ITestamente eNdala 2022
Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa


“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
umfazi efunda izibhalo ezingcwele ekhaya

Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ufundo lwakho lwelizwi likaThixo kwizibhalo.

Khangela iiNyaniso ezimalunga noYesu Krestu

Izibhalo zisifundisa ukuba zonke izinto zingqina ngoYesu Krestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ngoko ke cingisisa ngokubhala okanye ukrwele imiqolo efundisa ngoMsindisi kwaye nekufundisa indlela yokumlandela Yena.

Khangela aMagama kunye naMabinzana Aphembelelayo

Usenokufumana ukuba amagama namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa, ngokungathi ayebhalelwe wena ngqo. Angavakali ekufanele ngobunye kwaye akuphembelele kwaye akukhuthaze. Cingisisa ngokuwaphawula kwizibhalo zakho okanye uwabhale kwijenali yakho yokufunda.

Khangela iiNyaniso zeVangeli

Ngamanye amaxesha iinyaniso zevangeli (ixesha elininzi zibizwa iimfundiso okanye imigaqo) zibekwe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zibekwa njengomzekelo okanye njengebali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo?”

Mamela kuMoya Oyingcwele

Qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba azinxulumelenanga noko ukufundayo. Olo chukimiso lungayiyo kanye into uBawo oseZulwini afuna ukuba uyifunde.

Fanisa Izibhalo Nobomi Bakho

Cingisisa ngendlela amabali kunye neemfundiso ozifundayo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ungazibuza, “Ngawaphi amava endikhe ndanawo afanayo noku ndikufundayo?” okanye “Ndingawulandela kanjani umzekelo walo mntu ukwizibhalo?”

Buza Imibuzo Njengoko Ufunda

Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, imibuzo isenokufika engqondweni yakho. Le mibuzo inganxulumelana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cinga nzulu ngale mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubekeka ukufunda izibhalo.

Umfanekiso
ulutsha lufunda izibhalo ezingcwele ekhaya

Sebenzisa Uncedo Lofundo Lwezibhalo

Ukuzuza iimbono ezongezelelekileyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo engezantsi, ISikhokelo Sezihloko, ISichazi-magama seBhayibhile, ISikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org), kunye nolunye uncedo lofundo.

Cingisisa Ngokwemeko Yezibhalo

Ungafumana izimvo ezinentsingiselo malunga nesibhalo ukuba ucingisisa ngokwemeko yaso—iimeko okanye imo yesibhalo. Umzekelo, ukwazi imvelaphi kunye neenkolelo zabantu umprofeti athethe nabo kungakunceda uqonde ngcono injongo yamazwi akhe.

Bhala Iingcinga kunye Neemvakalelo Zakho

Zininzi iindlela zokubhala ukuchukumiseka okuzayo njengoko ufunda. Umzekelo, ungaphawula igama okanye ibinzana elinentsingiselo kwaye ubhale iingcinga zakho njengesikhumbuzo kwizibhalo zakho. Ungagcina ijenali yeengcinga, yeemvakalelo, kunye neyochukumiso olufumanayo.

Funda Amazwi abaProfeti nabaPostile beMihla yokuGqibela

Funda oko abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela bakufundisileyo malunga nemigaqo oyifumana kwizibhalo (umzekelo, bona conference.ChurchofJesusChrist.org kunye neeMagazine zeBandla).

Yabelana ngeeMbono

Ukuxoxa ngeembono eziphuma kufundo lwakho buqu akuyiyo indlela elungileyo kuphela yokufundisa abanye, kodwa ikwanceda yomeleze ukuqonda kwakho ngako oko ukufundayo.

Phila Ngoko Ukufundayo

Ufundo lwezibhalo akumelanga ukuba lusiphembelele kuphela kodwa kumele lusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Mamela oko uMoya okuchukumisela ukwenze njengoko ufunda, kwaye uzibophelele ukwenza intshukumo ngolo chukimiso.

UMdala David A. Bednar wathi: “Masingalindeli iBandla njengombutho ukuba lisifundise okanye lisixelele konke esimele ukukwazi kwaye sikwenze ukuze sibengabafundi abathembekileyo kwaye sinyamezele ngamandla kude kube sekupheleni [bona IMfundiso neMinqophiso 121:29]. Endaweni yoko, uxanduva lwethu kukufunda oko kufuneka sikufundile, siphile njengoko siyazi oko masikuphile, kwaye sibe ngabo iNkosi ingathanda ukuba sibe ngabo. Kwaye amakhaya ethu ayimeko ekugqibeleni efanele ukufunda, yokuphila kunye neyokuba njalo” (“Prepared to Obtain Every Needful Thing,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2019,102).

Shicilela