. Singayibonisa njani indumiso yethu kwiNkosi? Amalungu osapho angakonwabela ukubhala iindumiso zawo zokudumisa kwaye abelane ngazo nabanye.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Teach Me to Walk in the Light,” Children’s Songbook, 177.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

­ ­ ­

Umfanekiso
indlela ehlathini

“Ndinyathelise endleleni yemithetho yakho, ngokuba ndiyithandile” (IiNdumiso 119:35).

Shicilela