ITestamente eNdala 2022
EyeKhala 18–24. Ezra 1; 3–7; Nehemiya 2; 4–6; 8: “Ndenza Umsebenzi Omkhulu”


“EyeKhala 18–24. Ezra 1; 3–7; Nehemiya 2; 4–6; 8: ‘Ndenza Umsebenzi Omkhulu’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeKhala 18–24. Ezra 1; 3–7; Nehemiya 2; 4–6; 8,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
Itempile kaZerubhabheli

Umzobo wetempile kaZerubhabheli, nguSam Lawlor

EyeKhala 18–24

Ezra 1; 3–7; Nehemiya 2; 4–6; 8

“Ndenza Umsebenzi Omkhulu”

UMongameli Ezra Taft Benson wafundisa, “Ilizwi likaThixo … linamandla okuqinisa abaNgcwele kwaye libaxhobise ngoMoya ukuze bakwazi ukumelana nobubi, babambelele nkqi kokulungileyo, kwaye bafumane uvuyo kobu bomi”(Teachings of Presidents of the Church: Ezra Taft Benson [2014], 118).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Abantu abangamaYuda babethinjiwe eBhabheli malunga neminyaka engama-70. Babephulukene neYerusalem kunye netempile, kwaye abaninzi babelibele imbophelelo yabo kumthetho kaThixo. Kodwa uThixo akazange abalibale. Enyanisweni, Yena wayevakalise ngomprofeti waKhe, “Ndiya kunivelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela” (Yeremiya 29:10). Ngokwenyani kwesi siprofeto, iNkosi yawenzela indlela yokuba amaYuda abuye, kwaye Yona yavusa izicaka ezaphumeze “umsebenzi omkhulu” kubantu baKhe (Nehemiya 6: 3). Ezi zicaka zaziequka irhuluneli egama linguZerubhabheli, owayongamele ukwakhiwa kwakhona kwendlu yeNkosi; U-Ezra, umbingeleli nombhali owaguqula iintliziyo zabantu zabuyela kumthetho weNkosi; noNehemiya, irhuluneli yakamva yakwaYuda owayekhokele umsebenzi wokwakha ngokutsha iindonga zokukhusela iYerusalem. Badibana nenkcaso, eneneni, kodwa baye bafumana noncedo oluvela kwimithombo engalindelekanga. Amava abo anokwazisa kwaye avuselele awethu, kuba nathi senza umsebenzi omkhulu. Kwaye njengowabo, umsebenzi wethu unento enkulu yokwenza nendlu yeNkosi, nomthetho weNkosi, kunye nokhuselo lokomoya esilufumana kuYo.

Ngesishwankathelo seencwadi zika-Ezra noNehemiya, bona “Ezra” kunye no“Nehemiya” kwiSichazi-magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Ezra 1

INkosi iphembelela abantu ukuba bazise iinjongo zaYo.

Emva kokuba iPersi yoyisa iBhabheli, ikumkani yasePersi, uKoreshi, waye waphenjelelwa yiNkosi ukuba athumele iqela lamaYuda eYerusalem ukuya kwakha kwakhona itempile. Njengoko ufunda Ezra 1, phawula oko uKoreshi wayekulungele ukukwenza ukuxhasa amaYuda kulo msebenzi ubalulekileyo. Uyibona njani iNkosi isebenza ngamadoda nabafazi abakungqongileyo, kuquka nabo bangengawo amalungu eBandla laYo? Oku kuthetha ntoni kuwe ngeNkosi nangomsebenzi waYo?

Bona futhi Isaya 44:24–28.

Ezra 3:8–13; 6:16–22

Iitempile zingandizisela uvuyo.

Xa amaBhabheli ayehlasele iYerusalem, bayiphanga itempile bayitshisela phantsi (bona 2 OoKumkani 25:1–10; 2 IziKronike 36:17–19). Ucinga ukuba wawuya kuvakalelwa njani ukuba wawuphakathi kwamaYuda awakubonayo oku? (bona IiNdumiso 137). Qaphela indlela awayeziva ngayo amaYuda, kumashumi eminyaka kamva, xa ayevunyelwe ukuba abuye aphinde okhe itempile (bona Ezra 3:8–13; 6:16–22). Cingisisa ngeemvakalelo zakho malunga netempile. Kutheni iitempile zingumthombo wovuyo? Ungawubonisa njani umbulelo wakho kwiNkosi ngeetempile?

­

Umfanekiso
usapho luhamba kumhlaba wetempile

Itempile inokuba ngumthombo wovuyo ebomini bethu.

Ezra 4–6; Nehemiya 2; 46

Ndinganceda umsebenzi kaThixo uqhubele phambili nangona kukhona inkcaso.

Umsebenzi weNkosi kunqabile ukuba ungaphikiswa, kwaye oku kuyinyaniso kwimizamo eyayikhokelwa nguZerubhabheli noNehemiya. Kuzo zombini ezi meko, “ababandezeli bakaYuda” (Ezra 4:1) yayingamaSamariya—inzala yamaSirayeli eyayizixube nabantu beeNtlanga. Ukufunda ngenkcaso yabo ekwakheni itempile (bona Ezra 4–6) ikunokukukhokelela ekubeni ucingisise ngenkcaso umsebenzi kaThixo ajongene nawo namhlanje kunye nendlela onokuthi uphendule ngayo xa kufika inkcaso.

Ngokufanayo, ukufunda ngomsebenzi kaNehemiya wokulungisa iindonga zeYerusalem (bona Nehemiya 2; 46) kunokubangela ukuba ucinge ngomsebenzi uThixo afuna wena uwenze. Yintoni oyifnda kumzekelo kaNehemiya?

­

Ezra 7; Nehemiya 8

Ndisikelelekile xa ndifunda izibhalo ezingcwele.

Kwanasemva kokuba yayiphinde yakhiwa itempile, abantu baseYerusalem baye basokola ngokwasemoyeni, ngokuyinxalenye yokokuba, kwizizukulwana ngezizukulwana, babenofikelelo olunqongopheleyo “kwincwadi yomyalelo kaMoses” (Nehemiya 8:1). U-Ezra umbhali wafumana imvume kukumkani wasePersi yokuya eYerusalem, apho “wawuzisa umyalelo phambi kwebandla” (Nehemiya 8:2). Ungawulandela njani umzekelo ka-Ezra njengoko uchaziwe ku–Ezra 7:10? Njengoko ufunda Nehemiya 8, enika ingxelo ka-Ezra efundela abantu umthetho, zithini iingcinga zakho ngamandla elizwi likaThixo ebomini bakho?

Bona futhi Teachings: Ezra Taft Benson, 115–24.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano

Ezra 3:8–13; 6:16–22.AmaYuda alubonakalisa njani uvuyo lwawo ngetempile xa yayisakhiwa kwakhona nangoko yayingcwaliswa? Senza ntoni ukubonisa uvuyo lwethu ngetempile? Mhlawumbi usapho lwakho lungajonga imifanekiso yeetempile kwaye luthethe malunga nokuba iitempile zinizisela uvuyo njani (bona temples.ChurchofJesusChrist.org ).

Ezra 7:6, 9–10, 27–28.Amaxesha aliqela kule miqolo, u-Ezra wabhala ukuba isandla seNkosi sasiphezu kwakhe xa wayesiya eYerusalem. Lithetha ntoni eli binzana? Sivile njani ukuba isandla seNkosi siphezu kwethu? Mhlawumbi amalungu osapho anokwabelana ngemizekelo ebomini bawo.

Nehemiya 2; 46.Ibali likaNehemiya linokuwaphembelela amalungu osapho xa ejongene nenkcaso njengoko esenza “umsebenzi omkhulu” (Nehemiya 6:3). Amalungu osapho angakha udonga kwizinto onazo ekhayeni lakho njengoko nifunda kunye imihlathi ephambili (efana noNehemiya 2:17–20; 4:13–18; 6:1–3). Sifunda ntoni kuNehemiya ngokujamelana nenkcaso? Ngowuphi umsebenzi omkhulu iNkosi efuna siwenze? INkosi isomeleze njani ukuba soyise inkcaso yalo msebenzi?

Nehemiya 8:1–12.KuNehemiya 8, u-Ezra wafunda umthetho kaMoses kubantu ababenomdla wokuva ilizwi likaThixo. Ukufunda imiqolo 1–12 kunokunceda nzulu ukuxabisa kosapho lwakho ngelizwi likaThixo. Babeziva njani abantu ngomthetho kaThixo? Singancedana njani ukuze “sikuqonda ke ukulesa oku”? (umqolo 8).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Love to See the Temple,” Children’s Songbook, 95.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yabelanani ngezibhalo ezingcwele njengosapho. Ngexesha lofundo lwezibhalo ezingcwele losapho lwakho, vumela amalungu osapho ukuba abelane ngeziqendu zezifundo zawo ezizezona zibalulekileyo kuwo.

Umfanekiso
U-Ezra ufundela abantu izibhalo

Umzobo ka-Ezra efunda izibhalo ebantwini baseYerusalem, nguHillard Ortlip, © Providence Collection / imvume ivela goodsalt.com

Shicilela