Izibhalo
2 Nifayi 14


Isahluko 14

IZiyon neentombi zayo ziya kukhululwa kwaye zihlanjululwe ngomhla weMileniyam—Thelekisa Isaya 4. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngaloo mhla, abafazi abasixhenxe baya kubambelela ndodeni-nye, besithi: Siya kudla esethu isonka, kwaye sambathe ezethu iingubo; kuphela nje sivumele sibizwe ngegama lakho ukuze kusuke ukungcikiveka kwethu.

2 Ngaloo mhla isebe leNkosi liya kubukeka kwaye libe nobuqaqawuli; isiqhamo somhlaba sibalasele kwaye sibe sihle kubo abo basabayo kwaSirayeli.

3 Kwaye kuya kwenzeka, abo baseleyo eZiyon baze basale eYerusalem baya kubizwa ngokuba bangcwele, bonke ababhalwe phakathi kwabaphilayo eYerusalem—

4 Xa sukuba iNkosi ibuhlambile ubunyhuku-nyhuku beentombi zayo iZiyon, kwaye ilihlambulule igazi leYerusalem phakathi kwayo ngomoya wokugweba nangomoya wokutshisa.

5 Kwaye iNkosi iya kudala phezu kwayo yonke indawo yokuhlala yentaba yeZiyon, naphezu kweendibano zabo, ilifu nomsi emini nokukhazimla kwamadangatye omlilo ngobusuku; kuba ngaphezu kwabo bonke ubuqaqawuli bayo iZiyon buya kuba lukhuseleko.

6 Kwaye kuya kubakho umnquba womthunzi emini ebushushwini, nendawo yokuzimela, nekhusi kulo uqhwithela, isiphango nasemvuleni.

Shicilela