ITestamente eNdala 2022
Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho


“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Itestamente eNdala 2022 (2021)

“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
umntwana nonina befunda izibhalo ezingcwele ekhaya

Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho

Ukufundwa rhoqo kwezibhalo lusapho yindlela enamandla yokunceda usapho lwakho lufunde ivangeli. Ubungakanani nobude bexesha lokufunda njengosapho azibalulekanga njengeenzame zenu ezingaguqukiyo. Njengoko nisenza ufundo lwezibhalo lube yinxalenye ebalulekileyo yobomi bosapho lwenu, niya kunceda amalungu osapho lwenu asondele ngakumbi kuBawo oseZulwini noYesu Krestu kwaye okhele ubugqina bawo kwisiseko selizwi likaThixo.

Cingisisa ngale mibuzo elandelayo:

  • Ungawakhuthaza njani amalungu osapho ukuba azifundele izibhalo ngokunokwawo?

  • Yintoni onakho ukuyenza ukukhuthaza amalungu osapho abelane ngoko akufundayo?

  • Unokuyigxininisa njani imigaqo oyifunda kwiTestamente eNdala kwimizuzu yemihla ngemihla yokufundisa?

Khumbula ukuba ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokufunda ivangeli. Ninako ukufunda nokufundisa ivangeli ekhaya ngeendlela ezingenako ukwenzeka kwigumbi lokufunda eBandleni. Yiba nobuchule njengoko ucinga ngeendlela zokunceda usapho lwakho lufunde kwizibhalo. Cingisisa ngezinye zeengcebiso ezilandelayo ukuphucula ufundo lwezibhalo zosapho lwakho.

Sebenzisani uMculo

Cula amaculo awanyanzelisa imigaqo efundiswa kwizibhalo ezingcwele. Iculo elicetyisiweyo okanye iculo labantwana lidweliswe kwisishwankathelo seveki nganye. Ungabuza amalungu osapho imibuzo ngamagama okanye amabinzana asemazwini weculo. Ukwangeza ekuculeni, usapho lwakho lungadlala izenzo ezihambelana nengoma okanye lumamele iingoma ngemva logama lusenza eminye imisebenzi. Ngeengcebiso ezithe vetshe, bona “Ukuquka uMculo oNgcwele Kufundo Lwakho lweVangeli” kwesi sixhobo.

Yabelana ngeZibhalo eziNgcwele ezineNtsingiselo

Nika amalungu osapho ixesha lokwabelana ngemihlathi yezibhalo ezingcwele awazifumeneyo kufundo lwawo.

Sebenzisani Awenu Amagama

Mema amalungu osapho ukuba ashwankathele ngamazwi awo oko akufundayo kwizibhalo enizifundayo.

Umfanekiso
ulutsha lunceda umntwana omncinane ukuba afunde izibhalo ezingcwele

Sebenzisani iZibhalo eziNgcwele Ebomini Benu

Emva kokufunda umhlathi kwizibhalo, cela amalungu osapho abelane ngeendlela umyalezo ongena ngawo kubomi bawo.

Buza uMbuzo

Mema amalungu osapho abuze umbuzo wevangeli, uze uchithe ixesha ukhangela imiqolo enako ukunceda ukuphendula umbuzo.

Bonisa iSibhalo

Khetha umqolo owufumana unentsingiselo, kwaye uwubonise apho amalungu osapho aya kuwubona rhoqo. Mema amanye amalungu osapho anikane amathuba ekhetha isibhalo sokubonisa.

Yenza uLuhlu lweZibhalo

Njengosapho, khethani imiqolo eliqela eningathanda ukuxoxa ngayo kule veki izayo.

Faka Elu iZibhalo eziNgcwele

Khethani umqolo wezibhalo onentsingiselo kusapho lwakho, kwaye umeme amalungu osapho awunkqaye ngokuwuphindaphinda rhoqo ngemihla ngemihla okanye ngokudlala umdlalo wokunkqaya.

Umfanekiso
abantu becula kunye ekhayeni

Yabelana ngeZifundo Zezinto

Fumana izinto ezihambelana nemigaqo yevangeli kwimihlathi yezibhalo ezingcwele eniyifundayo njengosapho. Mema amalungu osapho ukuba athethe malunga nendlela into nganye ehambelana ngayo kwiimfundiso ezikwizibhalo.

Khetha iSihloko

Vumela amalungu osapho athathe amathuba ukukhetha isihloko usapho oluza kusifunda kunye. Sebenzisani ISikhokelo Sezihloko, ISichazi-magama seBhayibhile, okanye ISikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org) ukufumana imihlathi yezibhalo ezingcwele ezimalunga nesihloko.

Zoba uMfanekiso

Fundani imiqolo embalwa njengosapho, kwaye niphe amalungu osapho ixesha lokuba azobe okuthile okunxulumene noko nikufundayo. Chithani ixesha nixoxa ngemizobo yenu.

Linganisani iBali

Emveni kokufunda ibali, mema amalungu osapho ukuba alinganise ibali. Emva koko, thethani ngokuba ibali linxulumene njani nezinto ozivayo ngokwakho nanjengosapho.

UMongameli Russell M. Nelson wathi: “Ndiyathembisa njengoko nisebenza ngenyameko ukwenza ikhaya lenu libe liziko lokufundela ivangeli, emva kwexesha, iintsuku zenu zeSabatha ziya kuba luyolo ngokwenene. Abantwana benu baya konwabela ukufunda nokuphila iimfundiso zoMsindisi, nempembelelo yotshaba ebomini benu nakwikhaya lenu iya kuncipha. Iinguqu kusapho lwenu ziya bakuba yinto enkulu nexhasayo” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga 2018,113).

Shicilela