ITestamente eNdala 2022
EyeKhala 25–31. Estere: “Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje”


“EyeKhala 25–31. Estere: ‘Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeKhala 25–31. Estere,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
U-Estere uyathandaza

Esther, nguJames Johnson (U-Estere)

EyeKhala 25–31

Estere

“Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje”

Njengoko ufunda u-Estere, funa impembelelo evela kuMoya eyenzelwe wena buqu, kwaye ubhale iimvakalelo ozifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Iziganeko ezininzi encwadini ka-Estere zisenokubonakala ngathi zilithamsanqa okanye zikukungqamana ngengozi. Uyichaza kanjani indlela yentombazana yomYuda owayeyinkedama yokuba ibe yiKumkanikazi yasePersi ngexesha nje elilungileyo ukusindisa abantu bayo ekutshatyalalisweni? Mangakanani na amathuba okuba umzala ka-Estere, uMordekayi wayeya kuva ngeyelenqe lokugwinta ikumkani? Ingaba oku kwakukungqamana ngokwengozi, okanye ingaba kwakuyinxalenye yecebo lobuthixo? UMdala Ronald A. Rasband waye waphula oku: “Into enokubonakala njengethuba elingenanjongo, eneneni, yonganyelwa nguBawo OseZulwini onothando. … INkosi ikwiinkcukacha ezincinane zobomi bethu” (“By Divine Design,” Liyahona, EyeNkanga 2017, 56). Sisenokungasoloko siyiqaphela impembelelo yeNkosi kwezi “nkcukacha ezincinane.” Kodwa siyafunda emaveni ka-Estere ukuba Yona ingakhokela indlela yethu kwaye isilungiselele “ixesha elinje” (Estere 4:14) apho xa singaba zizixhobo zokusebenza ezandleni zaYo ukuzalisekisa iinjongo zaYo.

Ngesishwankathelo sencwadi ka-Estere, bona “Estere, incwadi ka” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Estere

INkosi ingandenza isixhobo sokusebenza ukusikelela abanye.

UDade Anne C. Pingree wafundisa oku: “Ukuba sisixhobo sokusebenza ezandleni zikaThixo kulilungelo elilodwa elikhulu kunye noxanduva olungcwele. Naphina apho sihlala khona, nokuba zinjani iimeko zethu, nokuba ubume bomtshato wethu okanye ubudala bethu, iNkosi idinga omnye nomnye wethu ukuba sizalisekise inxalenye [yethu] ekhethekileyo ekwakheni ubukumkani baYo kweli xesha lokuhlanganisa lokugqibela” (“Knowing the Lord’s Will for You,” Liyahona, EyeNkanga 2005, 112).

Njengoko ufunda ibali lika-Estere, cinga nzulu ngendlela le ngxelo isebenza ngayo kuye. Khangela iindlela iNkosi eyathi yenza kwenzeka ngazo kuye ukuba asindise amaYuda (bona, umzekelo, Estere 2:21–23; 3:10–14; 4:14–16). Ngoko ke cinga nzulu ngendlela Yona ethe yakhokela ngayo ubomi bakho ngeendlela ezikuvumela ukuba usikelele abanye. Zeziphi ezinye iimeko okanye bobuphi ubudlelwane oziva Yena uye wakukhokelela “ngenxa yexesha elinje”? (Estere 4:14). Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, cingisisa ngokuyifunda ukuze ufunde ngakumbi malunga nomsebenzi iNkosi ekubekele ukuba uwenze.

Estere 3; 5:9–147

Ikratshi nomsindo kungakhokelela entshabalalweni.

Kwincwadi ka-Estere, siyafunda ekunyanisekeni kuka-Estere noMordekayi kwakunye nakwikratshi nomsindo kaHaman. Njengoko ufunda Estere 3; 5:9–14, cingisisa ngokuphawula iimvakalelo, namazwi, kunye nezenzo zikaHaman. Yintoni eziyityhilayo ngaye kunye nangezizathu zakhe? Ziziphumo zini awathi wajongana nazo? (bona Estere 7). Ukufunda malunga noHaman kusenokukuchukumisa ukuba uhlalutye oko kukhuthaza iimvakalelo nezenzo zakho. Ingaba uphenjelelwa ukuba wenze zinguqu zithile? Ungaguqukela njani eluncedweni lukaBawo Osezulwini?

Bona futhi ImiZekeliso 16:32; Alma 5:28.

Estere 3–4; 5:2–3; 8:11–12

Ukuzila ukutya kubonisa uxhomekeko lwam eNkosini.

Qaphela iimeko ezakhokela u-Estere kunye nawo onke amaYuda ekubeni azile ukutya (bona Estere 3:13; 4:1–3, 10–17). Ingaba ukuzila ukutya kwaye kwaba yintsikelelo kanjani kubo? (bona Estere 5:2–3; 8:11–12). Kutheni iNkosi isicela ukuba sizile ukutya? (bona Izihloko zeVangeli, “Ukuzila neMinikelo yokuZila,” topics.ChurchofJesusChrist.org). Cingisisa ngoko ongakwenza ukuze wenze ukuzila ukutya kube yintsikelelo ebomini bakho?.

Bona futhi Isaya 58:6–12; Mateyu 4:1–4; 17:14–21.

Estere 3:1–11; 4:10–17; 5:1–4

Ukwenza into elungileyo kusoloko kufuna inkalipho enkulu.

Xa uMordekayi no-Estere babephakamela iinkolo zabo, babebeka ubomi babo ebungciphekweni. Ukhetho lwethu luneziphumo ezingabanobuhlungu kancinane, kodwa ukwenza into elungileyo kusafuna inkalipho. Yintoni oyifunda ku-Estere 3:1–4; 4:10–17 emalunga nokubanenkalipho yokwenza into elungileyo? Qaphela iziphumo ezahlukileyo uMordekayi no-Estere abaye babanazo emva kokubonisa inkalipho (bona Estere 3:5–11; 5:1–4). Yintoni umntu ebeya kuyidinga ukukwazi ngoThixo ukuze enze ukhetho u-Estere noMordekayi abalwenzayo—ukwenza okulungileyo nangaphandle kweziphumo?

Kwixesha elizayo xa ucingisisa ngeziphumo zokwenza oko kulungileyo, usenokusebenzisa amazwi enkalipho ka-Estere ku-Estere 4:16 kwimeko yakho. Umzekelo, usenokuthi, “Xa ndikhetha okulungileyo, ukuba [ndiphulukana nabahlobo], [ndophulukana nabahlobo].”

Bona futhi uThomas S. Monson, “May You Have Courage,” Liyahona, Canzibe 2009, 123–27.

Umfanekiso
U-Estere nekumkani

Esther before the King, nguMinerva K. Teichert (U-Estere phambi koKumkani)

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Estere 1–10.Emva kokuhlola kwakhona ibali lika-Estere, usapho lwakho lusenokonwabela ukwenza oonodoli abalula nje babanye babalinganiswa. Lungabasebenzisa ekubaliseni ibali kwakhona. Nisenokucula ingoma malunga nokukhalipha nokunyaniseka, efana no-“Dare to Do Right” (Children’s Songbook, 158) okanye “Do What Is Right” (Hymns, no. 237). Ngawaphi amagama awakwiculo awasikhumbuza ngo-Estere?

Estere 2:5–7.Yintoni esingayifunda emzekelweni kaMordekayi malunga nokunceda amalungu osapho emaxesheni esilingo? Ngubani kusapho lwethu odinga inkxaso yethu? Yenza icebo lokubanceda.

Estere 4:15–17.Ubukroti buka-Estere bungaphembelela usapho lwakho ukuba luxoxe ngokuba lunokuphuhlisa njani inkalipho yokumela inyaniso kwiimeko olujongana nazo. Wayethetha ukuthini u-Estere ngokuthi “Nditshabalale ukuba ndiyatshabalala”? Ingaba amazwi akhe asebenza kanjani kuthi xa sidinga ukukhalipha? ­

Estere 9:26–32.Isidlo samaYuda sePuri sasisekelwe ukukhumbula ibali lika-Estere. Ngexesha lesidlo kule veki, cingisisa ngokwabelana namabali waxa amalungu osapho lwakho, kuquka nezinyanya, aye asikelela abanye ngokumela okulungileyo njengokufana noko kwenziwa ngu-Estere.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo:“Dare to Do Right,” Children’s Songbook, 158.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Linganisa ubomi boMsindisi. “Amandla oMsindisi wokufundisa nokuphakamisa abanye ayephuma kwindlela Yena awayephila ngayo nakuhlobo lomntu Yena awayelulo. Njengoko uzama ngenyameko ngakumbi ukuphila njengoYesu Krestu, uya kukwazi ngakumbi ukufundisa njengaYe” (Teaching in the Savior’s Way, 13).

Umfanekiso
Estere

Queen Esther, by Minerva K. Teichert, © William and Betty Stokes (IKumkanikazi u-Estere)

Shicilela