ITestamente eNdala 2022
EyeSilimela 27–EyeKhala 3. 1 OoKumkani 17–19: “Ukuba uYehova nguThixo, Landelani Yena”


EyeSilimela 27 – EyeKhala 3. 1 OoKumkani 17–19: ‘Ukuba uYehova nguThixo, Landelani Yena’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeSilimela 27–EyeKhala 3 3. 1 OoKumkani 17–19,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UEliya umi ecaleni kwesibingelelo esivuthayo

Elijah Contends against the Priests of Baal, nguJerry Harston (UEliya uphikisana nababingeleli bakaBhahali)

EyeSilimela 27–EyeKhala 3

1 OoKumkani 17–19

“Ukuba uYehova nguThixo, Landeleni Yena”

Xa ufunda izibhalo, usebenzisa ukholo, olulungiselela intliziyo kunye nengqondo yakho ukuva “ulwandile lokuphephezela okuhle” loMoya 1 OoKumkani 19:12).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Indlu kaSirayeli yayingumbhodamo. Umanyano kunye nobutyebi obabufunyenwe phantsi kukaDavide noSolomon babuyinto yakudala, kwaye ubudlelwane bomnqophiso wesizwe kunye neNkosi, kubantu abaninzi, yayiyinkumbulo ekude. Ubukumkani bakwaSirayeli babohlukene, nezizwe ezilishumi zakha ubukumkani baseMantla bakwaSirayeli kunye nezizwe ezibini ezenza uBukumkani baseMazantsi bakwaYuda. Bobubini obu bukumkani babungazinzanga ngokwasemoyeni, bukhokelwa ngookumkani abaphula iminqophiso yabo neNkosi kwaye baphembelela abanye ukuba benze njalo (bona 1 OoKumkani 11–16). Kodwa uwexuko lwalulukhulu kakhulu kubukumkani baseMantla, apho uKumkani uAhabhi wakhuthaza uSirayeli ukuba anqule uthixo wobuxoki uBhahali.

Kwakukule meko apho umprofeti uEliya waye wabizwa ukuba ashumayele. Ingxelo yobulungiseleli bakhe yenza kucace ukuba ukholo lomntu eNkosini lunokuchuma phakathi kwamalungisa nakwindawo engendawo. Ngamanye amaxesha iNkosi iyaphendula kolo kholo ngemimangaliso yasesidlangalaleni, njengomlilo owehla ezulwini. Kodwa Yena uyasebenza imimangaliso ethulileyo, yabucala, njengokuhlangabezana neemfuno zomhlolokazi othembekileyo kunye nonyana wakhe. Kwaye amaxesha amaninzi imimangaliso yaKhe yenziwa ngabantu kangangokuba yaziwa nguwe wedwa—umzekelo, xa iNkosi izityhila Yona kunye nentando yaYo “ngolwandile lokuphephezela okuhle” (1 OoKumkani 19:12).

Ngolwazi oluthe kratya ngoEliya, bona “Eliya” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 OoKumkani 17:1–16

Isimemo sokwenza idini lithuba lokusebenzisa ukholo lwam.

Ekuqaleni kusenokubonakala kunzima ukuqonda isizathu sokuba umprofeti uEliya acele umhlolokazi waseTsarefathi ukuba amnike ukutya namanzi ngaphambi kokuba azityise nonyana wakhe olambileyo. Kodwa isicelo sikaEliya sinokubonwa njengentsikelelo kolu sapho luncinci. Babedinga iintsikelelo zeNkosi, kwaye idini lihlala lizisa iintsikelelo–kubandakanya nentsikelelo yokholo olomeleleyo.

Njengoko ufunda eli bali, zibeke endaweni yalo mhlolokazi ubalaseleyo. Yintoni ekuchazayo ngaye? Cingisisa ngamathuba onawo okubonisa ukholo lwakho—kuquka namathuba okwenza idini. Unokufana njani nalo mhlolokazi?

Bona futhi Mateyu 6:25–33; Luka 4:24–26.

1 OoKumkani 18

“Ukuba uYehova nguThixo, Landelani Yena.”

Kusenokwenzeka ukuba amaSirayeli aziva enezizathu zokunqula uBhahali nangona uYehova wayeyalele oku, “Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam” (Eksodus 20:3). UBhahali wayesaziwa njengothixo wezaqhwithi nemvula, kwaye emva kweminyaka emithathu yembalela, babedinga uqhwithela ngophanyazo. Unqulo lukaBhahali lwalumkelekile eluntwini kwaye lwalukhuthazwa ngukumkani nokumkanikazi. Njengoko ufunda 1 OoKumkani 18, cingisisa ngazo naziphi na iimeko ebomini bakho ezinokuthelekiswa nemeko awayekuyo amaSirayeli. Ingaba ukhe uzifumane ungenasigqibo malunga nokulandela iNkosi kuba ezinye iindlela zibonakala zinengqiqo kwaye zinyanzelisa? (jonga 1 OoKumkani 18:21). Kwiziganeko ezifumaneka kwesi sahluko, ucinga ukuba yayizama ntoni iNkosi ukufundisa abantu ngaYo nangoBhahali? Ngawaphi amava akufundise iinyaniso ezifanayo?

Kunganomdla ukuqaphela izinto awazithethayo nawazenzayo uEliya kwesi sahluko ezibonisa ukholo lwakhe eNkosini. Yintoni oyifunda kuEliya ngokholo?

Bona futhi Yoshuwa 24:15; 2 Nifayi 2:26–28.

Umfanekiso
UEliya eme elityeni

Umfanekiso wophawu lwe–1 OoKumkani 19:11–12 The Prophet, © Robert Booth Charles/Bridgeman Images (Umprofeti)

1 OoKumkani 19:1–18

INkosi ihlala ithetha ngeendlela ezizolileyo, nezilula.

Xa uKumkanikazi uIzebhele weva ngento eyenzekileyo kubabingeleli bakhe kwiNtaba yeKarmele, akazange aguquke–waye wavutha ngumsindo. Esoyikela ubomi bakhe, uEliya wabalekela entlango waya kuzimela emqolombeni. Apho, esokola ngobulolo kunye nokutyhafa, waye wanamava neNkosi awayehluke kakhulu kwinto eyayenzekile kwiNtaba yeKarmele. Yintoni amava kaEliya ku-1 OoKumkani 19:1–18 akufundisa yona ngendlela iNkosi enxibelelana ngayo nawe ngamaxesha entswelo? Cinga nzulu ngamaxesha ebomini bakho xa wawukhe waliva ilizwi laYo. Yintoni ekufuneka uyenzile ukuze ufumane isikhokelo saYo rhoqo?

Cingisisa ngamagama kunye namabinzana asetyenziswe kule miqolo ilandelayo ukuchaza indlela iNkosi enxibelelana ngayo nathi: Hilamani 5:30; 3 Nifayi 11:3–7; IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 8:2–3; 9:8–9; 11:12–14; 36:2.

Bona futhi IiNdumiso 46:10; 1 Nifayi 17:45.

1 OoKumkani 19:19–21

Ukukhonza iNkosi kuhamba phambili kunazo iinkxalabo zehlabathi.

Into yokuba uElisha wayeneedyokhwe ezili–12 zeenkunzi zenkoomo ibonisa ukuba mhlawumbi wayesisityebi. Yintoni ekuchukumisayo ngezenzo zakhe ezibhalwe ku 1 OoKumkani 19:19–21? Ungawulandela njani umzekelo kaElisha?

Bona futhi Mateyu 4:18–22.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

1 OoKumkani 17:1–16.Umfanekiso okwesi sishwankathelo unganceda usapho lwakho lubenomfanekiso-ngqondweni wengxelo eku-1 OoKumkani 17:1–16. Emveni kokufunda imiqolo kwaye wajonga ezi zixhobo, ilungu ngalinye losapho linokudwelisa iimpawu ezikhuthazayo umhlolokazi awayenazo. Yintoni le iNkosi icela ukuba siyenze ukubonisa ukholo lwethu?

1 OoKumkani 18.“UEliya naBabingeleli bakaBhahali” (kuwo Amabali eTestamente eNdala) kusenokunceda usapho lwakho ukuba lufunde ibali ku-1 OoKumkani 18. Ingaba zikhona izinto ezisithintelayo ekubeni sizinikele ngokupheleleyo kwiNkosi? Singalubonisa njani ulangazelelo lwethu ekukhetheni Yona? (bona umqolo 21).

1 OoKumkani 19:11–12.Yintoni enokunceda usapho lwakho luqonde ukubaluleka kokumamela “ulwandile lokuphephezela okuhle”? Ningafunda 1 OoKumkani 19:11–12 kunye ngelizwi elizolileyo. Ninokongeza ezinye izandi eziphazamisayo ukubonisa indlela uSathana azama ukusithintela ukubeni sive ilizwi elizolileyo elincinane. Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngoko akwenzayo ukuze ave iinkcukumiso zoMoya.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Holy Ghost,” Children’s Songbook, 105.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Bhala Iimvakalelo Zakho. Xa uva ukuba uMoya uthetha nawe, cingisisa ngokubhala phantsi into oziva ukuba Wona ukuxelela yona. Ingcinga eyithathayo ukubeka ezi mvakalelo ukuba zibe ngamagama ingakunceda ucinge nzulu ngawo kwaye uwaxabise.

Umfanekiso
umfazi nomntwana

Widow of Zarephath, nguRose Datoc Dall (Umhlolokazi waseTsarfati)

Shicilela