ITestamente eNdala 2022
Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli


“Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022 (2021)

“Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli

Ukucula iingoma zabaNtwana Abaselula kunye namaculo kungakusikelela nosapho lwakho ngeendlela ezininzi. Ezi ngcebiso zinokukunceda usebenzise umculo oyingcwele njengoko uzabalazela ukufunda nokuphila ivangeli.

  • Funda imigaqo-siseko yemfundiso. Khangela iinyaniso ezifundiswe kwiingoma oziculayo okanye ozimameleyo. Oku kungakhokelela kwiingxoxo zevangeli malunga nezi nyaniso imini yonke. Cula okanye umamele iingoma zaseprayimari okanye amaculo afundisa ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Nika ingqalelo kwiindlela uMoya oyiNgcwele angqina ngazo uMsindisi kunye neemfundiso zaKhe.

  • Qaphela amandla omculo. Ukucula okanye ukumamela iingoma zasePrayimari kunye namaculo kunokuba yintsikelelo ngamaxesha emfuneko. Umzekelo, ukucula ingoma kunokuzolisa umntwana ngexesha lokulala, kunokwenza uvuyo njengoko usapho lwakho lusebenza kunye, kuphakamise ummelwane ogulayo, okanye kuthuthuzele umntu oziva enexhala.

  • Yabelana ngamava. Yabelana ngamava akho kunye nosapho ahambelana nemiyalezo yeengoma. Unokwabelana ngamabali ezibhalo ahambelana nawo.

  • Bandakanya usapho lwakho. Usapho lwakho luya kufunda ngakumbi kwiingoma ukuba luthatha inxaxheba. Ukuze ubandakanye amalungu osapho, ungamema umntwana osele ekhulile ukuba ancedise ekufundiseni ingoma kubantakwabo abancinane okanye umeme abantwana ukuba bafundise usapho ngengoma abayifunde ePrayimari. Unokuvumela amalungu osapho ukuba atshintshane ngokukhokela ingoma.

  • Yila nobuchule. Sebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokufunda umculo oyingcwele njengosapho. Umzekelo, ungasebenzisa izimbo zomzimba ezihamba namagama kunye namabinzana kwingoma. Okanye ninokutshintshana ngokulinganisa amaculo athile ngelixa amanye amalungu osapho ezama ukuqikelela ingoma. Usapho lwakho lunokonwabela ukucula iingoma ngezantya okanye amandla esandi ezahlukeneyo. I-app yeThala Leencwadi kunye ne app yeVangeli yaBantwana zinezandi ezishicilelweyo kunye nemifanekiso bhanya-bhanya ezinokukunceda ufunde iingoma. Unokwenza uluhlu lokudlala lomculo ongcwele omele ukuwumamela.

Ukufumana ezinye ingcebiso, jonga la macandeloUkusebenzisa uMculo ukufundisa imfundiso” kunye “Ukunceda abantwana bafunde kwaye bakhumbule iingoma zaseprayimari kunye namaculo,” zifumaneka kwi “Imiyalelo yexesha lokuCula kunye neNtetho yoMculo weSakramente yaBantwana” kwiCome, Follow Me—For Primary.-

Shicilela