ITestamente eNdala 2022
Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho


“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho, 2022 (2021)

“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho, 2022

Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho

Senzelwe bani Esi siXhobo?

Esi sixhobo sesakhe wonke umntu ngamnye nosapho eBandleni. Senzelwe ukukunceda ufunde ivangeli—nokuba uwedwa okanye unosapho lwakho. Ukuba awuzange ufunde ivangeli rhoqo kwixesha elidlulileyo, lo mthombo unokukunceda ukuba uqalise. Ukuba sele unaso isimilo esilungileyo sokufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ubenamava anentsingiselo.

NdingasiSebenzisa Njani Esi siXhobo?

Sebenzisa esi sixhobo nangeyiphina indlela eluncedo kuwe. Ungafumana siluncedo njengesikhokelo okanye uncedo kwisifundo sakho wedwa kunye nesosapho. Ungasisebenzisa nakumhlangano wangorhatya wosapho. Ezi zishwankathelo zibonisa imigaqo ebalulekileyo efumaneka kwiTestamente eNdala, cebisa ngemibono yokufunda kunye nemisebenzi yabantu nganye kunye neentsapho, kwaye unikezele ngeendawo zokubhala iimvakalelo zakho.

Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho ayimelanga ukuba ithathe indawo okanye ikhuphisane nezinye izinto ezilungileyo ozenzayo. Landela inkokhelo yoMoya ukugqiba ngendlela yokujongana nofundo lwakho le lizwi likaThixo.

Umfanekiso
Isibini sifunda isibhalo ekhaya

Ingaba Esi siXhobo Sihambelana Njani Nento Eyenzeka eBandleni?

Izishwankathelo ezikwesi sixhobo zicwangciswe ngokuhambelana nokufunda kweveki. IUze, Undilandele izixhobo zaBantwana Abancinane, zeSikolo sangeCawa kunye neQumrhu loBubingeleli bukaAron kunye Amantombazane Amancinane zilandela ishedyuli efanayo. Iiklasi zilandela isingcwangciso sexesha esifanayo. Ukuxhasa imizamo yakho yokufunda kunye nokuphila ivangeli ekhaya, ootitshala bakho eBandleni baza kukunika ithuba lokwabelana ngamava akho, iingcinga, kunye nemibuzo yakho ngemihlathi yezibhalo ubuyifunda ekhaya.

Kuba iSikolo sangeSacawa sifundiswa kabini kuphela enyangeni, ootitshala beSikolo sangeCawe bangakhetha ukutsiba okanye badibanise izishwankathelo ukuze kugcinwe ukuhambelana kwesicwangciso sangeveki. Oku kunokuba yimfuneko (kwiSikolo sangeCawe kunye naBantwana Abancinane) ngeeveki xa iintlanganiso zeBandla zingaqhutywa rhoqo ngenxa yenkomfa yesiteyki okanye ezinye izizathu. Ngezi veki uyamenywa ukuba uqhubeke nokufunda iTestamente eNdala ekhaya.

Ndiyakudinga Ukulandela Isicwangciso?

Isicwangciso siyakukunceda ufunde ukhetho kwiTestamente eNdala kunye nePerile yeXabiso eliKhulu ngokuphela konyaka. Ukongeza, ukulandela isicwangciso esifanayo njengabanye kunokukhokelela kumava anentsingiselo ekhaya, ecaweni, nakwezinye iindawo. Kodwa ungaziva ubophelelekile sisicwangciso okanye unyanzelekile ukufunda yonke imiqolo; isicwangciso ngokulula sisikhokelo sokukunceda uzingcambazise ngesantya sakho. Okubalulekileyo kokokuba uyazifundela ivangeli uwedwa kunye nanjengosapho.

Qaphela malunga neSicwangciso sokuFunda kweTestamente eNdala

Isicwangciso esicetyisiweyo Uze, Undilandele ka–2022 ayibandakanyi zonke izahluko kwiTestamente eNdala. Ngenxa yokuba iTestamente eNdala inde kuneminye imiqulu yezibhalo, ezinye izahluko kunye neencwadi ziye zashiywa ukwenza isicwangciso sokufunda sikwazi ukulawuleka ngokungcono kuwe nakusapho lwakho.

Izahluko kunye neencwadi zakhethwa ukunqanda ukungafuneki kunye nokuqaqambisa imiqolo engqina ngoYesu Krestu, zityebile ngemfundiso, kwaye zibaluleke ngokukodwa kumhla wethu. Umzekelo, isicwangciso sokufunda esicetyisiweyo asibandakanyi eyoku-1neyesi-2 YeziKronike kuba uninzi lomxholo wezo ncwadi uphinda izinto ezifumaneka kwikweyoku-1kunye neyesi-2 YooKumkani . Esisicwangciso kananjalo asibandakanyi iNgoma kaSolomon, kuba uMprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba ayisosibhalo siphefumlelweyo (bona Isikhokelo kwiZibhalo, “INgoma kaSolomon,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Nangona kunjalo, khumbula ukuba sesicetyisiweyo nje esi isicwangciso sokufunda. Ukuzifundela kwakho wedwa kunye nokosapho lwakho kufuneka kukhokelwe sisityhilelo.

Shicilela