ITestamente eNdala 2022
EyeKhala 4–10. 2 OoKumkani 2–7: “Kukho uMprofeti kwaSirayeli”


“EyeKhala 4–10. 2 OoKumkani 2–7: ‘Kukho uMprofeti kwaSirayeli,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestament eNdala 2022 (2021)

“EyeKhala 4–10. 2 OoKumkani 2–7,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022

Umfanekiso
U-Elisha ubonisa izicaka iinqwelo zokulwa zomlilo

Umzobo ka-Elisha ebonisa isicaka sakhe iinqwelo zokulwa zomlilo, © Review & Herald Publishing/imvume ivela goodsalt.com

EyeKhala 4–10

2 OoKumkani 2–7

“Kukho uMprofeti kwaSirayeli”

Njengoko ufunda, uMoya OyiNgcwele ungazisa amabinzana okanye imihlathi ethile kwingqwalasela yakho. Cingisisa ngokubhala phantsi ukuba kutheni loo mihlathi inentsingiselo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Owona msebenzi ongundoqo womprofeti kukufundisa kunye nokungqina ngoMsindisi uYesu Krestu. Uxwebhu lwethu lomprofeti u-Elisha, ngokunjalo, alubandakanyi uninzi lokufundisa kwakhe okanye lokungqina kwakhe. Oko uxwebhu lukuqukayo yimimangaliso u-Elisha awayenzayo, kuquka nokuvusa umntwana ekufeni (bona 2 OoKumkani 4:18–37), nokondla iindimbane ngokutya okuncinane (bona 2 OoKumkani 4:42–44), kunye nokuphilisa owayeneqhenqa (bona 2 OoKumkani 5:1–14). Ngoko ke xeshikweni singenawo amazwi ka-Elisha enika ubungqina ngoKrestu, kulo lonke ulungiselelo luka-Elisha, sinako ukuzibonakalisa okumandla kwamandla eNkosi awanika ubomi, awondlayo, nawaphilisayo. Izityhilelo ezinjalo zixhaphake ngakumbi ebomini bethu kunoko sikuqondayo ngamanye amaxesha. Ukukubona oko, sidinga ukufuna ummangaliso u-Elisha awayewufuna xa wayethandazela isicaka sakhe esasigcwele luloyiko, “Wathandaza, Yehova, khawuvule amehlo akhe, abone” (2 OoKumkani 6:17).

Ngolwazi oluthe vetshe malunga ne-2 OoKumkani, bona “OoKumkani, incwadi ye” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

2 OoKumkani 2–6

UThixo angenza imimangaliso ebomini bam.

Imimangaliso iyasinceda rhoqo ukuba soyise ubunzima basemhlabeni—ngexesha lika–Elisha, umhlaba owawunganiki nto wawudinga amanzi acocekileyo kwaye nezembe elilahlekileyo lalidinga ukubuyiswa (bona 2 OoKumkani 2:19–22; 6:4–7). Kodwa imimangaliso nayo ikwaguqulela iintliziyo zethu eNkosini kwaye isifundisa izifundo zokomoya. Njengoko ufunda 2 OoKumkani 2–6, cingisisa ngokwenza uluhlu lwemimangaliso oyifumanayo, kwaye ucinge nzulu ngezifundo zokomoya ozifundayo komnye nomnye. Yintoni le mimangaliso ikufundisa yona malunga neNkosi kwakunye noko Yona ingakwenza ebomini bakho?

Bona futhi 2 Nifayi 26:12–13; 27:23; Mormoni 9:7–21; Moronayi 7:35–37. ­

2 OoKumkani 4:8–17; 7:1–16

Amazwi eNkosi aya kuzalisekiswa ngabaprofeti baYo.

Njengoko kubhaliwe ku-2 OoKumkani 4:8–17; 7:1–16, iNkosi yaye yaphembelela u-Elisha ukuba aprofete ngezinto ezaziza kuza—izinto ezazibonakala, ngokombono wabanye, zingenakukwenzeka. Njengoko ufunda le miqolo, cingisisa ngendlela ophendula ngayo kwiliziwi leNkosi ngabaprofeti baYo namhlanje. Ziimfundiso, ziprofeto, okanye zithembiso ziphi othe waziva kubaprofeti abaphilayo? Yintoni oyenzayo ukuthatha intshukumo kukholo lwezo zithembiso?

Bona futhi 3 Nifayi 29:6; IMfundiso neMinqophiso 1:37–38.

2 OoKumkani 5

Ukuba ndithobekile kwaye ndithobela, uYesu Krestu angandiphilisa.

Ngamanye amaxesha kulula ukufumana intsingiselo yobuqu kwizibhalo ezingcwele xa uthelekisa izinto zenyama ebalini kunye nezinto zokomoya. Umzekelo, xeshikweni ufunda 2 OoKumkani 5, usenokuthelekisa iqhenqa likaNahaman kunye nomcelingeni wokomoya ojongene nawo. NjengoNahaman, mhlawumbi nawe ubuthembele ukuba iNkosi yayiyakuba “uyakukwenza into enkulu” (umqolo 13) ukukunceda. Yintoni amava kaNahaman akufundisa yona? Ebomini bakho, yintoni ebiya kulingana nokulandela ingcebiso elula nje yokuba “hlamba, uhlambuluke”?

Qaphela indlela amava kaNahaman awachaphazela ngayo ukholo lwakhe kuThixo kaSirayeli (bona umqolo 15). Ngawaphi amava awathe omeleza ukholo lwakho kuThixo?

Bona futhi Luka 4:27; 1 Petros 5:5–7; Alma 37:3–7; Etere 12:27.

2 OoKumkani 6:8–23

“Baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.”

Ingaba wawukhe waziva usegqithwa ngenani kwaye usoyika, uzibuza, njengesicaka esincinane sika-Elisha, “Siya kuthini na?” (bona 2 OoKumkani 6:8–23). Yintoni ekuchukumisayo malunga nempendulo ka-Elisha? Ingaba le ngxelo iyitshintsha kanjani indlela ocinga ngayo noziva ngayo malunga nezilingo zakho, noxanduva lwakho, okanye neenzame zakho zokuphila ivangeli?

Njengoko ucinga nzulu, cingisisa ngamazwi kaMongameli Henry B. Eyring: “Njengokufana neso sicaka sika-Elisha, kukhona abaninzi ngakuwe kunabo ubabona bechasene nawe. Abanye abakunye nawe abaya kubonakala emehlweni akho enyama. INkosi iya kukuthwala kwaye ngamanye amaxesha iya kukwenza oko ngokubiza abanye ukuba beme nawe” (“O Ye That Embark,” Liyahona, EyeNkanga 2008, 58).

Bona futhi IiNdumiso 121; IMfundiso neMinqophiso 84:88.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

2 OoKumkani 2:1–14.Cingani malunga nabantu ababona u-Elisha “echola” ingubo enkulu ka-Eliya (okanye ingubo yokwaleka—uphawu lobizo lwakhe lobuprofeti). Ingaba oku kwakusenokuyichaphazela njani indlela ababephundule ngayo kulungiselelo luka-Elisha? (Bona futhi 1 OoKumkani 19:19.) Mhlawumbi amalungu osapho angatshintshisana ngokunxiba “ingubo” kwaye angqine ngeendlela awathe abona ngazo iNkosi ixhasa abo babizelwe ukuncedisa eBandleni laYo.

2 OoKumkani 4. Ungamema amalungu osapho ukuba afunde malunga nomnye wale mimangaliso ku-2 OoKumkani 4 (bona imiqolo 1–7, 14–17, 32–35, 38–41, 42–44) kwaye ubhale umkhondo ukunceda amanye amalungu osapho ukuba aqajisele ukuba ngowuphina ummangaliso awuchazayo. Yintoni esiyifundayo malunga neNkosi kunye nemimangaliso yaYo kwesi sahluko? Yeyiphi imimangaliso—emikhulu okanye nemincinci—esithe sayibona ebomini bethu?

2 OoKumkani 5:1–15.Njengoko nifunda le miqolo kwaye nicinga nzulu ngento elula nje uNahaman awayecelwe ukuba ayenze, cingisisa ngezinto ezilula umprofeti wethu athe wasicela ukuba sizenze. Ingaba usapho lwethu lungayilandela njani ngokungcono ingcebiso yakhe?

Usapho lwakho lungafunda “U-Elisha Uphilisa uNahaman” (kuwo Amabali eTestamente eNdala).

2 OoKumkani 5:20–27. ­ Ingaba ukunganyaniseki kusenzakalisa njani? Ingaba sikeleleka njani ngokunyaniseka?

2 OoKumkani 6:13–17. Amalungu osapho asenokonwabela ukuzoba umfanekiso wamava ka-Elisha kunye nesicaka sakhe awachazwa kule miqolo. Ingasinceda njani le miqolo xa siziva sisodwa okanye songanyelwe?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwiCome, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Dearest Children, God Is Near You,” Hymns, no. 96.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Khuthaza imibuzo. Imibuzo ephuma ebantwaneni ingumqondiso wokokuba bakulungele ukufunda. Ukuba awuzazi iimpendulo kwimibuzo yabo, zikhangele nabo. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 25–26.)

Umfanekiso
UNahaman ehlamba emlanjeni

Umzobo wakaNahaman ephiliswa iqhenqa, nguPaul Mann

Shicilela