Uncedo lweZifundo
4. Kirtland, Ohio, 1830–1838


4. Kirtland, Ohio, 1830–1838

Imaphu zembali Yebandla 4

Mn

Fama kaMorley

Mlambo iChagrin

iya eWilloughby

iya eMentor

Mzimveliso wamaplanga

Markell Ndlela

Litye loKusila iGrist

Ziza zokuBhaptizela

Khaya likaWhitney

iya ePainesville

Venkile kaWhitney

Ndawo yoKusuka iZikhumba

Ndlu yabaHambi iJohnson

Sikolo

Cowdery Sitalato

Ashery

Mfula iStoney

Khaya likaJoseph Smith Omnci.

Venkile yeZinto ngeZinto kaJoseph Smith Omnci.

iya eChardon

eMangcwabeni

Whitney Sitalato

Ofisi yoShicilelo

Tempile iKirtland

Khaya likaSidney Rigdon

Bhanki

Chillicothe Ndlela

Joseph Sitalato

Khaya likaHyrum Smith

IiMitha

0 150 300

A B C D

1 2 3 4

1

2

3

4

5

6

7

  1. Khaya iNewel K. Whitney UJoseph noEmma bahlala apha iiveki eziliqela emva kokuba bafudukela okokuqala eKirtland ngowe-1831. UJoseph wafumana apha izityhilelo eziliqela.

  2. Fama iIsaac Morley UJoseph noEmma Smith bahlala apha ukususela ngoMatshi kwada kwaba nguSeptemba 1831. Ababingeleli bokuqala abakhulu babemiselwe apha. UJoseph wasebenza uGuqulelo lweBhayibhile lukaJoseph Smith (GJS).

  3. Venkile iNewel K. Whitney UBumongameli boKuqala beBandla bazinikelwa izitshixo zobukumkani apha. ISikolo saBaprofeti sahlangana apha ngethuba lasebusika bowe-1833. UGJS lwalukwimo yokugqityezelwa apha ngowe-1833. UJoseph noEmma babehlala apha ukususela ngowe-1832 ukuya kowe-1833. UJoseph wafumana izityhilelo ezininzi apha.

  4. Ndlu yabaHambi iJohnson Indlu yabahambi yayineofisi yokuqala yoshicelelo eKirtland. IEvening and the Morning Star yashicilelwa apha emva kokutshatyalaliswa koshicilelo lokushicilela eJackson Khawunti, eMissouri. ABapostile abaLishumi elineSibini bemka besuka apha ngoMeyi 4, 1835 besiya kwiimishini zabo zokuqala.

  5. Khaya likaJoseph Smith Omnci. UJoseph noEmma bahlala apha ukususela ekupheleni kowe-1833 kuye kowe-1838 ekuqaleni. Uguqulelo lwencwadi ka-Abraham lwagqitywa, kwaye uJoseph apha wafumana izityhilelo eziliqela.

  6. Ofisi yoShicilelo Lectures on Faith (Izifundo ngoKholo) zanikwa kwesi sakhiwo. ABapostile abaLishumi elineSibini neKhorum yoKuqala yabangaMashumi aSixhenxe babizwa baze bamiselwa apha. IMfundiso neMinqophiso (uhlelo loku-1), iNcwadi kaMormoni (uhlelo lwesi-2), The Evening and the Morning Star, Latter Day Saints’ Messenger and Advocate, nezinto zokuqala ezithile ze-Elders’ Journal zashicilelwa apha.

  7. Tempile iKirtland Le tempile yaba yeyokuqala kweli xesha lokuzihlanganisela. UYesu Krestu wabonakala waza wayamkela itempile. UMoses, uEliyasi, noEliya babonakala baza babuyisela izitshixo zobubingeleli ezithile (khangela I&M 110). ISikolo saBaprofeti kanjalo sahlangana apha. Izityhilelo zafunyanwa apha: I&M 109–110; 137.

    Kirtland NgoAgasti 17, 1835, iMfundiso neMinqophiso zamkelwa njengesibhalo. Izityhilelo zafunyanwa eKirtland zibandakanya I&M 41–50; 52–56; 63–64; 72; 78; 84–98; 101–104; 106–110; 112; 134; nese 137. Icandelo 104 salatha ukuba iipropathi ezithile zinikelwe njengobugosa kumalungu eBandla athabatha inxaxheba kucwangco olumanyeneyo (khangela iivesi 19–46).