Isahluko 1UMoronayi ushwankathela imibhalo kaEtere—Umlibo kaEtere ubekwa phambili—Ulwimi lwamaYeredayithi alubhidaniswa kwiNkcochoyi yeBhabheli—INkosi ithembisa ukubakhokelela kwilizwe elikhethekileyo ize ibenze isizwe esikhulu. Isahluko 2AmaYeredayithi alungiselela uhambo lwawo oluya kulo ilizwe lesithembiso—Lilizwe elikhethekileyo apho abantu kufuneka bakhonze uKrestu okanye batshayelelwe kude—INkosi ithetha nomntakwabo Yerede kangangeeyure ezintathu—AmaYeredayithi akha izikhephe ezincinane ezikhaphukhaphu—INkosi icela umntakwabo Yerede ukuba acebe ukuba izikhephe ezincinane ezikhaphukhaphu zingakhanyiswa njani na. Isahluko 3Umntakwabo Yerede ubona umnwe weNkosi njengokuba yayichukumisa amatye alishumi elinesithandathu—UKrestu ubonisa umzimba Wakhe ongumoya kumntakwabo Yerede—Abo banolwazi olugqibeleleyo abanako ukuthintelwa ekudluleni ngaphakathi komkhusane—Izitoliki ziya lungiselelwa ukuzisa imbali yamaYeredayithi ekukhanyeni. Isahluko 4UMoronayi uyalelwa ukuba atywinele phezulu imibhalo yomntakwabo Yerede—Ayisayi kutyhilwa bade abantu babenokholo kwananjengomntakwabo Yerede—UKrestu uyalela abantu ukuba bawakholelwe amazwi Akhe nalawo abafundi Bakhe—Abantu bayalelwa ukuba baguquke bakholelwe yivangeli, baze basindiswe. Isahluko 5Amangqina amathathu nomsebenzi ngokwawo ziya kuma njengobungqina bobunyani beNcwadi kaMormoni. Isahluko 6Izikhephe zamaYeredayithi ezincinane ezikhaphukhaphu ziqhutywa ngumoya ukuya kulo ilizwe lesithembiso—Abantu badumisa iNkosi ngokulunga Kwayo—UOriha uyonyulwa abe ngukumkani phezu kwabo—UYerede nomntakwabo bayafa. Isahluko 7UOriha ulawula ngobulungisa—Phakathi kokuphangwa kwegunya neengxabano, izikumkani ezikhuphisanayo zikaShule noKohore ziyamiselwa—Abaprofeti bayayigxeka inkohlakalo nokukhonza izithixo kwabantu, abathi ke baguquka. Isahluko 8Kukho ingxabano nembambano malunga nobukumkani—UAkhish wenza isifungo sesibhambathiso seyelenqe elifihlakeleyo sokubulala ukumkani—Amayelenqe afihlakeleyo ngawomtyholi kwaye aba nesiphumo sokutshatyalaliswa kwezizwe—AbeeNtlanga bale mihla bayalunyukiswa ngokuchasene namayelenqe afihlakeleyo aya kuzungula ukubhukuqa inkululeko yawo onke amazwe, iintlanga, nezizwe. Isahluko 9Ubukumkani budlula komnye ukuya komnye ngokwelifa ubuqhophololo nokubulala—UEmeri wambona uNyana woBulungisa—Abaprofeti abaninzi bamemeza inguquko—Indlala neenyoka ezinobuhlungu zikhathaza abantu. Isahluko 10Omnye ukumkani ulandela omnye—Abanye bookumkani bangamalungisa; abanye bakhohlakele—Xa sukuba ubulungisa busongama, abantu bayasikelelwa baze baphunyeleliswe yiNkosi. Isahluko 11Iimfazwe, iimpikiswano, nenkohlakalo zilawula ubomi bamaYeredayithi—Abaprofeti baxela ngexa elingaphambili intshabalalo epheleleyo yamaYeredayithi ngaphandle kokuba bayaguquka—Abantu bayawala amazwi abaprofeti. Isahluko 12Umprofeti uEtere uyala abantu ukuba bakholelwe kuThixo—UMoronayi ubalisa imimangaliso neminqa eyenziwa ngokholo—Ukholo lwenza ukuba abenako umntakwabo Yerede ukumbona uKrestu—INkosi inika abantu ubuthathaka ukuze babe nokuthobeka—Umntakwabo Yerede wayishenxisa iNtaba iZerini ngokholo—Ukholo, ithemba, nothando lwenene ziyafuneka kulo usindiso—UMoronayi wambona uYesu ubuso ngobuso. Isahluko 13UEtere uthetha ngeYerusalem eNtsha eya kwakhiwa eAmerika yimbewu kaYosefu—Uyaprofetha, ukhutshelwa ngaphandle, ubhala imbali yamaYeredayithi, aze axele ngenxengaphambili intshabalalo yamaYeredayithi—Imfazwe iyagqutha phezu kwalo lonke ilizwe. Isahluko 14Ubugwenxa babantu buzisa isiqalekiso phezu kwelizwe—UKoriyantamri uhlasela ekulweni ngokuchasene noGiliyadi, emva koko uLib, noShiz emva koko—Igazi nendyikityha zigubungela ilizwe. Isahluko 15Izigidi zamaYeredayithi zibulawa edabini—UShiz noKoriyantamri bahlanganisa bonke abantu kumlo obulalayo—UMoya weNkosi uyapheza ukusebenza kubo—Isizwe samaYeredayithi sitshatyalaliswa ngokupheleleyo—NguKoriyantamri kuphela osalayo.