INcwadi kaYaromi
Isahluko 1
AmaNifayithi agcina umthetho kaMoses, ekhangele phambili ekufikeni kukaKrestu, kwaye aphumelele elizweni—Abaprofeti abaninzi basebenza ukuze bagcine abantu endleleni yenyaniso. Malunga 399–361 P.K.
1 Ngoku qaphelani, mna, Yaromi, ndibhala amazwi ambalwa ngokwemiyalelo kabawo, uEnoshe, ukuze umlibo wethu ube nokugcinakala.
2 Kwaye njengokuba la macwecwe emancinane, kwaye nanje ngokuba ezi zinto zibhalwe ngenjongo yokunceda abazalwana bethu amaLeymenayithi, ngako oko, kuyimfuneko okokuba ndibhale kancinane nje; kodwa andisayi kuzibhala izinto zokuprofetha kwam, nazityhilelo zam. Kuba yintoni endingayibhalayo engakumbi kunezo zibhalwe ngoobawo? Kuba ingaba abalityhilanga na icebo losindiso? Ndithi kuni, Ewe; kwaye oku kundanele.
3 Qaphelani, kufanelekile okokuba kwenziwe okuninzi phakathi kwesi sizwe, ngenxa yobulukhuni beentliziyo zabo, nobuthulu beendlebe zabo, nokumfameka kweengqondo zabo, nokuqina kweentamo zabo; nangona kunjalo, uThixo unenceba egqithisileyo kubo, kwaye akakabatshayeli basuke ebusweni belizwe ngokwakaloku nje.
4 Kwaye kukho abaninzi phakathi kwethu abanezityhilelo ezininzi, kuba asingabo bonke abantamo ziqinileyo. Kwaye abaninzi abangaqinanga ntamo kwaye benokholo, banobudlelwane kunye noMoya oyiNgcwele, ozibonakalisayo izinto kubantwana babantu, ngokokholo lwabo.
5 Kwaye ngoku, qaphelani, amakhulu amabini eminyaka adlula, kwaye abantu bakaNifayi baba nokomelela elizweni. Bakuqwalasela ukuwugcina umthetho kaMoses nomhla wesabatha ungcwele eNkosini. Kwaye abawungcolisanga; bengawenyelisanga nokuwenyelisa. Kwaye imithetho yelizwe yaye ingqongqo ngokugqithisileyo.
6 Kwaye babesasazeke phezu kweendawo ezininzi zobuso belizwe, namaLeymenayithi kanjalo. Kwaye babeyintlaninge ngokugqithisileyo kunokuba babenjalo abamaNifayithi; kwaye babekuthanda ukubulala kwaye besela igazi lezilwanyana.
7 Kwaye kwenzekile okokuba aye eza amaxesha amaninzi ngokuchasene nathi, maNifayithi, ukuze alwe idabi. Kodwa ookumkani bethu neenkokeli zethu babomelele kakhulu elukholweni lweNkosi; kwaye babafundisa abantu iindlela zeNkosi; ngako oko, saba nokumelana nawo amaLeymenayithi kwaye sawatshayelela kude aphuma emihlabeni yethu, saza saqalisa ukuzinqabisa izixeko zethu, okanye nayiphina indawo yelifa lethu.
8 Kwaye saye saphinda-phindana ngokugqithisileyo, kwaye sanaba phezu kobuso belizwe, kwaye sanobutyebi obugqithisileyo ngegolide, nesilivere, nezinto zexabiso, nezinto ezicwengileyo ezisetyenzwe ngomthi, ngezakhiwo, nakoomatshini, kananjalo kwisinyithi nekopolo, nobhedu nentsimbi, senza zonke iintlobo zezixhobo zokusebenza zazo zonke iindidi ukuze silime umhlaba, nezikhali zemfazwe—ewe, netolo olunentloko ebukhali, nesingxobo setolo, netolo elitsolo elunomsila, nentshuntshe, nalo lonke uhlobo lokulungiselela imfazwe.
9 Kwaye ngenxa yokuba sazilungiselela njalo ukuhlangana namaLeymenayithi, awazange abenempumelelo ngokuchasene nathi. Kodwa ilizwi leNkosi laqinisekiswa, eyalithethayo koobawo bethu, ithetha oku: Kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kuphumelela elizweni.
10 Kwaye kwenzekile okokuba abaprofeti beNkosi baye baboyikisa abantu bakaNifayi, ngokwelizwi likaThixo, okokuba ukuba abayigcini imiyalelo, kodwa basuke bawele ekwaphuleni umthetho, baya kutshatyalaliswa basuke ebusweni belizwe.
11 Ngako oko, abaprofeti, nababingeleli, notitshala, baye basebenza ngenkuthalo, bebaluleka ngawo wonke umonde abantu ukuba babenenkuthalo; bebafundisa imithetho kaMoses, kwaye nenjongo eyayinikelwe yona; bebathundeza ukuba bakhangele phambili kuye uMesiya, bakholelwe ekuzeni kwakhe ngokungathi usele efikile. Kwaye babafundisa ngolu hlobo.
12 Kwaye kwenzekile okokuba ngokwenza njalo babakhusela ekutshatyalalisweni phezu kobuso belizwe; kuba baye babahlaba iintliziyo zabo ngelizwi, beqhubeka ukubashukumisela ekubeni baguquke.
13 Kwaye kwenzekile okokuba amakhulu amabini namashumi asibhozo eminyaka adlula—ngohlobo lweemfazwe, neembambano, neempikiswano, kangangethuba lexesha elininzi.
14 Kwaye mna, Yaromi, andibhali okungakumbi, kuba amacwecwe mancinane. Kodwa qaphelani, bazalwana bam, nisenakho ukuya kwamanye amacwecwe kaNifayi; kuba qaphelani, phezu kwawo kukrolwe iimbali zeemfazwe zethu, ngokwemibhalo yookumkani, okanye kwezo mbali abathi benza ukuba zibhalwe.
15 Kwaye ndinikezela amacwecwe ezandleni zonyana wam uOmnayi, ukuze agcinwe ngokwemiyalelo yoobawo.