2. Palmyra-Manchester, New York, 1820–1831
-
Joseph Smith Omkhu. iKhaya elakhiwe ngeZiqu zeMithi Ingelosi uMoronayi yabonakala kuJoseph Smith egumbini eliphezulu leli khaya ngoSeptemba 21–22, 1823 (khangela M—JS 1:29–47).
-
Fama kaJoseph Smith Omkhu. Le fama izii 40-zeehektare yaphuhliswa lusapho lwakwaSmith ukususela kowe-1820 kuye kowe-1829.
-
Hlathi eliNgcwele Umbono woKuqala kaJoseph Smith Omnci. wenzeka ehlathini ekuqalekeni kwentlakohlaza yowe-1820 (khangela M—JS 1:11–20).
-
Joseph Smith Omkhu. iKhaya leSakhelo Eli khaya laqaliswa ngowe-1822 nguAlvin Smith laza lahlalwa lusapho lakwaSmith ukususela kowe-1825 ukuya kowe-1829.
-
Nduli iCumorah Apha ingelosi uMoronayi yanika uMprofeti uJoseph Smith amacwecwe egolide ngoSeptemba 22, 1827 (khangela M—JS 1:50–54, 59).
-
Fama kaMartin Harris Le fama kwakubanjiswe ngayo kwaye inxenye yommandla wayo yathengiselwa ukushicilela iNcwadi kaMormoni.
-
E. B. Grandin Venkile yokuShicilela Iikopi ezingama-5,000 zeNcwadi kaMormoni zazishicilelwe apha ngowe-1829–1830.
-
Mfulana iHathaway Kulo mfula, wawubizwa rhoqo Mlanjana oGoso ngabahlali bakuqala, oluninzi ubhaptizo lwakuqala lweBandla lwenziwa kulo mfula.