INcwadi kaMoronayi
Isahluko 1
UMoronayi ubhalela ukunceda amaLeymenayithi—AmaNifayithi angasayi kumkhanyela uKrestu ayabulawa. Malunga E.K. 401–421.
1 Ngoku mna, Moronayi, emva kokuba ndiphezile ukushwankathela ingxelo yabantu bakaYerede, ndandicinge ukuba andingebhali okungakumbi, kodwa okwangoku andikatshabalali; kwaye andizazisi kumaLeymenayithi hleze anditshabalalise.
2 Kuba qaphelani, iimfazwe zawo zoyikeka ngokugqithisileyo phakathi kwawo; kwaye ngenxa yentiyo yawo abulala wonke umNifayithi ongasayi kumkhanyela uKrestu.
3 Kwaye mna, Moronayi, andisayi kumkhanyela uKrestu; ngako oko, ndihamba-hamba naphina apho ndinako ukuze kusinde ubomi bam.
4 Ngako oko, ndibhala ezinye ezimbalwa izinto, ngokuphikisana noko bendikucinga; kuba bendicinge ukuba ndingaphindi ndibhale; kodwa ndibhala ezinye ezimbalwa izinto, ukuze mhlawumbi zingaba nexabiso kubazalwana bam, amaLeymenayithi, ngamhla uthile ozayo, ngokwentando yeNkosi.