Isahluko 1ULihayi uprofetha ngelizwe lenkululeko—Imbewu yakhe iya kusasazwa ize ibethwe ukuba ikhanyela oNgcwele kaSirayeli—Uyalela oonyana bakhe ukuba bavathe isikrweqe sobulungisa. Malunga 588–570 P.K. Isahluko 2Inkululeko iza ngoMesiya oNgcwele—Inkululeko yokuzikhethela (ukuzikhethela) ibalulekile kubukho nakuqhubekeko—UAdam wawa ukuze abantu babekho—Abantu bakhululekile ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade. Malunga 588–570 P.K. Isahluko 3UYosefu eYiputa wawabona amaNifayithi kumbono—Waprofetha ngoJoseph Smith, imboni yemihla yokugqibela; ngoMoses, owaye eya kuhlangula uSirayeli; nokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni. Malunga 588–570 P.K. Isahluko 4ULihayi ucebisa kwaye asikelele inzala yakhe—Uyafa kwaye angcwatywe—UNifayi udumisa ukulunga kukaThixo—UNifayi ubeka ithemba lakhe eNkosini ngonaphakade. Malunga 588–570 P.K. Isahluko 5AmaNifayithi ayazahlula kumaLeymenayithi, bagcina umthetho kaMoses, kwaye akha itempile—Ngenxa yokungakholwa kwawo, amaLeymenayithi asikelwa ngaphandle kobuso beNkosi, ayaqalekiswa, kwaye aba sisibetho kumaNifayithi. Malunga 588–559 P.K. Isahluko 6UYakobi ubalisa imbali yamaYuda: Ukuthinjwa eBhabhilon nokubuya; ukufundisa nokubethelelwa koNgcwele kaSirayeli; uncedo olufunyenwe kubo abeeNtlanga; kwaye nobuyiselo lwamaYuda ngemihla yokugqibela akube ekholelwa kuMesiya. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 7UYakobi uqhubekeka efunda kuIsaya: UIsaya uthetha ngokomesiya—UMesiya uya kuthetha ngolwimi lwabafundileyo—Uya kubafulathela ababethi Bakhe—Akayi kubhidaniswa—Thelekisa noIsaya 50. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 8UYakobi uqhubekeka efunda kuIsaya: Ngemihla yokugqibela, iNkosi iya kuyithuthuzela iZiyon kwaye ihlanganise uSirayeli—Abakhululweyo baya kuza eZiyon phakathi kokugcoba okukhulu—Thelekisa Isaya 51 no 52:1–2. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 9UYakobi uchaza okokuba amaYuda aya kuhlanganiselwa kuwo onke amazwe awo esithembiso—Intlawulelo ihlawulela umntu ekuWeni—Imizimba yabafileyo iya kuvuka emangcwabeni, noomoya babo esihogweni naseparadesi—Iya kugwetywa—Intlawulelo isindisa ekufeni, esihogweni, kumtyholi, nasekuthuthumbeni okungenasiphelo—Amalungisa aya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo—Izohlwayo zezono zikhankanyiwe—ONgcwele kaSirayeli ngumgcini wesango. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 10UYakobi uchaza okokuba amaYuda aya kumbethelela emnqamlezweni uThixo wawo—Baya kusasazwa bade baqalise ukukholwa Kuye—IAmerika iya kuba lilizwe lelungelo apho kungayi kubakho kumkani ulawulayo—Zixolelaniseni noThixo nize nizuze usindiso ngenceba yobabalo Lwakhe. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 11UYakobi wambona uMkhululi wakhe—Umthetho kaMoses ufuzisela uKrestu kwaye ungqina ukuba Uya kuza. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 12UIsaya ubona itempile yemihla yokugqibela, ukuhlanganiswa kukaSirayeli, kwaye nomgwebo wemileniyam noxolo—Abanekratshi nabakhohlakeleyo baya kuthotywa ekuBuyeni kweSibini—Thelekisa Isaya 2. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 13UYuda neYerusalem baya kohlwaywa ngenxa yokungathobeli kwabo—INkosi iyabathethelela kwaye ibagwebe abantu Bayo—Iintombi zayo iZiyon ziyaqalekiswa kwaye zithuthunjiswe ngenxa yokuthanda izinto zehlabathi—Thelekisa Isaya 3. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 14IZiyon neentombi zayo ziya kukhululwa kwaye zihlanjululwe ngomhla weMileniyam—Thelekisa Isaya 4. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 15Isidiliya seNkosi (uSirayeli) siya kuba yinkangala, kwaye abantu Bayo baya kusasazwa—Amashwa aya kuhla phezu kwabo kwimo yabo yokreqo nemo yosasazo—INkosi iya kuphakamisa ibhanile kwaye ihlanganise uSirayeli—Thelekisa Isaya 5. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 16UIsaya ubona iNkosi—Izono zikaIsaya zixolelwe—Uyabizwa ukuba aprofethe—Uprofetha ngokwaliwa kweemfundiso zikaKrestu ngamaYuda—Intsalela iya kubuya—Thelekisa Isaya 6. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 17UEfrayim noAram baqhuba imfazwe ngokuchasene noYuda—UKrestu uya kuzalwa yintombi engazani nandoda—Thelekisa Isaya 7. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 18UKrestu uya kuba njengelitye lokukhubeka neliwa lesikhubekiso—Funani iNkosi, ingabi ngabalozayo abaneshologu—Guqukela kuwo umthetho nakubo ubungqina nize nifumane ukhokelo—Thelekisa Isaya 8. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 19UIsaya uthetha ngokukaMesiya—Abantu abasebumnyameni baya kubona ukukhanya okukhulu—Sizalelwe umntwana—Uya kuba yiNkosana yoXolo kwaye uya kulawula kuyo itrone kaDavide—Thelekisa Isaya 9. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 20Intshabalalo yeAsiriya ngumfuziselo wentshabalalo yabakhohlakeleyo ekuBuyeni kweSibini—Bambalwa abantu abaya kusala emva kokubuya kweNkosi kwakhona—Intsalela kaYakobi iya kubuya ngaloo mhla—Thelekisa Isaya 10. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 21Igatya esiphunzini sikaYese (uKrestu) liya kugweba ngobulungisa—Ulwazi ngoThixo luya kugqumelela umhlaba ngeMileniyam—INkosi iya kuphakamisa ibhanile ize ihlanganise uSirayeli—Thelekisa Isaya 11. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 22Ngomhla wemileniyam bonke abantu baya kuyidumisa iNkosi—Iya kuhlala phakathi kwabo—Thelekisa Isaya 12. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 23Ukutshatyalaliswa kweBhabhilon ngumfuziselo wentshabalalo ekuBuyeni kweSibini—Iya kuba ngumhla woburhalarhume nempindezelo—IBhabhilon (ihlabathi) iya kuwa ngonaphakade—Thelekisa Isaya 13. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 24USirayeli uya kuhlanganiswa kwaye uya kuxhamla ukuphumla kwemileniyam—ULusifa waye wakhutshelwa ngaphandle kwezulu ngenxa yemvukelo—USirayeli uya kuyoyisa iBhabhilon (ihlabathi)—Thelekisa Isaya 14. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 25UNifayi uyagcotyiswa kukucaca—Iziprofetho zikaIsaya ziya kuqondakala ngemihla yokugqibela—AmaYuda aya kubuya ukusuka eBhabhilon, ambethelele emnqamlezweni uMesiya, aze asasazwe kwaye abandezeleke—Aya kubuyiselwa xa sukuba ekholelwa kuMesiya—Uya kuza okokuqala ngamakhulu amathandathu eminyaka emva kokuba uLihayi eyishiyile iYerusalem—AmaNifayithi agcina umthetho kaMoses aze akholelwe kuKrestu, onguye oNgcwele kaSirayeli. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 26UKrestu uya kulungiselela kumaNifayithi—UNifayi wabona ngexesha elingaphambili intshabalalo yabantu bakhe—Baya kuthetha ukusuka eluthulini—AbeeNtlanga baya kwakha amabandla angeyonyaniso namayelenqe afihlakeleyo—INkosi ayibavumeli abantu ukuba bazixakekise ngobubingeleli bobuxoki. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 27Ubumnyama nokreqo ziya kugubungela umhlaba ngemihla yokugqibela—INcwadi kaMormoni iya kuza ngaphambili—Amangqina amathathu aya kungqina ngayo incwadi—Indoda efundileyo iya kuthi ayikwazi ukuyifunda incwadi etywiniweyo—INkosi iya kwenza umsebenzi omangalisayo nongummangaliso—Thelekisa Isaya 29. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 28Amabandla amaninzi angeyonyani aya kumiswa aphakanyiswe ngemihla yokugqibela—Aya kufundisa iimfundiso zobuxoki, ezingento, nezobuyatha—Ukreqo luya kwanda ngenxa yootitshala bobuxoki—Umtyholi uya kudwanguza ezintliziyweni zabantu—Uya kufundisa lonke uhlobo lweemfundiso zobuxoki. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 29Abaninzi abeeNtlanga baya kuyala iNcwadi kaMormoni—Baya kuthi, Asifuni Bhayibhile ingakumbi—INkosi ithetha nezizwe ezininzi—Iya kuligweba ihlabathi ngokuphuma kwiincwadi ezibhaliweyo. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 30AbeeNtlanga abaguqukileyo baya kubalwa nabantu bomnqophiso—Amaninzi amaLeymenayithi namaYuda aya kulikholelwa ilizwi aze avuyiseke—USirayeli uya kubuyiselwa baze abakhohlakeleyo batshatyalaliswe. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 31UNifayi uxela isizathu sokubhaptizwa kukaKrestu—Abantu kufuneka balandele uKrestu, babhaptizwe, bamkele uMoya oyiNgcwele, kwaye banyamezele kude kube sekupheleni ukuze basindiswe—Inguquko nobhaptizo zilisango eliya kuyo indlela ecutheneyo nemxinwa—Ubomi obunguNaphakade buza kwabo bayigcinayo imiyalelo emva kokubhaptizwa. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 32Iingelosi zithetha ngamandla oMoya oyiNgcwele—Abantu kufuneka bathandaze baze bazuze ulwazi ngokwabo kuwo uMoya oyiNgcwele. Malunga 559–545 P.K. Isahluko 33Amazwi kaNifayi ayinyani—Angqina ngoKrestu—Abo bakholwayo kuKrestu baya kuwakholelwa amazwi kaNifayi, aya kuthi eme nje ngobungqina phambi kwesihlalo sokugweba. Malunga 559–545 P.K.