ISihlomelo soGuqulelo lukaJoseph Smith INtshayeleloOkulandelayo ziziqephu zoGuqulelo lukaJoseph Smith zeBhayibhile lweNgxelo kaKing James (GJS). INkosi yaphembelela uMprofeti uJoseph Smith abuyisele iinyaniso zezicatshulwa zeBhayibhile kaKing James ezazithe zaba nokulahleka okanye zatshintshwa ukususela kumazwi okuqala abhalwayo. Ezi nyaniso zibuyiselweyo zicacisa imfundiso kwaye ziphucule ukuqondakala kwesibhalo. GJS, IGenesis GJS, IGenesis 1–8Esi siqendwana seBhayibhile sabuyiselwa nguJoseph Smith kwaye sipapashwe kwiPerile yeXabiso eliKhulu njengeziKhetho ezivela kwiNcwadi kaMoses. GJS, IGenesis 9Emva koNogumbe, uNowa wacela iNkosi ingawuqalekisi umhlaba kwakhona. GJS, IGenesis 14UMelkitsedeke usikelela uAbram. Ubufundisi obukhulu bukaMelkitsedeke namandla neentsikelelo zoBubingeleli bukaMelkitsedeke ziyachazwa. GJS, IGenesis 15UAbraham ufunda ngoVuko aze abone umbono wobufundisi basenyameni bukaYesu. GJS, IGenesis 17Abantu bayasilela ukuthobela imimiselo yevangeli, kubandakanya nobhaptizo. UThixo uchazela uAbraham umnqophiso wolwaluko nobudala bokuziphendulela kwabantwana. GJS, IGenesis 19ULote umelana nenkohlakalo yaseSodom, kwaye iingelosi ziyamkhusela. GJS, IGenesis 21UAbraham unqula uThixo wanaphakade. GJS, IGenesis 48UEfrayim noManase baba zizizwe zikaSirayeli. Kanye njengoko uYosefu wamandulo wasindisa usapho lwakhe okwethutyana, izizukulwana zakhe ziya kusindisa uSirayeli ngokwasemoyeni kwimihla yokugqibela. GJS, IGenesis 50UYosefu eYiputa waprofetha ngoMoses ekhulula amaSirayeli ebukhobokeni bamaYiputa; begatya lezizukulwana zikaYosefu zikhokelelwa kwilizwe elikude, apho ziya kukhunjulwa kumnqophiso weNkosi; kaThixo ebiza umprofeti wemihla yokugqibela ogama linguJoseph ahlanganise iirekhodi zikaYuda nezikaYosefu; nezika-Aron zisebenza njengomthetheli kaMoses. GJS, IEksodus GJS, IEksodus 4INkosi ayinatyala ngokuqaqadeka kwentliziyo kaFaro. Bona kanjalo GJS, IEksodus 7:3, 13; 9:12; 10:1, 20, 27; 11:10; 14:4, 8, 17; isikhokelo ngasinye, xa siguqulelwe ngokuchanekileyo, sibonisa ukuba uFaro wayiqaqadekisa intliziyo eyiyakhe. GJS, IEksodus 18UYitro ngumbingeleli omkhulu. GJS, IEksodus 22Ababulali abayi kudla ubomi. GJS. IEksodus 32INkosi iya kuwasindisa amaSirayeli aya kuguquka. GJS, IEksodus 33Akukho mntu ongumoni unako ukububona ubuso bukaThixo aze aphile. GJS, IEksodus 34UThixo kwakhona ubhala umthetho emacwecweni elitye alungiswe nguMoses kodwa uthatha uBubingeleli bukaMelkitsedeke nemimiselo yabo kubantwana bakaSirayeli. Ubanika umthetho wemiyalelo yenyama endaweni yabo. GJS, IDuteronomiEmacwecweni amabini anjengawokuqala uThixo utyhila umnqophiso wanaphakade wobubingeleli obungcwele. GJS, Ⅰ SamuweliUmoya ombi uza phezu koSawule ungaveli eNkosini. GJS, Ⅱ SamuweliIsono sikaDavide esikhulu asilityalwanga nguThixo. GJS, Ⅰ IziKronikeUThixo uyekisa ingelosi ekutshabalaliseni iYerusalem. GJS, Ⅱ IziKronikeINkosi ayiwubeki umoya wobuxoki emilonyeni yabaprofeti. GJS, IiNdumiso GJS, IiNdumiso 11Ngemihla yokugqibela amalungisa aya kubalekela entabeni yeNkosi. Xa iNkosi ibuya, Iya kutshabalalisa abakhohlakeleyo ize ikhulule amalungisa. GJS, IiNdumiso 14Umbhali weeNdumiso ubona ukulahleka kwenyaniso kwimihla yokugqibela kwaye ujonga phambili ekusekweni kweZiyon. GJS, IiNdumiso 24UKumkani woZuko uya kukhulula abantu Bakhe ekubuyeni Kwakhe. GJS, IiNdumiso 109Simele ukuthandazela iintshaba zethu. GJS, UIsaya GJS, Isaya 29Imiyalezo eyashunyayelwa ngaphambili eYerusalem ngabaprofeti bamandulo iya kushunyayelwa ngemihla yokugqibela isuka kwiNcwadi kaMormoni, eyeza ngaphambili “iphuma emhlabeni.” GJS, UIsaya 42INkosi ithumela abakhonzi Bayo bafundise abo bathe bakhetha ukungaboni okanye ukungeva inyaniso; abo bevayo baze bathobele baya kwenziwa bagqibelele. GJS, UYeremiyaINkosi ayiguquki; abantu bayaguquka. GJS, UAmosINkosi ayiguquki; abantu bayaguquka. GJS, UMateyu GJS, UMateyu 3Abaprofeti baxela ngaphambili okokuba iBhetelehem iya kuba yindawo yokuzalwa kukaMesiya. GJS, UMateyu 4UYesu unyuswa nguMoya, ingenguye uSathana. GJS, UMateyu 5Lowo ugcina imiyalelo aze afundise abanye ukwenza njalo uya kusindiswa. GJS, UMateyu 6INkosi ayisingenisi ekulingweni. GJS, UMateyu 7Musani ukugweba ngokungalungileyo. GJS, UMateyu 9UYesu akalwamkelanga ubhaptizo lwabaFarisi; alunaxabiso kuba abamamkeli Yena. Ubhengeza okokuba Yena unguye owanika umthetho kaMoses. GJS, UMateyu 11UYohane uMbhaptizi nguEliya ebeya kuza aze alungiselele uMsindisi indlela. GJS, Mateyu 12Nabani na othetha ngokuchasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa. GJS, UMateyu 13Phambi kwesiphelo sehlabathi (ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo), izithunywa ezithunywe ezulwini ziya kuhlanganisa amalungisa phakathi kwabakhohlakeleyo. GJS, UMateyu 16UYesu uchaza okokuba kuthetha ukuthini “ukuthatha umnqamlezo woyedwa”: kukuzivimba konke ukungahloneli uthixo nako konke ukunyoluka kwehlabathi uze ugcine imiyalelo Yakhe. GJS, UMateyu 17UYesu ufundisa ngooEliya ababini—omnye alungiselele kwaye omnye abuyisele. GJS, UMateyu 18Abantwana abancinane abanamfuneko yenguquko. GJS, UMateyu 19Abantwana abancinane baya kusindiswa. GJS, UMateyu 21Umntu makaguquke phambi kokuba abe nako ukukholwa kuKrestu. GJS, UMateyu 23Lowo usezulwini ngumdali wethu. GJS, UMateyu 26UYesu kuqala uqhekeza isonka somthendeleko aze asisikelele. Umthendeleko ukuyo inkumbulo yomzimba kaYesu negazi. GJS, UMateyu 27Ukufa kukaYuda kuyachazwa. GJS, UMarko GJS, UMarko 2UNyana woMntu yiNkosi yeSabatha ngenxa yokuba Yona yenza umhla weSabatha. GJS, UMarko 3UYesu uya kuxolela bonke aboni abaguqukayo ngaphandle kwabo banyelisa ngokuchasene noMoya oyiNgcwele. GJS, Marko 7UYesu ugweba abo bala abaprofeti kwaye bangawuthobeli umthetho kaMoses GJS, UMarko 8Nabani ozimisele ukufa ngenxa kaYesu uya kuzuza usindiso. GJS, UMarko 9UYohane uMbhaptizi useNtabeni yoKwenziwa kuMila Kumbi. GJS, UMarko 12UThixo akaThixo wabafileyo, ngoba Yena uvusa abafileyo emangcwabeni abo. GJS, UMarko 14UYesu uqalisa umthendeleko kuyo inkumbulo yomzimba negazi Lakhe. GJS, UMarko 16Ingelosi ezimbini zibulisa abafazi engcwabeni loMsindisi. GJS, ULuka GJS, ULuka 1UZekariya, uyise kaYohane uMbhaptizi, wenza imisebenzi yobubingeleli. GJS, ULuka 2Abefundisi etempileni babephulaphula uYesu baye bembuza imibuzo. GJS, ULuka 3UKrestu uya kuza njengoko kwaprofethwayo azise usindiso kuSirayeli nakwiiNtlanga. Ekuzalisekeni kwamaxesha, Uya kuza kwakhona agwebe ihlabathi. GJS, ULuka 6UYesu ufundisa okokuba kulunge ngakumbi ukunyamezela intshutshiso kunokusukuzana notshaba. GJS, ULuka 9Ukuzuza ubutyebi behlabathi akuxabisekanga kunokulahlekelwa ngumphefumlo woyedwa. GJS, ULuka 11Ukuzaliseka kwezibhalo sisitshixo solwazi. GJS, ULuka 12UYesu uchaza ukuba unyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele aluyi kuxolelwa. GJS, ULuka 14Abo bamaziyo uMoses nabaprofeti bayakholelwa kuYesu. GJS, ULuka 16Umthetho nabaprofeti ungqina ngoYesu. AbaFarisi bafuna ukutshabalalisa ubukumkani. UYesu wazisa umzekeliso wendoda esisityebi noLazaro. GJS, ULuka 17Ubukumkani bukaThixo sebufikile. GJS, ULuka 18Ukuthembela ebutyebini kuthintela umntu ekungeneni ebukumkanini bukaThixo. GJS, ULuka 21UYesu uthetha ngeminye imiqondiso yokubuya Kwakhe. GJS, ULuka 23UYesu ucelela uxolelo lwamadoda omkhosi amaRoma ambethelela emnqamlezweni. GJS, ULuka 24Abafazi ababini babona iingelosi ezimbini ngasengcwabeni likaYesu. GJS, UYohane GJS, UYohane 1Ivangeli kaYesu Krestu ishunyayelwe ukususela ekuqaleni. UYohane uMbhaptizi unguEliyasi olungiselela indlela uYesu, kwaye uYesu Krestu unguEliyasi obuyisela zonke izinto kwaye luza ngaye usindiso. GJS, UYohane 4AbaFarisi bafuna ukubulala uYesu. Yena wenza inxenye yobhaptizo, kodwa abafundi Bakhe benza ngaphezulu. GJS, UYohane 6Intando kaBawo yeyokuba bonke bamkele uYesu. Abo benza intando kaYesu baya kuvuswa eluvukweni lwamalungisa. GJS, UYohane 13UYesu uhlamba iinyawo zaBapostile ezalisekisa umthetho wamaYuda. GJS, UYohane 14Inkosana yobumnyama, okanye uSathana, ngoweli hlabathi. GJS, Izenzo GJS, Izenzo 9Abo bakunye noPawulos ekuguqulweni kwakhe babona ukukhanya, kodwa abanako ukuliva ilizwi okanye abanako ukuyibona iNkosi. GJS, Izenzo 22Umthetheli-waka wamkhulula uPawulos kumakhamandela akhe. GJS, KwabaseRoma GJS, Kwabase Roma 3UPawulos ufundisa ukuba umntu akanako ukwenza ububi ukuze azise ukulunga. GJS, KwabaseRoma 4Abantu banako kuphela ukusindiswa ngofefe lukaYesu Krestu, ingeyiyo imisebenzi enxulumene nokugcina umthetho kaMoses. GJS, KwabaseRoma 7Kuphela nguKrestu onamandla okuguqula ngokungenasiphelo imiphefumlo yabantu. GJS, KwabaseRoma 8Abo balandela emva kweendlela zenyama abanako ukukholisa uThixo. GJS, KwabaseRoma 13Abo bahlonela abasemagunyeni boluntu banika imbeko yabo kuThixo kakhulu ngakumbi nangokugqibelele ngakumbi. GJS, Ⅰ KwabaseKorinte GJS, Ⅰ KwabaseKorinte 7UPawulos ufundisa ukuba umtshato uyafuneka. Abo bazibiza njengabafundisi, kanti ke, basebenzela uThixo ngcono ukuba bahlala bengatshatanga ngethuba lobufundisi babo. GJS, Ⅰ KwabaseKorinte 15EluVukweni kukho amaqondo amathathu obuqaqawuli. GJS, Ⅱ KwabaseKorinteUPawulos ucebisa abaNgcwele bangahlali emva kohlobo lwenyama. GJS, KumaGalatiUMoses ngumlamleli womnqophiso wokuqala okanye umthetho. UYesu Krestu ngumlamleli womnqophiso omtsha. GJS, Kwabase-EfeseIngqumbo engendawo isisono. GJS, KwabaseKoloseImiyalelo yabantu inokuba nexabiso ekufundiseni izinto ezinjalo njengokuziqeqesha, kodwa zinganiki Thixo imbeko nakusindisa mntu. GJS, Ⅰ KwabaseTesalonikaAbo bantu bangamalungisa badle ubomi ekuzeni kweNkosi abayi kubaphangela amalungisa alele ukufa. GJS, Ⅱ KwabaseTesalonikaUSathana uya kubangela ukuwa okanye ukreqo phambi kokuba iNkosi ibuye. GJS, Ⅰ KuTimoti GJS, Ⅰ KuTimoti 2UKrestu nguNyana oKuphela koZelweyo noMlamli. GJS, Ⅰ KuTimoti 3IBandla lisekelwe kwimigaqo ebaluleke kakhulu okokuba uYesu waba yinyama efayo, wafundisa ivangeli, kwaye wabuyela kuYise. Qaphela: Utshintsho oluncinane kwiivesi ezilandelayo zicinezela okokuba “intsika nesiseko senyaniso” nguYesu Krestu. GJS, Ⅰ KuTimoti 6Abo banokukhanya bokungafi (kwevangeli) okuhleli kubo banako ukumbona uYesu. GJS, KumaHebhere GJS, KumaHebhere 1Izithunywa zilungiselela oomoya. GJS, KumaHebhere 4Abo bazenza lukhuni iintliziyo zabo abayi kusindiswa; abo baguqukayo baya kungena eluphumlweni lweNkosi. GJS, KumaHebhere 6Imfundiso kaKrestu ikhokelela kwingqibelelo. GJS, KumaHebhere 7UMelkitsekede wayengumbingeleli emva kohlobo loNyana kaThixo. Bonke abo bafumana obu bubingeleli banako ukufana noNyana kaThixo. GJS, KumaHebhere 11Ukholo kukuqiniseka ngezinto ezithembekileyo. GJS, EkaYakobi GJS, EkaYakobi 1Iinkxwaleko, ingezizo izilingo, zinceda ekusingcwaliseni. GJS, EkaYakobi 2Amalungu akamele ukuthatha umntu omnye abe ngaphezu komnye. GJS, Ⅰ KaPetros GJS, Ⅰ KaPetros 3Abanye oomoya abasekukhonkxweni babengalunganga ngemihla kaNowa. GJS, Ⅰ KaPetros 4Ivangeli ishunyayelwa kwabo bafileyo. GJS, Ⅱ KaPetros.Ngemihla yokugqibela, abantu abaninzi baya kuyikhanyela iNkosi uYesu Krestu. Xa Isiza, iintlekele zendalo ezininzi ziya kwenzeka. Ukuba sinyamezela sisebulungiseni, siya kuzuza umhlaba omtsha. GJS, Ⅰ KaYohane GJS, Ⅰ KaYohane 2UKrestu ngumthetheleli wethu noYise ukuba siyaguquka. GJS, Ⅰ KaYohane 3Nabani na ozelwe nguThixo akaqhubeki esonweni. GJS, Ⅰ KaYohane 4Kuphela ngabantu abakholwayo kuThixo abanako ukumbona Yena. GJS, IsiTyhilelo GJS, IsiTyhilelo 1UYohane uMpostile ufumana iziprofetho kwincwadi yeZityhilelo. Utyelelwa nguYesu Krestu nengelosi. GJS, IsiTyhilelo 2Abakhohlakeleyo baphoselwa esihogweni. GJS, IsiTyhilelo 5Izicaka ezilishumi elinesibini zikaThixo zithunyelwe kuwo wonke umhlaba. GJS, IsiTyhilelo 12UYohane uchaza imizekeliso yomfazi, umntwana, intonga yesinyithi, inamba, noMikayeli. Imfazwe eyaqala ezulwini iqhubekeka emhlabeni. Qaphela utshintsho lolandelelwano lweevesi kuGJS. GJS, IsiTyhilelo 19UThixo usebenzisa ilizwi likaKrestu ekubetheni izizwe.