GJS, KumaHebhere 4:3. Thelekisa namaHebhere 4:3
Abo bazenza lukhuni iintliziyo zabo abayi kusindiswa; abo baguqukayo baya kungena eluphumlweni lweNkosi.
3 Kuba thina sakholwayo siyangena ekuphumleni, njengoko atshoyo, Njengoko ndafungayo ndinengqumbo, Ukuba bazenza lukhuni iintliziyo zabo abasayi kungena ekuphumleni kwam; kanjalo, ndifungile, Ukuba abayi kuzenza lukhuni iintliziyo zabo, baya kungena ekuphumleni kwam; nangona imisebenzi kaThixo yayilungisiwe, (okanye igqityiwe,) ukususela kwisiseko sehlabathi.