Izibhalo
2 Nifayi 16


Isahluko 16

UIsaya ubona iNkosi—Izono zikaIsaya zixolelwe—Uyabizwa ukuba aprofethe—Uprofetha ngokwaliwa kweemfundiso zikaKrestu ngamaYuda—Intsalela iya kubuya—Thelekisa Isaya 6. Malunga 559–545 P.K.

1 Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndabona kananjalo iNkosi ihleli phezu kwetrone, inyukile kwaye iphakanyiselwe phezulu, amasondo eengubo zayo ezalise itempile.

2 Ngentla kwayo kumi iiserafi; iyileyo inamaphiko amathandathu; ngamabini yayizigqume ubuso bayo, kwaye ngamabini izigqume iinyawo zayo, kwaye ngamabini yaye iphaphazela.

3 Kwaye enye yaye yadanduluka kwenye, yaza yathi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele, iNkosi yeMikhosi; umhlaba wonke uzaliswe bubuqaqawuli bayo.

4 Yaza yashukuma imigubasi yesango ngenxa yezwi lalowo wadandulukayo, nendlu yazaliswa ngumsi.

5 Ndathi ke mna: Yeha phezu kwam! kuba nditshatyalalisiwe; ngenxa yokuba ndiyindoda emilebe iyinqambi; kwaye ndihleli phakathi kwabantu abamilebe iyinqambi; kuba amehlo am ambonile uKumkani, iNkosi yeMikhosi.

6 Yaphaphazela ke enye yeeserafi yeza kum, iphethe ilahle elivuthayo esandleni sayo, eyayilithabathe ngeziphatho ezazisesibingelelweni;

7 Kwaye yalibeka emlonyeni wam, yaza yathi: Yabona, eli lahle liyichukumisile imilebe yakho; kwaye ubugwenxa bakho bususiwe, kwaye nesono sakho sihlanjululwe.

8 Kananjalo ndeva ilizwi leNkosi, lisithi: Ngubani na endingamthumayo, kwaye ngubani na oya kusiyela? Ndathi ke: Ndikho; thuma mna.

9 Yaza yathi: Hamba uze uxelele aba bantu—Phulaphulani ngenene, kodwa abazange babe nakuqonda; kwaye nibone ngenene, kodwa abazange babe nakubona.

10 Zityebise iintliziyo zabo aba bantu, uze uzenze iindlebe zabo zibe zizithulu, uze uwavale amehlo abo—hleze babone ngamehlo abo, baze beve ngeendlebe zabo, baze baqonde ngentliziyo yabo, baze baguquke baze baphiliswe.

11 Ndathi ke mna: Nkosi, kode kube nini na? Waza wathi: Zide izixeko zidilizwe kungekho mmi, nezindlu zingabi namntu, kwaye nelizwe libe yinkangala ngokupheleleyo;

12 Kwaye neNkosi ide ibe ibashenxisele kude abantu, kuba kuya kubakho ukuncama okukhulu phakathi kwelizwe.

13 Kodwa kusaya kubakho isahlulo seshumi, kwaye siya kubuya, kwaye siya kudliwa, ngokungathi singumthi womterebhinti, nanjengom-oki osiphunzi sawo sikuwo noxa amagqabi sele ewile; ke ngoko imbewu engcwele iya kuba sisiphunzi sawo.

      • UMZ. malunga nama-750 P.K.

      • UMZ. amasondo engubo yakhe, okanye imibhinqo yayo.

      • HEB iziseko zemigubasi zashukuma.

      • HEB sikelwa ngaphandle; umz., wayongangelwe sisazela sezono zakhe nezabantu bakhe.

      • UMZ. umqondiso wokuhlanjululwa.

      • UMZ. Njengomthi, nangona amagqabi awo asasaziweyo, ubomi nokuba nako ukunika imbewu kodwa ihlale kuwo.

Shicilela