Uncedo lweZifundo
GJS, UYohane 4


GJS, UYohane 4:1–4. Thelekisa noYohane 4:1–2

AbaFarisi bafuna ukubulala uYesu. Yena wenza inxenye yobhaptizo, kodwa abafundi Bakhe benza ngaphezulu.

1 Xa ke ngoko abaFarisi beva ukuba uYesu wenza kwaye wabhaptiza abafundi abagqithisileyo kunoYohane,

2 Bafuna ngenyameko engakumbi ezinye indlela zokokuba babe nokumbulala; kuba abaninzi bamkela uYohane njengomprofeti, kodwa abazange bakholwe kuYesu.

3 Ngoku iNkosi yakwazi oku, nakubeni ke ngokwakhe ebengabhaptizanga abaninzi kangako njengabafundi bakhe;

4 Kuba wabavumela ukuba kubengumzekelo, ekhetha omnye kunomnye.

GJS, UYohane 4:26. Thelekisa noYohane 4:24

UThixo uthembisa ngoMoya Wakhe kwabakholwayo benene.

26 Kuba kwaba njalo uThixo uthembise ngoMoya wakhe. Kwaye abo ke bamnqulayo, bamelwe kukumnqula ngomoya nangenyaniso.

Shicilela