Uncedo lweZifundo
GJS, IEksodus 4


GJS, IEksodus 4:21. Thelekisa ne-Eksodus 4:21; 7:3, 13; 9:12; 10:1, 20, 27; 11:10; 14:4, 8, 17; IDuteronomi 2:30

INkosi ayinatyala ngokuqaqadeka kwentliziyo kaFaro. Bona kanjalo GJS, IEksodus 7:3, 13; 9:12; 10:1, 20, 27; 11:10; 14:4, 8, 17; isikhokelo ngasinye, xa siguqulelwe ngokuchanekileyo, sibonisa ukuba uFaro wayiqaqadekisa intliziyo eyiyakhe.

21 Kwaye iNkosi yathi kuMoses, Xa wena uhamba ubuyela eYiphutha, bona ukuba wena wenza yonke loo mimangaliso phambi koFaro, endiyibeke esandleni sakho, kwaye ndiya kukuphumelelisa; kodwa uFaro uya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, kwaye ke akayi kubandulula abantu.

GJS, IEksodus 4:24–27. Thelekisa ne-Eksodus 4:24–27

Xa iNkosi yayisongela ukubulala uMoses ngokungolusi unyana wakhe, uTsipora wabusindisa ubomi bakhe ngokwenza ummiselo ngokwakhe. UMoses wasivuma isono sakhe.

24 Kwaye kwenzekile, okokuba iNkosi yabonakala kuye njengoko wayesendleleni, ngasendlwini yabahambi. INkosi yayinomsindo kuMoses, kwaye isandla sayo sasiseza kuwa phezu kwakhe, ukuba imbulale; kuba wayengathanga wamalusa unyana wakhe.

25 Ngoko ke uTsipora wathabatha ilitye elibukhali waza wamalusa unyana wakhe kwaye waphosa ilitye ezinyaweni zakhe, waza wathi, Inene wena ungumyeni wegazi kum.

26 Yaye iNkosi yamsindisa uMoses kwaye ke yamyeka wahamba, ngenxa yokuba uTsipora, umfazi wakhe, wamalusa umntwana. Kwaye wathi, Wena ungumyeni wegazi. Kwaye ke uMoses waba neentloni, waye wabufihla ubuso bakhe eNkosini, kwaye wathi, ndonile phambi kweNkosi.

27 Kwaye iNkosi yathi kuAron, Hamba ungene entlango uhlangabeze uMoses, kwaye ke wahamba waza wamhlangabeza, kwintaba kaThixo; kwintaba apho uThixo wabonakala kuye; kwaye uAron wamanga.

Shicilela